Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 29


Icandelo 29

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, kukho abadala abathandathu, eFayette, eNew York, Septemba 1830. Esi sityhilelo sanikwa iintsuku ezithile phambi kwenkomfa, eqala ngoSeptemba 26, 1830.

1–8, UKrestu uyabahlanganisa abonyulwa Bakhe; 9–11, Ukuza kwakhe kuboniswa kwiMileniyam; 12–13, AbaLishumi elineSibini baya kugweba wonke uSirayeli; 14–21, Imiqondiso, izibetho, nemiqwebedu ziya kwandulela ukuBuya kweSibini; 22–28, Uvuko lokugqibela nomgwebo wokugqibela zilandela iMileniyam; 29–35, Zonke izinto zezomoya eNkosini; 36–39, Umtyholi neengelosi zakhe bakhutshelwa ngaphandle kwezulu ukuhenda abantu; 40–45, UKuwa neNtlawulelo zizisa usindiso; 46–50, Abantwana abancinane bakhululwa ngeNtlawulelo.

1 Mamelani elizwini likaYesu Krestu, uMkhululi wenu, uNdinguye oMkhulu, ongalo yakhe yenceba ihlawulele izono zenu;

2 Oya kuhlanganisa abantu bakhe nkqu njengesikhukukazi sihlanganisela amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso, nkqu njengabaninzi njengoko beya kuphulaphula ilizwi lam kwaye bazithobe phambi kwam, kwaye bacele kum ngomthandazo onamandla amakhulu.

3 Qaphela, inene, inene, ndithi kuni, okokuba ngeli xesha izono zenu zixolelwe, ke ngoko nifumana ezi zinto; kodwa khumbulani ningoni kwakhona, hleze iingozi zibe ziya kuza kuni.

4 Inene, ndithi kuni okokuba nonyulelwe ngaphandle kwehlabathi ukubhengeza ivangeli yam ngesandi sokugcoba, njengokungathi kungelizwi lexilongo.

5 Phakamisani iintliziyo zenu kwaye nivuye, kuba ndiphakathi kwenu, kwaye ndingumthetheli wenu ndikunye noBawo; kwaye yintando yakhe elungileyo ukuninika ubukumkani.

6 Kwaye, njengokuba kubhaliwe—Nantoni na eniya kuyicela ngokholo, nimanyene emthandazweni ngokunxulumene nomyalelo wam, niya kuyifumana.

7 Kwaye nibizelwe ukwenza intlanganisela yabanyulwa bam; kuba abanyulwa bam bayaliva ilizwi lam baze bangaziqaqadekisi iintliziyo zabo;

8 Ngako oko umiselo uthe wahambela phambili usuka kuBawo wokokuba baya kuhlanganiselwa kwindawo enye phezu kobuso beli lizwe, ukulungisa iintliziyo zabo kwaye balungiswe kuzo zonke izinto ezichasene nomhla xa inkxwaleko nentshabalalo ziya kuthunyelwa phezu kwabakhohlakeleyo.

9 Kuba ilixa likufutshane nomhla sewufikile xa umhlaba uvuthiwe; kwaye bonke abanekratshi nabo benza ngokukhohlakeleyo baya kuba njengeendiza; kwaye ndiya kubatshisa, itsho iNkosi yemiKhosi, okokuba inkohlakalo ayisayi kuba phezu komhlaba;

10 Kuba ilixa likufutshane, kwaye oko kwathethwa ngabapostile bam kumele kuzalisekiwe; kuba njengoko bathethayo njalo kuya kuthi kwenzeke;

11 Kuba ndiya kusityhila isiqu sam ukusuka ezulwini ngamandla nobuqaqawuli obukhulu, kunye nezihlwele zawo, kwaye zihlale ebulungiseni kunye nabantu emhlabeni iminyaka eliwaka, kwaye abakhohlakeleyo abasayi kuma.

12 Kwaye kwakhona, inene, inene, ndithi kuni, kwaye kuthe kwahambela phambili umiselo ongqingqwa, ngentando kaBawo, wokokuba abapostile bam, abaLishumi elineSibini abo babekunye nam kubulungiseleli bam eYerusalem, baya kuma ngasekunene kwam ngomhla wokuza kwam ndikwintsika yomlilo, benxitywe iingubo zobulungisa, nezithsaba ezintlokweni zabo, besebuqaqawulini nkqu njengokuba ndinjalo mna, kugweba indlu kaSirayeli iphelele, nkqu njengoko abaninzi bandithandayo baze bagcina imiyalelo yam, kwaye ingeyiyo enye into.

13 Kuba ixilongo liya kukhala kunye kude nangokukhwaza, nkqu njengaphezu kweNtaba iSinayi, kwaye wonke umhlaba uya kunyikima, kwaye baya kuza ngaphambili—ewe, nkqu abafileyo abafela kum, beze kufumana isithsaba sobulungisa, kwaye banxityiswe, nkqu njengoko ndinjalo mna, babe nam, ukuze sibe nokuba banye.

14 Kodwa, qaphelani, ndithi kuni okokuba phambi kokufika kwaloo mini nkhulu ilanga liya kuba mnyama, kwaye inyanga iya kujika ibe ligazi, kwaye iinkwenkwezi ziya kuwa ezulwini, kwaye kuya kubakho imiqondiso emikhulu ngakumbi ezulwini ngasentla nasemhlabeni ezantsi;

15 Kwaye kuya kubakho izikhalo nezijwili phakathi kwezihlwele zabantu;

16 Kwaye kuya kubakho isichotho esikhulu esithunyelwe ngaphambili ukutshabalalisa izityalo zomhlaba.

17 Kwaye kuya kwenzeka, ngenxa yenkohlakalo yehlabathi, ngokuba ndiya kuthabatha impindezelo phezu kwabakhohlakeleyo, kuba abasayi kuguquka; kuba indebe yomsindo wam izele; kuba qaphela, igazi lam alisayi kubahlamba ukuba abandimameli.

18 Ngako oko, mna iNkosi uThixo ndiya kuthumela ngaphambili iimpukane phezu kobuso bomhlaba, eziya kuphatha abemi bawo, kwaye ziya kudla inyama yabo, kwaye ziya kwenza iimpethu zize phezu kwabo;

19 Kwaye amalwimi abo aya kuhlala ukuze angabi nako ukuthetha ngokuchasene nam; kwaye inyama yabo iya kuwa emathanjeni abo, namehlo abo kwizigongxo zawo.

20 Kwaye kuya kwenzeka okokuba izilo zehlathi neentaka zezulu ziya kubaqwenga.

21 Kwaye ibandla elikhulu nelimasikizi, elilihenyukazi lawo wonke umhlaba, liya kuphoselwa phantsi ngomlilo otshisayo, ngokunxulumene njengoko kuthethwe ngomlomo kaHezekile umprofeti, owathetha ngezi zinto, ezingekenzeki kodwa ngokuqinisekileyo zimele, njengokuba mna ndiphila, kuba amasikizi akasayi kuze alawule.

22 Kwaye kwakhona, inene, inene, ndithi kuni okokuba xa iwaka leminyaka liphelile, baze abantu kwakhona baqalise ukuphika uThixo wabo, ngoko ke ndiya kuwusindisa umhlaba kodwa nje okwexeshana;

23 Kwaye isiphelo siya kufika, kwaye izulu nomhlaba ziya kutshatyalaliswa kwaye zidlule, kwaye kuya kubakho izulu elitsha nomhlaba omtsha.

24 Kuba zonke izinto ezindala ziya kudlula, kwaye zonke izinto ziya kuba ntsha, nkqu izulu nomhlaba, kwaye yonke inzaliseko yazo, kunye abantu nezilo, iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle;

25 Kwaye akukho nonwele olunye, namqadi, uya kulahleka, kuba kungumsebenzi wesandla sam.

26 Kodwa, qaphelani, inene ndithi kuni, phambi kokuba umhlaba uya kudlula, uMikayeli isiphatha-zithunywa sam, uya kukhalisa ixilongo lakhe, kwaye ngoko bonke abafileyo baya kuvuka, kuba amangcwaba abo aya kuvuleka, kwaye baya kuza ngaphambili—ewe, nkqu bonke.

27 Kwaye amalungisa aya kuhlanganiselwa ngasekunene kwam ebomini obungunaphakade; kwaye abakhohlakeleyo ngasekhohlo kwam ndiya kuba neentloni ukubabanga phambi koBawo;

28 Ngako oko ndiya kuthi kubo—Mkani kum, nina niqalekisiweyo, niye kumlilo wanaphakade, olungiselelwe umtyholi neengelosi zakhe.

29 Kwaye ngoku, qaphelani, ndithi kuni, andizange nanini na ndibhengeze ukusuka emlonyeni wam ongowam okokuba baya kubuyela, kuba apho ndikhoyo abanako ukuza, kuba abanawo amandla.

30 Kodwa khumbulani okokuba zonke izigwebo zam azinikwanga ebantwini; kwaye njengoko amazwi athe eza ngaphambili ephuma emlonyeni wam nkqu kunjalo aya kuzalisekiswa, okokuba abokuqala baya kuba ngabokugqibela, kwaye nabokugqibela baya kuba ngabokuqala kuzo zonke izinto ezo ndizidalileyo ngelizwi lamandla am, angamandla oMoya wam.

31 Kuba ngamandla oMoya wam ndabadala; ewe, zonke izinto kunye ezasemoyeni nezasenyameni—

32 Kuqala ezasemoyeni, okwesibini ezasenyameni, ezisisiqalo somsebenzi wam; kwaye kwakhona, kuqala ezasenyameni, kwaye okwesibini ezasemoyeni, ezo zingumsebenzi wam wokugqibela—

33 Ndithetha kuni ukuze nibe nokuqonda ngokusendalweni; kodwa kum imisebenzi yam ayinaso isiphelo, nasiqalo; kodwa kunikwe kuni okokuba nibe nokuqonda, ngenxa yokuba nikucelile kum ndaze ndavuma.

34 Ngako oko, inene ndithi kuni okokuba zonke izinto kum zezomoya, kwaye kungenjalo naliphina ilixa endinike umthetho ongowasenyameni; ingenguye nawuphina umntu, nabantwana babantu; na-Adam, uyihlo wenu, endamdalayo.

35 Qaphelani, ndanikela kuye okokuba abe nokukhethela isiqu sakhe; kwaye ndamnika umyalelo, kodwa ingengomyalelo wasenyameni endimnike wona, kuba imiyalelo yam yeyasemoyeni; asiyiyo eyasendalweni ingeyiyo neyasenyameni, ingeyiyo neyasenyameni neyemvelo.

36 Kwaye kwenzekile okokuba uAdam, ahendwe ngumtyholi—kuba, qaphelani, umtyholi wayekho phambi koAdam, kuba wavukela ngokuchasene nam, esithi, Nika mna uzuko lwakho, olungamandla am; kananjalo nesiqingatha sesithathu sezihlwele zezulu zajikela kude kum ngenxa yegunya lazo lokuzikhethela;

37 Kwaye baphoselwa ezantsi, kwaye kungoko weza umtyholi neengelosi zakhe;

38 Kwaye, qaphelani, kukho indawo elungiselelwe bona ukususela kwasekuqaleni, ndawo leyo isisihogo.

39 Kwaye kuyimfuneko okokuba umtyholi ahende abantwana babantu, okanye abanako ukuba negunya lokukhethela iziqu zabo; ke ukuba abazange bafumane ubukrakra abanako ukubazi ubumnandi—

40 Ngako oko, kwenzekile okokuba umtyholi ahende uAdam, waza watya kwisiqhamo esalelweyo waza waphula umyalelo, apho waba phantsi kwegunya nentando yomtyholi, ngenxa yokuba wayekela ekuhendweni.

41 Ngako oko, mna, iNkosi uThixo, ndenza okokuba bakhutshelwe ngaphandle koMyezo we-Eden, ebusweni bam, ngenxa yokukreqa kwakhe, apho waba nokufa komoya, oko ikukufa kokuqala, nkqu oko kufa ikwa kukufa kokugqibela, okukokwasemoyeni, okuya kubhengezwa phezu kwabakhohlakeleyo xa ndiya kuthi: Mkani, nina niqalekisiweyo.

42 Kodwa, qaphelani, ndithi kuni okokuba mna, iNkosi uThixo, ndanika uAdam nembewu yakhe, okokuba baya kufa njengokufa kwasenyameni, kude Mna, iNkosi uThixo, ndithumele ngaphambili iingelosi zibhengeze kubo inguquko nokukhululwa, ngokholo egameni loNyana wam eKuphela koZelweyo.

43 Kwaye kungoko mna, iNkosi uThixo, ndonyulela umntu imihla yokulingwa kwakhe—ukuze ngokufa kwasendalweni abe nokuphakanyiselwa ekungafini nakubomi obungunaphakade, nkqu njengoko abaninzi beya kukholelwa;

44 Kwaye abo bangakholelwayo kwisigwebo esingunaphakade; kuba abanako ukukhululwa ekuweni kwabo kwasemoyeni, ngenxa yokuba abaguquki;

45 Kuba bathanda ubumnyama kunokukhanya, kwaye izenzo zabo zibububi, kwaye bafumana umvuzo walowo bazimisele ukumthobela.

46 Kodwa qaphelani, ndithi kuni, ukuba abantwana abancinane bakhululwe kwasesisekweni sehlabathi ngoKuphela Kozelweyo wam;

47 Ngako oko, abanako ukona, kuba amandla akawanikwanga uSathana ukuba ahende abantwana abancinane, bade baqalise ukuba nobutyala phambi kwam;

48 Kuba kunikwe kubo nkqu njengoko ndiya kwenza, ngokunxulumene novuyo olulolwam, okokuba izinto ezinkulu zibe nokufunwa esandleni sooyise.

49 Kwaye, kwakhona, ndithi kuni, okokuba lowo unolwazi, andimyalelanga na ukuba aguquke?

50 Kwaye lowo ungenako ukuqonda, kusala kum ukwenza ngokunxulumene njengoko kubhaliweyo. Kwaye ngoku andibhengezi okungakumbi kuwe ngeli xesha. Amen.