Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 119


Icandelo 119

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eFar West, eMissouri, Julayi 8, 1838, kuphendulwa isibongozo sakhe: “Owu Nkosi! Bonisa ezicakeni zakho okokuba ufuna kangakanani kwiipropathi zabantu bakho okwesishumi.” Umthetho wesishumi, njengokuba uqondwa namhlanje, awunikwanga eBandleni ngaphambili kwesi sityhilelo. Indlela yokubiza igama isishumi emthandazweni icatshulwe nje kwaye nakwizityhilelo ezingaphambili (64:23; 85:3; 97:11) azithethanga nje isinye eshumini, kodwa yonke iminikelo yentando ekhululekileyo, okanye imirhumo, kwiimali zeBandla. Esi sityhilelo seza emva kokuba abaNgcwele befumene ubunzima bezemali eMissouri naseOhio ngenxa yokwakhiwa kweTempile yaseKirtland; iintshutshiso eJackson County, eMissouri; nengxaki yemali yelizwe lonke. AbaNgcwele babeqhubekeka nokwakha uluntu eMissouri.

1–5, AbaNgcwele bamele ukuhlawula okuyintshiyekela yepropathi baze ngoko banike, njengesishumi, isinye eshumini senzala yabo ngonyaka; 6–7, Indlela enjalo iya kungcwalisa umhlaba weZiyon.

1 Inene, itsho njalo iNkosi, ndifuna konke okuyintsalela yepropathi yenu kubekwe ezandleni zikabhishophu webandla lam eZiyon.

2 Ukwenzela ukwakhiwa kwendlu yam, nokwenzela ukubeka isiseko seZiyon nobubingeleli, nokwenzela amatyala oBumongameli beBandla lam.

3 Kwaye oku kuya kuba sisiqalo sesishumi sabantu bam.

4 Kwaye emva koko, abo bakhutshiswa izishumi baya kuhlawula isinye eshumini sayo yonke inzala yabo ngonyaka; kwaye oku kuya kuba ngumthetho omileyo kubo ngonaphakade, ngenxa yobubingeleli bam obungcwele, itsho iNkosi.

5 Inene ndithi kuni, kuya kwenzeka okokuba bonke abo bahlanganisela emhlabeni weZiyon baya kuhlawula isishumi sentsalela yeepropathi zabo, kwaye baya kuqwalasela lo mthetho, okanye abayi kufunyanwa befanele ukuhlala phakathi kwenu.

6 Kwaye ndithi kuni, ukuba abantu bam abawuqapheli lo mthetho, ukuwugcina ungcwele, baze ngalo mthetho bangcwalisele umhlaba weZiyon kum, ukuze imimiselo yam nezigwebo zam zibe nokugcinwa khona apho, ukuze ibe nokungcwaliseka ngokugqithisileyo, qaphelani, inene ndithi kuni, awuyi kuba ngumhlaba weZiyon kuni.

7 Kwaye oku kuya kuba ngumzekelo kuzo zonke iziteyki zeZiyon. Nkqu kunjalo. Amen.