Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 24


Icandelo 24

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti no-Oliver Cowdery, eHarmony ePennsylvania, Julayi 1830. Nangona ngaphantsi nje kweenyanga ezine ezadlulayo ukususela iBandla lasekwayo, intshutshiso yathi yagqithisa, kwaye iinkokeli kwafuneka zifune ukhuseleko kwindawo yethutyana. Izityhilelo ezilandelayo ezithathu zanikwa ngeli xesha ukomeleza, ukukhuthaza, nokubayalela.

1–9, UJoseph Smith ubizelwe ukuguqulela, ukushumayela, nokucacisa izibhalo; 10–12, UOliver Cowdery ubizelwe ukushumayela ivangeli; 13–19, Umthetho utyhiliwe ngokunxulumene nemimangaliso, iziqalekiso, ukususa uthuli ezinyaweni zoyedwa, kwaye bahambe ngaphandle kwesipaji okanye kwengxowa yomphako.

1 Qaphela, wena wabizwa kwaye wakhethelwa ukubhala iNcwadi kaMormoni, nakubulungiseleli bam; kwaye ndikuphakamisile ndakukhupha kwiimbandezelo zakho, kwaye ndicebisene nawe, okokuba wena ndikukhulule kuzo zonke iintshaba zakho, kwaye wena ukhululwe emandleni kaSathana nasebumnyameni!

2 Nangona kunjalo, wena awuxolelwanga aebugwenxeni bakho; nangona kunjalo, hamba indlela yakho kwaye ungabuyi wone.

3 aZukisa iofisi yakho; kwaye emva kokuba uthe wena watyala amasimi waze wawakhusela, yiya ngokukhawuleza kwibandla beliseColesville, eFayette, naseManchester, kwaye baya ckukuxhasa wena; kwaye ndiya kuba sikelela kunye emphefumlweni nasenyameni;

4 Kodwa ukuba abakwamkeli wena, ndiya kuthumela phezu kwabo isiqalekiso endaweni yentsikelelo.

5 Kwaye wena uya kuqhubeka ubiza kuThixo egameni lam, kwaye ubhala izinto eziya kunikwa wena anguMonwabisi, kwaye ucacisa zonke izibhalo ebandleni.

6 Kwaye uya kunikwa oko wena ngethuba kanye wena oko uya akuthetha uze ukubhale, kwaye baya kukuva oko, okanye ndiya kuthumela kubo isiqalekiso endaweni yentsikelelo.

7 Kuba wena uya kunikela wonke aumsebenzi wakho eZiyon; kwaye koku wena uya kuba nokomelela.

8 Yiba anomonde bezimbandezelweni, kuba wena uza kuba nezininzi; kodwa czinyamezele, kuba, yabona, mna ndikunye nawe, nkqu ukuya desiphelweni semihla yakho.

9 Kwaye emisebenzini enzima yenyama wena awusayi kuba nokomelela, kuba oku akulilo ubizo lwakho. Kholosa aelubizweni lwakho kwaye wena apho uya kuzukisa iofisi yakho kwaye ucacise zonke izibhalo, uze uqhubekeke ekubekeni izandla nokuqinisa amabandla.

10 Kwaye umzalwana wakho uOliver uya kuqhubekeka ethwele igama lam phambi kwehlabathi, kananjalo ebandleni. Kwaye akayi kuthelekelela ukuba unako ukuthetha ngokwaneleyo kwinjongo yam; kwaye yabona ndikunye naye ukuya esiphelweni.

11 Kum uya kuba nozuko, kwaye olungelulo olwesiqu sakhe, nokokuba kusebuthathakeni okanye ekomeleleni, nokokuba kusebukhobokeni okanye enkululekweni;

12 Kwaye ngawo onke amaxesha, kwaye endaweni zonke, uya kuwuvula umlomo wakhe aze aabhengeze ivangeli yam njengokungathi kungelizwi blexilongo, kunye emini nasebusuku. Kwaye ndiya kumnika ukomelela okungazange kwaziwe phakathi kwabantu.

13 Ungafuni aimimangaliso, ngaphandle kokuba ndiya bkuyalela, ngaphandle ckokukhuphela ngaphandle doomtyholi, eukuphilisa abagulayo, nangokuchasene fneenyoka ezinobuhlungu, nangokuchasene neetyhefu ezibulalayo;

14 Kwaye aezi zinto awusayi kuzenza, ngaphandle kokuba zifuniwe kuwe ngabo abo bazinqwenelayo, ukuze izibhalo zibe nokuzalisekiswa; kuba uya kwenza ngokunxulumene noko kubhaliweyo.

15 Kwaye nakuyo nayiphina indawo uya akungena, kwaye bangakwamkeli egameni lam, uya kushiya isiqalekiso endaweni yentsikelelo, ngokususa buthuli ezinyaweni zakho ngokuchasene nabo njengobungqina, kwaye uhlambe iinyawo zakho ecaleni kwendlela.

16 Kwaye kuya kwenzeka okokuba nabani abo baya kubeka izandla zabo phezu kwakho ngomsindo, uya kuyalela ukuba babethwe egameni lam; kwaye, qaphela, ndiya kubabetha ngokunxulumene emazwini akho, ngexesha lam elilunge kum.

17 Kwaye nabani na lowo uya kuya nawe emthethweni uya kuqalekiswa ngumthetho.

18 Kwaye awusayi kuthabatha asipaji nokokuba sisipaji sempahla, namisimelelo, nazidyasi zimbini, kuba ibandla liya kukunika kwilixa wena onemfuno yokutya neyesambatho, neyezihlangu, neyemali, nesipaji sempahla.

19 Kuba wena ubizelwe aukuthena isidiliya sam ngokuthena okunamandlakazi, ewe, nkqu ngexesha lokugqibela; ewe, kananjalo bonke abo uthe wena bwabamisela, kwaye uya kwenza ngokufanayo ngokunxulumene nalo mfuziselo. Amen.