Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 119


Icandelo 119

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eFar West, eMissouri, Julayi 8, 1838, kuphendulwa isibongozo sakhe: “Owu Nkosi! Bonisa ezicakeni zakho okokuba ufuna kangakanani kwiipropathi zabantu bakho okwesishumi.” Umthetho wesishumi, njengokuba uqondwa namhlanje, awunikwanga eBandleni ngaphambili kwesi sityhilelo. Indlela yokubiza igama isishumi emthandazweni icatshulwe nje kwaye nakwizityhilelo ezingaphambili (64:23; 85:3; 97:11) azithethanga nje isinye eshumini, kodwa yonke iminikelo yentando ekhululekileyo, okanye imirhumo, kwiimali zeBandla. INkosi inike ngaphambili eBandleni umthetho wongcwaliso nobugosa bepropathi, amalungu lawo (phambili ngabadala abakhokelayo) angena kuwo ngomnqophiso owawuza kuba ngowanaphakade. Ngenxa yosilelo kwinxenye yabaninzi ekubophelelekeni ngalo mnqophiso, iNkosi yarhoxa kuwo okwexesha kwaye endaweni yoko yanika umthetho wesishumi kulo lonke iBandla. UMprofeti wabuza iNkosi okokuba Yona ifuna okungakanani kwepropathi yabo ngenxa yeenjongo ezinyulu. Impendulo yaba sesi sityhilelo.

1–5, AbaNgcwele bamele ukuhlawula okuyintshiyekela yepropathi baze ngoko banike, njengesishumi, isinye eshumini senzala yabo ngonyaka; 6–7, Indlela enjalo iya kungcwalisa umhlaba weZiyon.

1 Inene, itsho njalo iNkosi, ndifuna konke aokuyintsalela yepropathi yenu kubekwe ezandleni zikabhishophu webandla lam eZiyon.

2 Ukwenzela ukwakhiwa akwendlu yam, nokwenzela ukubeka isiseko seZiyon nobubingeleli, nokwenzela amatyala oBumongameli beBandla lam.

3 Kwaye oku kuya kuba sisiqalo asesishumi sabantu bam.

4 Kwaye emva koko, abo bakhutshiswa izishumi baya kuhlawula isinye eshumini sayo yonke inzala yabo ngonyaka; kwaye oku kuya kuba ngumthetho omileyo kubo ngonaphakade, ngenxa yobubingeleli bam obungcwele, itsho iNkosi.

5 Inene ndithi kuni, kuya kwenzeka okokuba bonke abo bahlanganisela emhlabeni aweZiyon baya kuhlawula isishumi sentsalela yeepropathi zabo, kwaye baya kuqwalasela lo mthetho, okanye abayi kufunyanwa befanele ukuhlala phakathi kwenu.

6 Kwaye ndithi kuni, ukuba abantu bam abawuqapheli lo mthetho, ukuwugcina ungcwele, baze ngalo mthetho bangcwalisele umhlaba aweZiyon kum, ukuze imimiselo yam nezigwebo zam zibe nokugcinwa khona apho, ukuze ibe nokungcwaliseka ngokugqithisileyo, qaphelani, inene ndithi kuni, awuyi kuba ngumhlaba weZiyon kuni.

7 Kwaye oku kuya kuba ngumzekelo kuzo zonke aiziteyki zeZiyon. Nkqu kunjalo. Amen.