Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 22


Icandelo 22

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eManchester, eNew York, Aprili 16, 1830. Esi sityhilelo sanikwa eBandleni ngesiphumo sabanye ababebhaptizwe ngaphambili abebenqwenela ukuzimanya neBandla ngaphandle kokuba baphindwe ukubhaptizwa.

1, Ubhaptizo ngumnqophiso omtsha nowanaphakade; 2–4, Ubhaptizo olugunyazisiweyo luyafuneka.

1 Qaphelani, ndithi kuni okokuba yonke aiminqophiso emidala ndenza ukuba iyekwe kule nto; kwaye lo bngumnqophiso omtsha nowanaphakade, nkqu lowo wawukho ukususela ekuqalekeni.

2 Ngako oko, nangona umntu amele ukubhaptizwa amaxesha alikhulu akumenzeli nto oko, kuba akanako ukungena esangweni elithe tye angomthetho kaMoses, bnangamisebenzi yakhe efileyo.

3 Kuba kungenxa yemisebenzi yakho efileyo okokuba ndibe ndenze lo mnqophiso wokugqibela neli bandla ukuba lakhelwe mna, nkqu njengemihla yakudala.

4 Ngako oko, ngena aesangweni, njengoko ndiyaleleyo, kwaye bungafuni ukucebisa uThixo wakho. Amen.