Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 66


Icandelo 66

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHiram, eOhio, Oktobha 29, 1831. UWilliam E. McLellin wathi wabongoza iNkosi ngasese ukuba yenze kwazeke ngoMprofeti impendulo kwimibuzo emihlanu eyayingaziwa nguJoseph Smith. Kwisicelo sikaMcLellin, uMprofeti wabuza iNkosi waza wafumana esi sityhilelo.

1–4, Umnqophiso wanaphakade kukuzalisekiswa kwevangeli; 5–8, Abadala bamele ukushumayela, bangqine, baze baqiqe nabantu; 9–13, Inkonzo ethembekileyo yobufundisi iqinisekisa ilifa lobomi obungunaphakade.

1 Qaphelani, itsho njalo iNkosi kwisicaka sayo uWilliam E. McLellin—Usikelelekile wena, njengokuba umkile ebugwenxeni bakho, waze wamkela iinyaniso zam, itsho iNkosi uMkhululi wakho, uMsindisi wehlabathi, nkqu njengabaninzi abekholelwa egameni lam.

2 Inene ndithi kuwe, usikelelekile wena ngokwamkela aumnqophiso wam wanaphakade, nkqu ukuzalisekiswa kwevangeli yam, ethunyelwe ngaphambili ebantwaneni babantu, ukuze babe nokuba bnobomi baze benziwe abathathi nxaxheba bobuqaqawuli obuya kutyhilwa ngemihla yokugqibela, njengoko kwabhalwayo ngabaprofeti nabapostile ngemihla yakudala.

3 Inene ndithi kuwe, sicaka sam William, okokuba ucocekile, kodwa kungaphelelanga; guquka, ke ngoko, kwezo zinto zingakholisiyo ekuboneni kwam, itsho iNkosi, kuba iNkosi iya akuzibonakalisa kuwe.

4 Kwaye ngoku, inene, mna, iNkosi, ndiya kubonakalisa kuwe oko ndikuthandayo ngokunxulumene nawe, okanye oko kuyintando yam ngokunxulumene nawe.

5 Qaphela, inene ndithi kuwe, ukuba yintando yam okokuba umele aukubhengeza ivangeli yam ukususela elizweni ukuya elizweni, nokususela esixekweni ukuya esixekweni, ewe, kwezo ngingqi zingqonge apho ingekabhengezwa.

6 Ungahlali iintsuku ezininzi kule ndawo; unganyukeli kumhlaba weZiyon okwangoku; kodwa njengokuba unako ukuthumela, thumela; ngenye indlela, ungacingi ngepropathi yakho.

7 aYiya kumazwe asempumalanga, nika bubungqina kwindawo zonke, ebantwini bonke nakwizindlu zezikhungu zabo, uqiqa nabantu.

8 Vumela isicaka sam uSamuel H. Smith ahambe nawe, kwaye ungamshiyi, uze umnike imiyalelo yakho; kwaye lowo uthembekileyo uya kwenziwa aomelele ezindaweni zonke; kwaye mna, iNkosi, ndiya kuhamba nani.

9 Bekani aizandla zenu phezu kwemilwelwe, kwaye iya bkuphila. Ningabuyi ndide mna, iNkosi, ndiya kunithumelela. Yibani nomonde ezimbandezelweni. cCelani, kwaye niya kuphiwa; nkqonkqozani, kwaye niya kuvulelwa.

10 Ze ungafuni ukuxakeka. Shiya konke ukungalungisi. aUngakrexezi—isilingo obuthe wakhathazwa ngaso.

11 aGcina ezi ntetho, kuba ziyinyani kwaye zithembekile; kwaye uya kukhulisa iofisi yakho, uze utyhalele abantu abaninzi beZiyon cngeengoma zovuyo lwanaphakade phezu kweentloko zabo.

12 aQhubekeka kwezi zinto nangokude kuye esiphelweni, kwaye uya kuzuza bisithsaba sobomi obungunaphakade esandleni sokunene sikaBawo, ozele lubabalo nenyaniso.

13 Inene, itsho njalo iNkosi auThixo wakho, uMkhululi wakho, nkqu uYesu Krestu. Amen.