Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 15


Icandelo 15

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuJohn Whitmer eFayette, eNew York, Juni 1829 (bona isihloko secandelo 14). Umyalezo unobudlelwane obucacileyo kwaye ubonisa ngokuthe gca ngokukodwa koko iNkosi ixela kuphela okwakusaziwa nguJohn Whitmer nesiqu Sayo. UJohn Whitmer ethubeni waba lelinye lamaNgqina asiBhozo eNcwadi kaMormoni.

1–2, Ingalo yeNkosi iphezu kwawo wonke umhlaba; 3–6, Ukushumayela ivangeli nokusindisa imiphefumlo yinto yexabiso elilelona likhulu.

1 Phulaphula, sicaka sam John, kwaye umamele amazwi kaYesu Krestu, iNkosi yakho noMkhululi wakho.

2 Kuba qaphela, ndithetha kuwe kabukhali anangamandla, kuba ingalo yam iphezu kwawo wonke umhlaba.

3 Kwaye ndiya kukuxelela oko kungekho namnye umntu akwaziyo ngaphandle kwam nawe kuphela—

4 Kuba amaxesha amaninzi unqwenele ukwazi ngam oko kuya kuba lixabiso elilelona likhulu kuwe.

5 Qaphela, usikelelekile wena ngayo le nto, nangokuthetha amazwi am endithe ndakunika ngokunxulumene nemiyalelo yam.

6 Kwaye ngoku, qaphela, ndithi kuwe, okokuba into eya kuba lelona xabiso likhulu kuwe akukubhengeza inguquko kwaba bantu, ukuze ube nokuzisa imiphefumlo kum, ukuze ube bnokuphumla kunye nabo cebukumkanini dbukaBawo. Amen