Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 8


Icandelo 8

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuOliver Cowdery, eHarmony ePennsylvania, Aprili 1829. Ngeli thuba loguqulelo lweNcwadi kaMormoni, uOliver, owaqhubekeka esebenza njengonobhala, ebhala ebizelwa nguMprofeti, wanqwenela ukusikelelwa ngesipho sokuguqulela. INkosi yaphendula isicengo sakhe ngokumnika esi sityhilelo.

1–5, Isityhilelo siza ngamandla oMoya oyiNgcwele; 6–12, Ulwazi lweemfihlelo zikaThixo namandla okuguqulela iimbali eza ngokholo.

1 aOliver Cowdery, inene, inene, ndithi kuni, ngokuqinisekileyo njengoko iNkosi iphila, enguThixo wakho noMkhululi wakho, nangona kuqiniseke njalo uya kufumana bulwazi lwazo naziphina izinto oya ckuzicela uselukholweni, unentliziyo enyanisekileyo, ukholelwa ukuba uya kufumana ulwazi olunxulumene nemikrolo dyeembali ezindala, zamandulo, eziqulethe ezoo nxenye zezibhalo zam esekuthethwe ngazo elubonakaliso loMoya wam.

2 Ewe, qaphela, ndiya akukuxelela engqondweni yakho bnasentliziyweni yakho, cngoMoya oyiNgcwele, oya kuza phezu kwakho kwaye oya kuhlala entliziyweni yakho.

3 Ngoku, qaphela, lo ngumoya wesityhilelo; qaphela, lo ngumoya awathi ngawo uMoses wazisa abantwana bakaSirayeli angoLwandlwe oluBomvu emhlabeni owomileyo.

4 Ke ngoko esi sisipho sakho; ziqhelanise naso, kwaye usikelekile wena, kuba siya kukhulula ezandleni zeentshaba zakho, xa, ngaba bekungenjalo, beziya kukubulala zize zizisele umphefumlo wakho kwintshabalalo.

5 Owu, khumbula la amazwi, uze ugcine imiyalelo yam. Khumbula, esi sisipho sakho.

6 Ngoku esi asisiso isipho sakho sonke; kuba unesinye isipho, esisipho sika-Aron; qaphela, sikuxelele izinto ezininzi;

7 Qaphela, akukho amanye amandla, ingengawo amandla kaThixo, anako ukwenza isipho sika-Aron sibe kunye nawe.

8 Ke ngoko, uze ungathandabuzi, kuba sisipho sikaThixo; kwaye uya kusiphatha ezandleni zakho, uze wenze imisebenzi engummangaliso; kwaye akukho mandla aya kuba nako ukusilihlutha ezandleni zakho, kuba singumsebenzi kaThixo.

9 Kwaye, ke ngoko, nayiphina into oya kuyicela kum emandikuxelele yona ngezoo ndlela, leyo ndiya kukunika, kwaye uya kuba nolwazi ngokunxulumene nayo.

10 Khumbula okokuba ngaphandle akokholo akunakwenza nto; ke ngoko cela uselukholweni. Uze ungafekethi ngezi zinto; musa bukucela oko ungazukwenza nto ngako.

11 Celela okokuba ube nokwazi iimfihlelo zikaThixo, nokokuba aunganokuguqulela uze ufumane ulwazi oluvela kwezoo mbali zamandulo ebezifihliwe, ezinyulu; kwaye ngokokholo kuya kwenzeka kuwe.

12 Qaphela, ndim lowo ukuthethileyo; kwaye ndikwanguye lowo wathethayo kuwe ukususela ekuqaleni. Amen.