Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 21


Icandelo 21

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti, eFayette, eNew York, Aprili 6, 1830. Esi sityhilelo sanikwa ekusekweni kweBandla, ngomhla oxeliweyo, ekhayeni likaPeter Whitmer Omkhulu Amadoda amathandathu, abethe ngaphambili abhaptizwa, athatha inxaxheba. Ngevoti emxhelo-mnye aba bantu babonisa umnqweno wabo nomxhino wokuseka, ngokunxulumene nomyalelo kaThixo (bona kwicandelo 20). Kanjalo bavotela ukwamkela nokuxhasa uJoseph Smith Omnci. no-Oliver Cowdery njengamagosa awongameleyo eBandla. Ngokubeka izandla, uJoseph ngoko wamisela uOliver abe ngumdala weBandla, no-Oliver ngokufanayo wamisela uJoseph. Emva kolungiselelo lomthendeleko, uJoseph no-Oliver babeka izandla phezu kwabathathi-nxaxheba ngabanye bebanika uMoya oyiNgcwele noqiniso lomnye njengelungu leBandla.

1–3, UJoseph Smith ubizwa ukuba abe yimboni, umguquleli, umprofeti, umpostile, nomdala; 4–8, Ilizwi lakhe liya kukhokela injongo yeZiyon; 9–12, AbaNgcwele baya kukholelwa emazwini akhe njengokuba ethetha ngoMonwabisi.

1 Qaphela, kuya kubakho aimbali egcinwe phakathi kwenu; kwaye kuyo wena uya kubizwa bimboni, umguquleli, umprofeti, cumpostile kaYesu Krestu, umdala webandla ngokwentando kaThixo uBawo, nobabalo lweNkosi yakho uYesu Krestu,

2 aNgokuphenjelelwa nguMoya oyiNgcwele ekubekeni isiseko soko, kwaye nokusakhela phezulu kwinkolo eyiyeyona ingcwele.

3 aIbandla elo belasekwa laze lakhiwa ngonyaka weNkosi yakho wamakhulu alishumi elinesibhozo namashumi amathathu, kwinyanga yesine, nangomhla wesithandathu wenyanga ebizwa Aprili.

4 Ngako oko, ebhekisa ebandleni, nina niya kunika inyameko kuwo onke aamazwi akhe nemiyalelo aya kuyinika nina njengoko wayifumanayo, ehamba kubo bonke bubungcwele phambi kwam;

5 Kuba ailizwi lakhe niya kulifumana, njengokungathi livela emlonyeni wam kanye, ngomonde wonke nokholo.

6 Kuba ngokwenza ezi zinto aamasango esihogo akayi koyisa ngokuchasene nani; ewe, neNkosi uThixo uya kuwachithachitha amandla bobumnyama ngaphambi kwenu, kwaye enze amazulu cashukumele ukulunga kwenu, dnangozuko lwegama lakhe.

7 Kuba itsho njalo iNkosi uThixo: Yena ndimphembelelele ukuhambisa injongo ayeZiyon ngamandla awomeleleyo ngokulunga, kwaye ukukhuthala kwakhe ndiyakwazi, kwaye imithandazo yakhe ndiyivile.

8 Ewe, ukulilela kwakhe iZiyon ndikubonile, kwaye ndiya kwenza ukuba angabi sayililela ngakumbi; kuba imihla yakhe yokugcoba ize akuxolelo lwezono zakhe, nokubonakala kweentsikelelo zam phezu kwemisebenzi yakhe.

9 Kuba, qaphela, ndiya akusikelela bonke abo basebenza nzima besidiliyeni sam ngentsikelelo enamandla, kwaye baya kukholelwa emazwini akhe, anikwe yena ngam cngoMonwabisi, dobonisa ukuba uYesu ewabethelelwa emnqamlezweni fngabantu abanezono ngenxa yezono gzehlabathi, ewe, ngenxa yoxolelo lwezono hkwintliziyo etyumkileyo.

10 Ngako oko kulungele mna ukuba aamiselwe nguwe, Oliver Cowdery mpostile wam;

11 Oku kungummiselo kuwe, wokokuba ungumdala phantsi kwesandla sakhe, yena aengewokuqala kuwe, okokuba ube ngumdala kweli bandla likaKrestu, lithwele igama lam—

12 Kwaye umshumayeli wokuqala weli bandla ukuya kwibandla, nangaphambi kwehlabathi, ewe, phambi kweeNtlanga; ewe, kwaye itsho njalo iNkosi uThixo, yabonani, yabonani! kanjalo kuwo aamaYuda. Amen.