Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 122


Icandelo 122

Ilizwi leNkosi eliya kuJoseph Smith uMprofeti, xa wayelibanjwa entolongweni eLiberty, eMissouri. Eli candelo lisisicatshulwa esivela kwileta eya eBandleni ebhalwe ngoMatshi 20, 1839 (bona kwizihloko zecandelo 121).

1–4, Iziphelo zomhlaba ziya kuphanda ngegama likaJoseph Smith; 5–7, Onke amanzithinzithi akhe nemigudu aya kumnika amava aze abe luncedo lwakhe; 8–9, UNyana woMntu uhlele ngezantsi kwabo bonke.

1 Iziphelo zomhlaba ziya kuphanda angegama lakho, neziyatha ziya kukwenza intlekisa, nesihogo siya kuba nomsindo ngokuchasene nawe;

2 Ngexesha abahlambulukileyo iintliziyo, nabalumkileyo, nabahloniphekileyo, nabanesidima, baya kufuna rhoqo aicebo, negunya, neentsikelelo ezivela phantsi kwesandla sakho.

3 Kwaye abantu bakho abasayi kujikwa ngokuchasene nawe ngobungqina babangcatshi.

4 Kwaye nangona impembelelo yabo iya kukuphosela enkathazweni, nakwimivalo neendonga, wena uya kuba lapho ngembeko; kwaye aokomzuzwana ilizwi lakho liya koyikeka ngakumbi phakathi kweentshaba kunomgqumo bwengonyama enoburhalarhume, ngenxa yobulungisa bakho; kwaye uThixo wakho uya kuma ngakuwe ngonaphakade kanaphakade.

5 Ukuba wena ubizelwe ukudlula kwinkxwaleko; ukuba wena usemanzithinzithini phakathi kwabazalwana bobuxoki; ukuba wena usemanzithinzithini phakathi kwaba phangi; ukuba wena usemanzithinzithini ngomhlaba okanye ngolwandle;

6 Ukuba wena utyholwe ngohlobo lonke lwezityholo zobuxoki; ukuba iintshaba zakho zivela phezu kwakho, ukuba ziya kukuxobula zikususa eluntwini lukayihlo nonyoko nabantakwenu noodade; nokokuba ngekrele eliphakanyisiweyo iintshaba zakho zikuxobula zikususe esifubeni senkosikazi yakho, nasenzaleni yakho, nakunyana wakho omkhulu, nangona nje eminyaka emithandathu ubudala, uya kuncamathela ezingubeni zakho, kwaye uya kuthi, Bawo wam, bawo wam, kutheni ungenako ukuhlala nathi? Owu, bawo wam, yintoni amadoda aza kuyenza ngawe? nokokuba ngoko uya kuphoswa esuswa kuwe ngekrele, kwaye uya kutsalelwa entolongweni, neentshaba zakho zizulazulela igazi lemvu zikujikeleza anjengeengcuka;

7 Nokokuba wena umele ukuphoselwa emngxunyeni, okanye ezandleni zababulali, kwaye isigwebo sokufa sibekwe phezu kwakho; ukuba unokuphoswa aenzonzobileni; ukuba ukugaleleka okwenza ngokwamaza kwenza iyelenqe ngokuchasene nawe; ukuba imimoya enoburhalarhume iba lutshaba lwakho; ukuba amazulu ahlanganisa ubumnyama, nazo zonke izinto zihlanganela ukurhanqela indlela; nangaphezu konke, ukuba imihlathi kanye byesihogo iya kuvula umlomo kakhulu ngokukhamnqeka kuwe, yazi wena, nyana wam, ukuba zonke ezi zinto ziya kukunika camava, kwaye aya kuba ngawoncedo lwakho.

8 aUNyana woMntu buhlele ngezantsi kubo bonke. Wena umkhulu ngakumbi na kunaye?

9 Ke ngoko, bambelela endleleni yakho, kwaye ububingeleli buya akusala nawe; ngenxa yokuba bimida yabo imiselwe, ayinako ukudlula. cImihla yakho iyaziwa, neminyaka yakho ayisayi kubalwa nganeno; ke ngoko, dmusa ukoyika oko abantu banako ukukwenza, kuba uThixo uya kuba nawe ngonaphakade kanaphakade.