Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 54


Icandelo 54

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuNewel Knight, eKirtland, eOhio, Juni 10, 1831. Amalungu eBandla awayehlala eThompson, eOhio, lahlukene kwimibuzo enento yokwenza nongcwaliso lwezakhiwo neempahla. Ukuzicingela nokunyoluka kwabonakala. Emva kwemishini yakhe kwiShakers (bona isihloko secandelo 49), uLeman Copley wawophula umnqophiso wakhe wokungcwalisela ifama yakhe enkulu njengendawo yelifa labaNgcwele abafikileyo bevela eColesville, eNew York. Njengesiphumo, uNewel Knight (inkokeli yamalungu awayehlala eThompson) nabanye abadala baya kuMprofeti bebuza ukuba bangaqhubekeka njani na. UMprofeti wabuza eNkosini waza wafumana esi sityhilelo, siyalela amalungu aseThompson ukuba emke kwifama kaLeman afudukele eMissouri.

1–6, AbaNgcwele bamele ukugcina umnqophiso wevangeli ukuzuza inceba; 7–10, Bamele ukuba nomonde ezinkxwalekweni.

1 Qaphela, itsho njalo iNkosi, nkqu auAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, nkqu lowo bwabethelelelwa izono zehlabathi—

2 Qaphela, inene, inene, ndithi kuwe, sicaka sam Newel Knight, uya kuma nkqi e-ofisini endikonyulele yona.

3 Kwaye ukuba abazalwana bakho banqwenela ukuphuncula ezintshabeni zabo, bavumele baguquke ezonweni zabo zonke, baze abazithobe ngokwenene phambi kwam kwaye betyumkile.

4 Kwaye anjengomnqophiso abawenza kum abathe bawophula, nkqu kunjalo uthe bwaphutha kwaye awabinamsebenzi.

5 Kwaye yeha kulowo esithe esi asikhubekiso seza ngaye, kuba bekuya kuba ngcono kuye ukuba ubethe watshona enzulwini yolwandle.

6 Kodwa basikelelekile abo bathe bawugcina umnqophiso baza baqwalasela umyalelo, kuba baya kuzuza ainceba.

7 Ngako oko, hamba ngoku kwaye usabe elizweni, hleze iintshaba zakho zize phezu kwakho; uze uthathe uhambo lwakho, uze wonyule lowo uya kumthanda abe yinkokeli yakho, aze akuhlawulele iimali.

8 Kwaye ngoko uya kuthabatha uhambo lwakho ukuya kwiingingqi zangasentshonalanga, kumhlaba awaseMissouri, ukuya kwimida yamaLeymenayithi.

9 Kwaye emva kokuba ugqibe uhambo, qaphela, ndithi kuwe, funa aindlela yokuphila enjengeyabantu, ndide ndikulungiselele indawo.

10 Kwaye kwakhona, yiba anomonde ezinkxwalekweni ndide bndize; kwaye qaphela, ndiyeza kamsinya, kwaye umvuzo wam ukum, kwaye aba cbandifuna kusekutsha baya kufumana dukuphumla emiphefumlweni yabo. Nkqu kunjalo. Amen.