Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 94


Icandelo 94

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Agasti 2, 1833. UHyrum Smith, uReynolds Cahoon, noJared Carter bonyulwa njengekomiti yokwakha yeBandla.

1–9, INkosi inika umyalelo onxulumene nokumiswa kwendlu yomsebenzi woBumongameli; 10–12, Indlu yoshicilelo iza kwakhiwa; 13–17, Amafa athile abelwa lo msebenzi.

1 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, abahlobo bam, ndininika umyalelo, wokokuba niya kuqalisa umsebenzi wokubeka ngokucacileyo nokulungiselela isiqalo nesiseko sesixeko bsesteyki seZiyon, apha emhlabeni weKirtland, niqalela endlwini yam.

2 Kwaye qaphelani, ufanele ukwenziwa ngokunxulumene anomzekelo endiwunike nina.

3 Kwaye vumelani isiza sokuqala esisemzantsi singcwaliselwe kum ekwakhiweni kwendlu yobumongameli, umsebenzi wobumongameli, ekufumaneni izityhilelo; nomsebenzi wobufundisi awobumongameli, kuzo zonke izinto ezinxulumene nebandla nobukumkani.

4 Inene ndithi kuni, okokuba iya kwakhiwa zinyawo ezingamashumi amahlanu iphindwe ngamashumi amathandathu anesihlanu ububanzi bayo nobude bayo, intendelezo engaphakathi.

5 Kwaye kuya kubakho intendelezo engezantsi nentendelezo ephakamileyo, ngokunxulumene nomzekelo oya kunikezelwa nina ngexesha elizayo.

6 Kwaye iya kungcwaliselwa eNkosini ukusuka kwisiseko sayo, ngokunxulumene nocwangco lobubingeleli, ngokunxulumene nomzekelo oya kunikwa nina ngexesha elizayo.

7 Kwaye iya kungcwaliselwa ngokupheleleyo eNkosini ngokomsebenzi wobumongameli.

8 Kwaye aniyi kuyekela nayiphina ainto engacocekanga engenayo kuyo; kwaye buzuko lwam luya kuba lapho, nobuso bam buya kuba lapho.

9 Kodwa ukuba kuya kuza apho kuyo nayiphina ainto engacocekanga, uzuko lwam aluyi kuba lapho; nobuso bam abuyi kuza kuyo.

10 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, isiza sesibini emzantsi siya kungcwaliselwa kum ukwakhelwa kwendlu kum, umsebenzi awoshicilelo bloguqulelo lwezibhalo zam, nazo zonke izinto naziphina endiya kuniyalela.

11 Kwaye iya kuba ngamashumi amahlanu anesihlanu-aphindwe ngamashumi amathandathu-anesihlanu eenyawo ububanzi bayo nobude bayo, intendelezo engaphakathi; kwaye kuya kubakho intendelezo engezantsi nentendelezo ephakamileyo.

12 Kwaye le ndlu iya kungcwaliselwa ngokupheleleyo eNkosini ukusuka kwisiseko sayo, kuba umsebenzi woshicilelo, kuzo zonke izinto naziphina endiya kuniyalela zona, ibe ngcwele, ingangcoliswa, ngokunxulumene nepateni yazo zonke izinto njengoko kuya kunikwa kuni.

13 Kwaye kwisiza sesithathu isicaka sam uHyrum Smith siya kufumana ilifa laso.

14 Kwaye kwiziza zokuqala nesesibini emntla izicaka zam uReynolds Cahoon noJared Carter ziya kufumana amafa azo—

15 Ukuze zibe nako ukwenza umsebenzi endiwonyulele zona, ukuba yikomiti yokwakha izindlu zam, ngokunxulumene nomyalelo, mna, iNkosi uThixo, endiwunike zona.

16 Ezi zindlu zimbini aziyi kwakhiwa ndide ndininike umyalelo ngokunxulumene nazo.

17 Kwaye ngoku ngeli xesha andininiki okungakumbi. Amen.