Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 18


Icandelo 18

Isityhilelo esiya kuJoseph Smith uMprofeti, uOliver Cowdery, noDavid Whitmer sinikwe eFayette, eNew York, Juni 1829. NgokoMprofeti, esi sityhilelo senza kwazeka “ubizo lwabapostile abalishumi elinesibini kule mihla yokugqibela, kananjalo nemiyalelo enxulumene ekwakhiweni kweBandla.”

1–5, Izibhalo zibonisa ukuba lakhiwa njani iBandla; 6–8, Ihlabathi livuthelwa ebugwenxeni; 9–16, Ixabiso lemiphefumlo likhulu; 17–25, Ukuzuza usindiso, abantu bamele ukuthabathela phezu kwabo igama likaKrestu; 26–36, Ubizo nomsebenzi wabaLishumi eliniSibini luyakutyhilwa; 37–39, UOliver Cowdery noDavid Whitmer bafanele ukuphengulula abaLishumi elineSibini; 40–47, Ukuzuza usindiso, abantu bamele ukuguquka, babhaptizwe, kwaye bagcine imiyalelo.

1 Ngoku, qaphela, ngenxa yento othe wena, sicaka sam Oliver Cowdery, wanqwenela ukwazi ngam, ndikunika la mazwi:

2 Qaphela, ndibonakalise kuwe, ngoMoya wam ngamaxesha amaninzi, okokuba izinto othe wazibhala aziyinyani; ngako oko uyazi ukuba ziyinyani.

3 Kwaye ukuba uyazi ukuba ziyinyani, qaphela, ndikunika umyalelo, wokokuba uxhomekeke kwizinto aezibhaliweyo;

4 Kuba kuzo zonke izinto zibhalwe ngokunxulumene nesiseko sebandla lam, aivangeli yam, bnolwalwa lwam.

5 Ngako oko, ukuba uya kwakha ibandla lam, phezu kwesiseko sevangeli yam nolwalwa lwam, amasango esihogo awayi koyisa ngokuchasene nawe.

6 Qaphela, aihlabathi livuthelwa ebugwenxeni; kwaye kumele kube yimfuneko okokuba abantwana babantu baxhokonxelwe ekubeni baguquke, kunye babeeNtlanga kananjalo nendlu kaSirayeli.

7 Ngako oko, njengokuba wena aubhaptiziwe ngezandla zesicaka sam uJoseph Smith, Omnci., ngokunxulumene noko endimyalele kona, uyizalisekisile into endimyalele yona.

8 Kwaye ngoku, ungamangaliswa kukuba ndibizele yena kwinjongo eyiyeyam, njongo leyo yaziwa ndim; ngako oko, ukuba uya akukhuthala bekugcineni imiyalelo yam uya ckusikelelwa kuye kubomi obungunaphakade; kwaye igama lakhe dnguJoseph.

9 Kwaye ngoku, Oliver Cowdery, ndithetha kuwe, kananjalo kuDavid Whitmer, ngendlela yomyalelo; kuba, qaphela, ndiyalela bonke abantu naphina baguquke, kwaye ndithetha kuwe, nanjengakuPawulos aumpostile wam, kuba nibiziwe nkqu ngobizo olufanayo awayebizwe ngalo.

10 Khumbulani aixabiso blemiphefumlo likhulu emehlweni kaThixo;

11 Kuba, qaphelani, iNkosi auMkhululi wenu yeva intlungu byokufa enyameni; ngako oko cyeva diintlungu zabo bonke abantu, ukuze bonke abantu babe nokuguquka beze kuyo.

12 Kwaye lowo auvukileyo kwakhona kwelabafileyo, ukuze abe nokuzisa bonke abantu kuye, ngeemeko bzenguquko.

13 Kwaye luya kubanjani auvuyo lwakhe kumphefumlo oguqukayo!

14 Ngako oko, nibizelwe aukudandulukela inguquko kubo aba bantu.

15 Kwaye ukuba kunokwenzeka ukuba nibe nisebenza nzima yonke imihla yenu ekudandulukeleni inguquko kubo aba bantu, kwaye nizise, nokokuba angumphefumlo omnye kum, luya kubanjani ukuba lukhulu uvuyo lwenu kunye naye ebukumkanini bukaBawo!

16 Kwaye ngoku, ukuba uvuyo lwenu luya kuba lukhulu ngomphefumlo omnye eniwuzise kum aebukumkanini bukaBawo, luya kuba lukhulu kangakanani buvuyo lwenu ukuba niya ckuzisa imiphefumlo emininzi kum!

17 Qaphelani, ninayo ivangeli yam phambi kwenu, nolwalwa lwam, anosindiso lwam.

18 aCelani kuBawo begameni lam ngokholo, nikholelwa okokuba niya kufumana, kwaye niya kuba noMoya oyiNgcwele, obonakalisa zonke izinto cezilungele abantwana babantu.

19 Kwaye ukuba aninalo aukholo, bithemba, cnothando lwenene, aninakwenza nto.

20 aNingaphikisani ngokuchasene naliphina ibandla, ngaphandle kokuba blibandla likamtyholi.

21 Thathelani phezu kwenu aigama likaKrestu, nize bnithethe inyaniso ckwingqondo ephilileyo.

22 Kwaye njengokuba abaninzi beguquka baze ababhaptizelwe egameni lam, elinguYesu Krestu, kwaye bbanyamezele ukuya esiphelweni, abanjalo baya kusindiswa.

23 Qaphelani, uYesu Krestu aligama elinikwe nguBawo, kwaye alikho elinye igama elinikiweyo apho ngalo umntu anako ukusindiswa;

24 Ngako oko, bonke abantu bamele ukuthathela phezu kwabo igama elinikwe nguBawo, kuba ngeloo gama baya kubizwa ngalo ngomhla wokugqibela;

25 Ngako oko, ukuba abalazi aigama emababizwe ngalo, abanako ukuba nendawo bebukumkanini bukaBawo.

26 Kwaye ngoku, qaphela, kukho abanye ababizelwe ukubhengeza ivangeli yam, kunye akwiiNtlanga nakumaYuda;

27 Ewe, nkqu nabalishumi elinesibini; kwaye aabaLishumi elineSibini baya kuba ngabafundi bam, kwaye baya kuthathela phezu kwabo igama lam; kwaye abaLishumi elineSibini ngabo abaya kunqwenela ukuthathela phezu kwabo bigama lam ngenjongo epheleleyo yentliziyo.

28 Kwaye ukuba banqwenela ukuthathela phezu kwabo igama lam ngenjongo epheleleyo yentliziyo, babizelwe ukuya kulo lonke aihlabathi bashumayele bivangeli yam kuzo czonke izidalwa.

29 Kwaye bangabo abo bamiselwe ndim aekubhaptizeni egameni lam, ngokunxulumene noko kubhaliweyo;

30 Kwaye ninako oko kubhaliweyo phambi kwenu; ngako oko, nimele ukukwenza ngokunxulumene namazwi lawo abhaliweyo.

31 Kwaye ngoku ndithetha kuni, abaLishumi elineSibini—Qaphelani, ubabalo lwam lunonele; nihambe nithe tye phambi kwam kwaye ningoni.

32 Kwaye, qaphelani, ningabo abo bamiselweyo ndim ukuba animisele ababingeleli nootitshala; ukubhengeza ivangeli yam, bngokunxulumene namandla oMoya oyiNgcwele okuni, nangokunxulumene cnobizo nezipho zikaThixo ebantwini;

33 Kwaye mna, Yesu Krestu, iNkosi yenu noThixo wenu ndikuthethile oku.

34 La amazwi awangawo awabantu nawamntu, kodwa ngawam; ngako oko, niya kungqina ukuba ngawam kwaye awangawo awontu;

35 Kuba alilizwi lam eliwathethayo kuni; kuba anikwe ngoMoya wam kuni, kwaye ngamandla am ninako ukuwafundela omnye nomnye; kwaye ngaphandle kokuba bekungamandla am beningenako ukuba nawo;

36 Ngako oko, ninako aukungqina ukuba nilivile ilizwi lam, kwaye niyawazi amazwi am.

37 Kwaye ngoku, qaphelani, ndinika kuni, Oliver Cowdery, kananjalo kuDavid Whitmer, okokuba niya kuphengulula abaLishumi elineSibini, abaya kuba neminqweno yoko ndikuthethileyo;

38 Kwaye ngeminqweno yabo anangemisebenzi yabo niya kubazi.

39 Kwaye xa nibafumene niya kubonisa ezi zinto kubo.

40 Kwaye niya kuwa phantsi kwaye aninqule uBawo egameni lam.

41 Kwaye nimele ukushumayela kulo ihlabathi, nisithi: Nimele kukuguquka nize nibhaptizwe, egameni likaYesu Krestu;

42 Kuba bonke abantu bamele ukuguquka baze babhaptizwe, kwaye ingabi ngamadoda kuphela, kodwa abafazi, nabantwana abafikelele kwiminyaka ayokuziphendulela.

43 Kwaye ngoku, emva kokuba nifumene oku, nimele ukugcina aimiyalelo yam ezintweni zonke;

44 Kwaye ngezandla zenu ndiya kusebenza umsebenzi aomangalisayo phakathi kwabantwana babantu, bekuqinisekisweni kwabaninzi ngezono zabo, okokuba babe nokuza kwinguquko, kwaye babe nokuza ebukumkanini bukaBawo.

45 Ngako oko, iintsikelelo endizinika nina azingaphezulu kwento zonke.

46 Kwaye emva kokuba nifumene oku, ukuba aaniyigcini imiyalelo yam aninako ukusindiswa ebukumkanini bukaBawo.

47 Qaphela, mna, Yesu Krestu, iNkosi yenu noThixo wenu, noMkhululi wenu, ngamandla oMoya wam ndikuthethile oku. Amen.