Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 25


Icandelo 25

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHarmony, ePennsylvania, Julayi 1830 (bona isihloko secandelo 24). Esi sityhilelo sibonakalisa intando yeNkosi kuEmma Smith, inkosikazi yoMprofeti.

1–6, UEmma Smith, inenekazi elonyuliweyo, ubizelwe ukuncedisa nokuthuthuzela umyeni wakhe; 7–11, Kananjalo ubizelwe ukubhala, ukucacisa izibhalo, nokukhetha amaculo ebandla; 12–14, Ingoma yamalungisa ngumthandazo eNkosini; 15–16, Imigaqo yokuthobela kwesi sityhilelo isebenza kubo bonke.

1 Phulaphula ilizwi leNkosi uThixo wakho, ngethuba endithetha nawe, Emma Smith, ntombi yam; kuba inene ndithi kuwe, bonke abo abamkela ivangeli yam bangonyana neentombi bebukumkanini bam.

2 Isityhilelo endisinika wena ngokunxulumene nentando yam; kwaye ukuba wena uthembekile kwaye auhamba ezindleleni bzobulungisa phambi kwam, ndiya kubugcina ubomi bakho, kwaye wena uya kufumana cilifa eZiyon.

3 Qaphela, aizono zakho zixolelwe, kwaye ulinenekazi elonyuliweyo, endithe bndalibiza.

4 Ungambombozeli ngenxa yezinto ongathanga wena awazibona, kuba awuzinikwanga wena kunye nehlabathi, ezibubulumko obukum kwixesha elizayo.

5 Kwaye iofisi yobizo lwakho iya kuba ayeyokuthuthuzela isicaka sam, uJoseph Smith, Omnci., umyeni wakho, kwiimbandezelo zakhe, ngamazwi okuthuthuzela, emoyeni nobulali.

6 Kwaye wena uya kuhamba naye ngexesha lokuhamba kwakhe, kwaye ube ngunobhala wakhe, xa kungekho namnye ongunobhala wakhe, kuba ndinokuthumela isicaka sam, uOliver Cowdery, naphina apho ndithanda khona.

7 Kwaye wena uya akumiselwa phantsi kwesandla sakhe ucacise izibhalo, nasekukhuthazeni ibandla, ngokunxulumene njengoko kuya kunikwa kuwe ngoMoya wam.

8 Kuba uya kubeka aizandla zakhe phezu kwakho, kwaye wena uya kwamkela uMoya oyiNgcwele, kwaye ixesha lakho uya kulinikela ekubhaleni, nasekufundeni okukhulu.

9 Kwaye wena akuyomfuneko ukuba woyike, kuba umyeni wakho uya kukuxhasa wena ebandleni; kuba kulo alubizo lwakhe, ukuze zonke izinto zibe bnokutyhilwa kubo, nayiphina into endiya kuyityhila, ngokunxulumene nokholo lwabo.

10 Kwaye inene nditsho kuwe okokuba wena uya kubekela bucala aizinto zeli bhlabathi, kwaye cufune izinto ezingcono.

11 Kwaye kuya kunikwa wena, kanjalo, ukwenza ukhetho alwamaculo ebandla anyulu, njengoko kuya kunikwa wena, oko kundikholisayo mna, kube kokwebandla lam.

12 Kuba umphefumlo wam uyayigcobela aingoma byentliziyo; ewe, ingoma yamalungisa ingumthandazo kum, kwaye iya kuphendulwa ngentsikelelo phezu kweentloko zawo.

13 Ngako oko, yiphakamisele phezulu intliziyo yakho kwaye ugcobe, kwaye unamathele kwiminqophiso othe wena wayenza.

14 Qhubekeka emoyeni awobulali, kwaye ulilumkele bikratshi. Yekela umphefumlo wakho ugcobele kumyeni wakho, nozuko oluya kuza phezu kwakhe.

15 Gcina imiyalelo yam ngokuqhubeka, kwaye aisithsaba bsobulungisa wena uya kusifumana. Kwaye ngaphandle kokuba wena wenze oku, apho ndikhona cawunako ukuza.

16 Kwaye inene, inene, ndithi kuwe, okokuba eli alilizwi lam kubo bonke. Amen.