Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 104


Icandelo 104

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti, kufuphi okanye eKirtland, eOhio, ngoAprili 23, 1834, ngokunxulumene neFemi eManyeneyo (bona izihloko zamacandelo 78 no82). Ithuba mhlawumbi yayilelo lentlanganiso yamalungu equmrhu leFemi eManyeneyo, elalixoxa ngeemfuno ezingxamisekileyo zethutyana zeBandla. Intlanganiso engaphambili yefemi ngoAprili 10 yathi yagqiba ekubeni umbutho uchithwe. Esi sityhilelo siyalela ukuba ifemi endaweni yoko iphinde isekwe kwakhona; iipropathi zayo zazizakwabelwa amalungu efemi njengamagosa abo. Phantsi kolawulo kukaJoseph Smith, ibinzana “iFemi eManyeneyo” kamva endaweni yalo laba yi “Ucwangco oluManyeneyo.”

1–10, AbaNgcwele abakreqa ngokuchasene nocwangco olumanyeneyo baya kuqalekiswa; 11–16, INkosi ibonelela abaNgcwele Bayo ngendlela eyiyeyayo; 17–18, Umthetho wevangeli ulawula inkathalelo yamahlwempu; 19–46, Ubugosa neentsikelelo zabazalwana abahlukeneyo ziyonyulwa; 47–53, Ucwangco olumanyeneyo eKirtland nocwangco eZiyon zimele ukusebenza ngokwahlukeneyo; 54–66, Ingxowa-mali engcwalisiweyo yeNkosi iqaliselwa ushicilelo lwezibhalo; 67–77, Ingxowa-mali jikelele yocwangco olumanyeneyo iza kusebenza ngomgaqo wemvume eqhelekileyo; 78–86, Abo bakucwangco olumanyeneyo bamele ukuhlawula onke amatyala abo, kwaye iNkosi iya kubakhulula ebukhobokeni bemali.

1 Inene ndithi kuni, bahlobo bam, ndininika icebiso, nomyalelo, ngokunxulumene neepropati zonke ezizezocwangco endiniyalele ekulusekeni nokulumisa, lube alucwangco olumanyeneyo, nocwangco lwanaphakade ukulungiselela ibandla lam, nosindiso lwabantu ndide ndize—

2 Ngesithembiso esingaguqukiyo nesingatshintshiyo, njengokuba abo ndabayalelayo babethembekile bamele ukusikelelwa ngeentsikelelo eziphindaphindiweyo;

3 Kodwa njengokuba babengathembekanga babekufuphi esiqalekisweni.

4 Ke ngoko, njengokuba ezinye zezicaka zam zingawugcinanga umyalelo, kodwa zophula umnqophiso angokunqwenela, kunye namazwi ahanahanisayo, ndibaqalekisile ngesiqalekiso esilusizi kakhulu nesibuhlungu kakhulu.

5 Kuba mna, iNkosi, ndimisele entliziyweni yam, ukuze njengokuba nawuphina umntu engowocwangco eya kufunyanwa ekreqa, okanye, ngamanye amazwi, eya kwaphula umnqophiso enibotshelelwe ngawo, uya kuqalekiswa ebomini bakhe, kwaye uya kunyathelelwa phantsi ngulowo ndiya kumthanda;

6 Kuba mna, iNkosi, aandingowokugculelwa kwezi zinto—

7 Kwaye konke oku kokokuba abamsulwa phakathi kwenu bangabi nakugwetywa nabangengomalungisa; nokokuba abanetyala phakathi kwenu bangabi nakuphuncula; ngenxa yokuba mna, iNkosi ndinithembise aisithsaba sobuqaqawuli ekunene kwam.

8 Ke ngoko, njengokuba nifunyanwa ningabakreqi, aninako ukuphuncula emsindweni wam ebomini benu.

9 Njengokuba anisikelwe ngaphandle ngenxa yokreqo, aninako ukuphuncula bkwiintlitheko czikaSathana kude kube yimini yenkululeko.

10 Kwaye ngoku ndininika amandla ukususela kweli lixa kanye, ukuze xa nawuphina umntu phakathi kwenu, abocwangco, ufunyanwa engumkreqi aze angaguquki ebubini, ukuba niya kumkhululela kwiintlitheko zikaSathana; kwaye akayi akuzisa bubi phezu kwenu.

11 Bubulumko kum; ke ngoko, ndininika umyalelo, okokuba niya kuzilungiselela nize nonyulele wonke umntu aubugosa bakhe;

12 Ukuze wonke umntu abe nokunika ingxelo kum yobugosa obunyulelwe kuye.

13 Kuba kufanelekile okokuba mna, iNkosi, ndenze wonke umntu aaziphendulele bnjengegosa kwiintsikelelo zasemhlabeni, endizenzileyo ndaza ndazilungiselela izidalwa zam.

14 Mna, iNkosi, ndolulele ngaphandle amazulu, kwaye andakha umhlaba, bumsebenzi wezandla kanye wam; nezinto zonke ezikuwo zezam.

15 Kwaye yinjongo yam ukubonelela abangcwele bam, kuba zonke izinto zezam.

16 Kodwa kumele kwenziwe angendlela eyiyeyam; kwaye qaphelani le yindlela mna, iNkosi, indimisele ukubonelela ngayo abangcwele bam, ukuze bamahlwempu abe aya kuphakanyiswa, ngayo leyo izityebi zenziwe zibe phantsi.

17 Kuba aumhlaba uzele, kwaye kukho okwaneleyo nokunokuqoqoshwa; ewe, ndilungiselela zonke izinto, kwaye ndinike abantwana babantu babe bziiarhente eziqwini zabo.

18 Ke ngoko, xa nawuphina umntu eya kuthabatha aokwendyebo endiyenzileyo, aze angagqithisi sabelo sakhe, ngokunxulumene bnomthetho wevangeli yam, ckumahlwempu nabasweleyo, uya kuphakamisela amehlo akhe desihogweni, ekwintuthumbo, nabakhohlakeleyo.

19 Kwaye ngoku, inene ndithi kuni, ngokunxulumene neepropati azocwangco

20 Vumelani isicaka sam uSidney Rigdon anyulelwe indawo apho ngoku ahlala khona, nesiza sendlu yokusuka iimfele ukwenzela ubugosa bakhe, nokuzixhasa xa esebenza esidiliyeni sam, nkqu njengoko ndiya kuthanda, xa ndiya kumyalela.

21 Kwaye yenzani zonke izinto ngokunxulumene necebiso locwangco, nemvume emanyeneyo okanye ilizwi locwangco, ehlala emhlabeni waseKirtland.

22 Kwaye obu bugosa nentsikelelo, mna, iNkosi, ndizinikela phezu kwesicaka sam uSidney Rigdon njengentsikelelo phezu kwakhe, nembewu yakhe emva kwakhe;

23 Kwaye ndiya kuziphindaphinda iintsikelelo phezu kwakhe, njengokuba eya kuthobeka phambi kwam.

24 Kwaye kwakhona, vumelani isicaka sam uMartin Harris anyulelwe, ubugosa bakhe, isiza somhlaba isicaka sam uJohn Johnson awasifumana ngokutshintshisa ilifa lakhe lokuqala, senzelwe yena nembewu yakhe emva kwakhe;

25 Kwaye njengokuba ethembekile, ndiya kuziphindaphinda iintsikelelo phezu kwakhe nembewu yakhe emva kwakhe.

26 Kwaye vumelani isicaka sam uMartin Harris anikele iimali zakhe ekubhengezweni kwelizwi lam, ngokunxulumene njengoko isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., eya kubonisa.

27 Kwaye kwakhona, vumelani isicaka sam uFrederick G. Williams afumane indawo apho ahlala khona ngoku.

28 Kwaye vumelani isicaka sam uOliver Cowdery afumane isiza esenzelwe ukudibanisa indlu, eza kuba yiofisi yoshicilelo, esisisiza esingunombolo yokuqala, kananjalo nesiza apho uyise ahlala khona.

29 Kwaye vumelani izicaka zam uFrederick G. Williams no-Oliver Cowdery babe neofisi yoshicilelo nezinto zonke eziphathelele kuyo.

30 Kwaye oku kuya kuba bubugosa babo obuya kunyulelwa kubo.

31 Kwaye njengokuba beya kuthembeka, qaphelani ndiya kubasikelela, ndize ndiphindaphinde iintsikelelo phezu kwabo.

32 Kwaye esi sisiqalo sobugosa endibonyulele bona, benzelwe bona nembewu yabo emva kwabo.

33 Kwaye, njengokuba bethembekile, ndiya kuziphindaphinda iintsikelelo phezu kwabo nembewu yabo emva kwabo, nkqu iintsikelelo eziphindaphindiweyo.

34 Kwaye kwakhona, vumelani isicaka sam uJohn Johnson sifumane indlu sihlale kuyo, nelifa, konke ngaphandle komhlaba obugcinelwe aukwakhiwa kwezindlu zam, eziphathelele kwelo lifa, nezo ziza ebe zibizwe ngesicaka sam uOliver Cowdery.

35 Kwaye njengokuba ethembekile, ndiya kuziphindaphinda iintsikelelo phezu kwakhe.

36 Kwaye yintando yam ukuba athengise iziza ezibekelwe bucala ukwakha isixeko sabangcwele bam, njengokuba kuya kwenziwa kwaziwe kuye angelizwi loMoya, nangokunxulumene necebiso locwangco, nangelizwi locwangco.

37 Kwaye esi sisiqalo sobugosa endibonyulele kuye, bube yintsikelelo kuye nembewu yakhe emva kwakhe.

38 Kwaye njengokuba ethembekile, ndiya kuphindaphinda uphindaphindo lweentsikelelo phezu kwakhe.

39 Kwaye kwakhona, vumelani isicaka sam auNewel K. Whitney konyulelwe kuye izindlu nesiza nesakhiwo apho indawo yorhwebo ime khona, kananjalo isiza esisekoneni esemzantsi wendawo yorhwebo, kananjalo isiza ekwakhiwe kuso iashari.

40 Konke oku ndikonyulele isicaka sam uNewel K. Whitney ukwenzela ubugosa bakhe, intsikelelo phezu kwakhe nembewu yakhe emva kwakhe, ukwenzela ukunceda indawo yorhwebo yocwangco lwam endilusekele isteyki sam emhlabeni waseKirtland.

41 Ewe, inene, obu bubugosa endibonyulele isicaka sam uN. K. Whitney, nkqu nale ndawo yorhwebo yonke, yena anearhente yakhe, nembewu yakhe emva kwakhe.

42 Kwaye njengokuba ethembekile ekugcineni imiyalelo yam, endimnike yona, ndiya kuphindaphinda iintsikelelo phezu kwakhe nembewu yakhe emva kwakhe, nkqu ubuninzi beentsikelelo.

43 Kwaye kwakhona, vumelani isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., onyulelwe isiza esibekelwe bucala sokwakhiwa kwendlu yam, esibude buziintonga ezingamashumi amane nezilishumi elinesibini ububanzi, kananjalo ilifa apho uyise ahlala khona;

44 Kwaye esi sisiqalo sobugosa endibonyulele yena, benzelwe intsikelelo phezu kwakhe, naphezu koyise.

45 Kuba qaphelani, ndigcinele auyise ilifa, lenkxaso yakhe; ke ngoko uya kubalelwa endlwini yesicaka sam uJoseph Smith, Omnci.

46 Kwaye ndiya kuziphindaphinda iintsikelelo phezu kwendlu yesicaka sam uJoseph Smith, Omnci., kangangoko eya kuthembeka, nkqu ngeentsikelelo eziphindaphindiweyo.

47 Kwaye ngoku, ndininika umyalelo ngokunxulumene neZiyon, okokuba anisayi kuphinda nibotshelelwe njengocwangco olumanyeneyo kubazalwana benu baseZiyon, kuphela ngale ndlela—

48 Emva kokuba nizilungiselele, niya kubizwa ngokuba niluCwangco oLumanyeneyo alweSteyki seZiyon, kweSixeko saseKirtland. Kwaye abazalwana benu, emva kokuba bezilungiselele, baya kubizwa ngokuba luCwangco oLumanyeneyo lweSixeko seZiyon.

49 Kwaye baya kuzilungiselela ngamagama angawabo, nasegameni elilelabo; kwaye baya kwenza ishishini labo egameni elilelabo, nasemagameni angawabo;

50 Kwaye niya kwenza ishishini lenu egameni elilelenu, nasemagameni angawenu.

51 Kwaye oku ndikuyalele kwenzelwe usindiso lwenu, kananjalo nosindiso lwabo, kwisiphumo asokugxothelwa kwabo ngaphandle noko kuseza kuza.

52 aIminqophiso isaphulwa ngokreqo, bngokunqwenela namazwi ahanahanisayo—

53 Ke ngoko, niyachithwa njengocwangco olumanyeneyo nabazalwana benu, kuba anibotshelelwanga kubo kuphela ukuya kweli lixa, kuphela ngale ndlela, njengokuba ndatshoyo, ngemboleko njengoko kuya kuvunyelwana ngolu cwangco kwiqumrhu, njengoko iimeko zenu ziya kuvuma nelizwi lequmrhu libonisa.

54 Kwaye kwakhona, ndininika umyalelo ngokunxulumene nobugosa benu endibonyulele nina.

55 Qaphelani, zonke ezi propati zezam, okanye hleze ukholo lwenu lube lilize, nize nifunyanwe ningabahanahanisi, neminqophiso eniyenze kum yaphukile;

56 Kwaye ukuba iipropati zezam, ngoko ke aningamagosa; ngenye indlela aningawo amagosa.

57 Kodwa, inene ndithi kuni, ndininyulele ukuba ngamagosa phezu kwendlu yam, nkqu amagosa ngenene.

58 Kwaye ngale njongo ndiniyalele ekulungiseleleni iziqu zenu, nkqu ukushicilela aamazwi am, ukuzaliseka kwezibhalo zam, izityhilelo endizinike nina, nendiya kuzinika nina, ngexesha elizayo, amaxesha ngamaxesha—

59 Ngenxa yenjongo yokwakha ibandla lam nobukumkani emhlabeni, nokulungiselela abantu bam aixesha xa ndiya bkuhlala kunye nabo, elikufuphi.

60 Kwaye niya kulungiselela iziqu zenu indawo yengxowa-mali, nize niyingcwalisele egameni lam.

61 Kwaye niya konyula omnye phakathi kwenu agcine ingxowa-mali, kwaye uya kumiselwa le ntsikelelo.

62 Kwaye kuya kubakho itywina phezu kwale ngxowa-mali, kwaye zonke izinto ezingcwele ziya kunikelwa kwingxowa-mali; kwaye akukho mntu phakathi kwenu oya kuthi yeyakhe, okanye nayiphina inxenye yayo, kuba iya kuba yeyenu nonke ngesivumelwano esinye.

63 Kwaye ndiyinika nina ukususela kweli lixa kanye; kwaye ngoku bonani ukuba kuyenzeka, okokuba niyaya nize nisebenzise ubugosa endibonyulele kuni, ngaphandle kwezinto ezingcwele, nenzele injongo yoshicilelo lwezi zinto zingcwele njengoko nditshilo.

64 Kwaye aingeniso yezinto ezingcwele iya kungeniswa kwingxowa-mali, netywina libe phezu kwayo; kwaye ayisayi kusetyenziswa okanye ikhutshwe nangubani na kwingxowa-mali, netywina aliyi kunyenyiswa liya kubekwa phezu kwayo, kuphela kungelizwi locwangco, okanye ngomyalelo.

65 Kwaye njalo niya kulondoloza ingeniso yezinto ezingcwele kwingxowa-mali, iinjongo ezinyulu nezingcwele.

66 Kwaye oku kuya kubizwa ingxowa-mali engcwele yeNkosi; netywina liya kugcinwa phezu kwayo ukuze ibe nokuba ngcwele nokungcwaliselwa eNkosini.

67 Kwaye kwakhona, kuya kubakho enye ingxowa-mali elungisiweyo, kwaye kunyulwe unondyebo agcine ingxowa-mali, kwaye itywina liya kubekwa phezu kwayo;

68 Kwaye zonke iimali enizifumanayo ebugoseni benu, ngokuphucula iipropati endizonyulele nina, ezindlwini, okanye emihlabeni, okanye ezinkomeni, okanye ezintweni zonke nokokuba yimibhalo engcwele nenyulu, endiyigcinele isiqu sam neenjongo ezingcwele nezinyulu, ziya kuphoswa kwingxowa-mali ngokukhawuleza njengoko nifumana iimali, ngamakhulu, okanye ngamashumi amahlanu, okanye ngamashumi amabini, okanye ngamashumi, okanye ngezihlanu.

69 Okanye ngamanye amazwi, ukuba nawuphina umntu phakathi kwenu uzuza iidola ezintlanu makaziphose kwingxowa-mali; okanye ukuba uzuza ezilishumi, okanye amashumi amabini, okanye amashumi amahlanu, okanye ikhulu, makenze ngokunjalo;

70 Kwaye ningavumeli nabani na phakathi kwenu athi okokuba iyeyakhe; kuba ayisayi kubizwa ngaye, futhi nayiphina inxenye yayo.

71 Kwaye akukho nayiphina inxenye yayo eya kusetyenziswa, okanye ikhutshwe kwingxowa-mali, kuphela kungelizwi nesivumelwano esiqhelekileyo socwangco.

72 Kwaye oku kuya kuba lilizwi nemvumelwano eqhelekileyo yocwangco—okokuba nawuphina umntu phakathi kwenu othi kunondyebo: Ndinale mfuno yokukundinceda ebugoseni bam—

73 Ukuba iba ziidola ezintlanu, okanye ukuba iba ziidola ezilishumi, okanye amashumi amabini, okanye amashumi amahlanu, okanye ikhulu, unondyebo uya kumnika isixa eso asifunayo ukumnceda ebugoseni bakhe—

74 Ade abe ufunyanwa engumkreqi, kwaye kuyabonakala ngokucacileyo phambi kwequmrhu locwangco okokuba uligosa elingathembekanga anelisisiyatha.

75 Kodwa ekubeni ekubudlelwana obupheleleyo, kwaye ethembekile kwaye elumkile ebugoseni bakhe, oku kuya kuba ngumqondiso kunondyebo wokuba unondyebo akayi kuba nakuwubamba.

76 Kodwa kwimeko yokreqo, unondyebo uya kuxhomekeka kwiqumrhu nelizwi locwangco.

77 Nakwimeko kanondyebo ofumaneka engathembekanga kwaye eligosa elisisiyatha, uya kuxhomekeka kwiqumrhu nelizwi locwangco, kwaye uya kususwa endaweni yakhe, kwaye aomnye uya konyulwa endaweni yakhe.

78 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ngokunxulumene namatyala enu—qaphelani yintando yam okokuba niya akuhlawula onke bamatyala enu.

79 Kwaye yintando yam okokuba niya akuthoba iziqu zenu phambi kwam, nize nizuze le ntsikelelo bngenkuthalo yenu nentobeko nomthandazo wokholo.

80 Kwaye njengokuba nikhuthele kwaye nithobekile, kwaye nisenza aumthandazo wokholo, qaphelani, ndiya kuzithambisa iintliziyo zabo nibatyalayo, ndide ndibe ndinithumele iindlela zohlangulo lwenu.

81 Ke ngoko bhalelani ngokukhawuleza eNew York nize nibhale ngokunxulumene noko kuya kuyalelwa anguMoya wam; kwaye ndiya kuzithambisa iintliziyo zabo enibatyalayo, kuze kukhutshwe ezingqondweni zabo ukuzisa imbandezelo phezu kwenu.

82 Kwaye njengokuba anithobekile kwaye nithembekile kwaye nibiza egameni lam, qaphelani, ndiya kuninika buloyiso.

83 Ndininika isithembiso, okokuba niya khululwa kube kanye niphume ebukhobokeni benu.

84 Njengokuba nizuza ithuba lokuboleka imali ngamakhulu, okanye amawaka, nkqu kude nibe niya kuboleka okwaneleyo ukukhulula iziqu zenu ebukhobokeni, lilungelo lenu elilodwa.

85 Kwaye bambisani ngeepropati endizibeke ezandleni zenu, kube kanye, ngokuninika amagama enu ngesivumelwano esiqhelekileyo okanye ngenye indlela, njengoko kuya kubonakala kulungile kuni.

86 Ndininika eli lungelo lilodwa, kube kanye; kwaye qaphelani, ukuba niqhubeka ekwenzeni izinto endizibeke phambi kwenu, ngokunxulumene nemiyalelo yam, zonke ezi zinto zezam, naye ningamagosa am, kwaye umongameli akayi kuyekela ukuba indlu yakhe ichithwe. Nkqu kunjalo. Amen.