Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 43


Icandelo 43

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, ngoFebruwari 1831. Ngeli xesha amalungu athile eBandla aphazanyiswa ngabantu ababesenza amabango obuxoki njengabatyhileli. UMprofeti wabuza eNkosini waza wafumana olu nxibelelwano luthethwa ebadaleni beBandla. Inxalenye yokuqala isebenzana nemiba yombuso weBandla; inxalenye yokugqibela iqulathe isilumkiso soko abadala emabasinike izizwe zomhlaba.

1–7, Izityhilelo nemiyalelo ziza kuphela ngolonyulo olunye kuphela; 8–14, AbaNgcwele bangcwaliswa ngokwenza okungcwele konke phambi kweNkosi; 15–22, Abadala bathunyelwa phambili ukumemeza inguquko nokulungiselela abantu umhla omkhulu weNkosi; 23–28, INkosi Ibiza abantu ngelizwi Layo ngamandla endalo; 29–35, IMileniyam nokubotshwa kukaSathana ziya kuza.

1 Owu phulaphulani, nina badala bebandla lam, kwaye nikani indlebe emazwini endiya kuwathetha kuni.

2 Kuba qaphelani, inene, inene, ndithi kuni, okokuba namkele umyalelo awomthetho ebandleni lam, ngaye lowo ndimnyulele nina ukuze amkele bimiyalelo nezityhilelo ezivela esandleni sam.

3 Kwaye oku niya kukwazi ngokuqinisekileyo—ukuba akakho ongomnye owonyulelwe nina ekwamkeleni imiyalelo nezityhilelo ade abe uthathiwe, ukuba auhlala kum.

4 Kodwa inene, inene, ndithi kuni, okokuba aakakho omnye oya kunyulelwa esi sipho ngaphandle kokuba kube kungaye; kuba ukuba sithe sathatyathwa kuye akayi kuba namandla ngaphandle kokuba wonyule omnye endaweni yakhe.

5 Kwaye oku kuya kuba ngumthetho kuni, wokokuba anamkeli imfundiso zakhe nabani na njengezityhilelo okanye imiyalelo oya kuza phambi kwenu;

6 Kwaye oku ndikunika nina okokuba nibe anokungakhohliswa, ukuze nibe nokwazi okokuba abangabo abam.

7 Kuba inene ndithi kuni, okokuba lowo aumiselwe ndim uya kuza bngesango aze amiselwe njengoko ndinixeleleyo ngaphambili, ukufundisa ezo zityhilelo enizifumeneyo enithe nazamkela ngaye lowo ndimnyulileyo.

8 Kwaye ngoku, qaphelani, ndininika umyalelo, wokokuba xa nihlangene kunye niya akuyalela nize niphuculane, ukuze nibenokwazi ukuba ningasebenza nize nikhokele njani ibandla lam, ningasebenza njani kumanqaku omthetho nemiyalelo yam, endininikileyo.

9 Kwaye kungoko niya kuyalelwa emthethweni webandla lam, nize aningcwalise koko enithe nakufumana, kwaye niya kuzibophelela ekwenzeni kubo bonke ubungcwele phambi kwam—

10 Ukuze njengoko niya kwenza oku, ubuqaqawuli buya akongezwa ebukumkani enithe nabufumana. Kangangoko ningayi kukwenza oku, kuya bkuthatyathwa, nkqu oko sele nikufumene.

11 Hlambulukani niphume aebugwenxeni obuphakathi kwenu; zingcwaliseni phambi kwam;

12 Kwaye ukuba ninqwenela ubuqaqawuli bobukumkani, nyulani isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., nize animxhase phambi kwam ngomthandazo wokholo.

13 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, okokuba ninqwenela aiimfihlelo zobukumkani, mboneleleni ngokutya nengubo, nangayo nayiphi na into ayifunayo ekuphumeleliseni umsebenzi lowo endimyalele wona;

14 Kwaye ukuba anikwenzi oku uya kuhlala kwabo bathe bamamkela, ukuze ndibe nokuzigcinela abantu aabanyulu phambi kwam.

15 Kwakhona ndithi, phulaphulani nina badala bebandla lam, abo ndibonyulileyo: Anithunyelwanga ngaphambili ekubeni nifundiswe, kodwa aukufundisa abantwana babantu izinto endizibeke ezandleni zenu ngamandla boMoya wam;

16 Kwaye akufundiswa okuvela phezulu. bZingcwaliseni kwaye niya ckuphiwa amandla, ukuze nibe nokunika nkqu njengoko ndithethileyo.

17 Phulaphulani nina, kuba, qaphelani, aumhla bomkhulu weNkosi ukufuphi.

18 Kuba umhla uyeza lowo iNkosi iya kuthetha angelizwi layo eliphuma ezulwini; amazulu aya bkunyikima nomhlaba uya ckugungqa, kwaye dixilongo likaThixo liya kuvakala kunye, kude nakakhulu, kwaye liya kuthi kwizizwe ezileleyo: Nina bangcwele evukani nize niphile; nina boni fhlalani nize gnilale ndide ndibe ndiya kubiza kwakhona.

19 Ngako oko bhinqani izinqe zenu hleze nifunyanwe phakathi kwabakhohlakeleyo.

20 Phakamisani amazwi enu kwaye ningashiyeleli. Bizelani izizwe enguqukweni, kunye abadala nabancinane, kunye abasebukhobokeni nabakhululekileyo, nisithi: Zilungiseleleni umhla omkhulu weNkosi;

21 Kuba xa mna, ndingumntu, ndiphakamisa ilizwi lam ndize ndinibizele enguqukweni, kwaye nindithiye, niya kuthini xa umhla ufika xa aiindudumo ziya kuvakalisa amazwi azo avela kwiziphelo zomhlaba zithetha ezindlebeni zabo bonke abaphilayo, zisithi—Guqukani, nize nilungiselele umhla omkhulu weNkosi?

22 Ewe, kwaye kwakhona, xa imibane iya kutshawuzela ngaphambili ukusuka empumalanga ukuya entshonalanga, kwaye iya kuvakalisela ngaphambili amazwi yawo kubo bonke abaphilayo, ize yenze iindlebe zabo bonke abamameleyo zintlontlozele, ithetha la mazwi—Guqukani nina, kuba umhla omkhulu weNkosi uyeza?

23 Kwaye kwakhona, iNkosi iya kuvakalisa ilizwi layo liphuma ezulwini, isithi: Phulaphulani, Owu nina zizwe zomhlaba, kwaye nimamele amazwi aloo Thixo wanenzayo.

24 Owu, nina zizwe zomhlaba, kukangaphi endithe ndabe ndihlanganise rhoqo kunye anjengesikhukukazi sihlanganisele amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso, kodwa banivumanga!

25 Kungaphi endithe ndabe andinibize rhoqo ngomlomo bwezicaka zam, cnangolungiselelo lweengelosi, nangelizwi lam, nangelizwi leendudumo, nangelizwi lemibane, nangelizwi leenkqwithela, nangelizwi leenyikima zomhlaba, neenkqwithela zesichotho ezinkulu, nangelizwi dlendlala neentshabalalo zalo lonke uhlobo, nangesandi esikhulu sexilongo, nangelizwi lomgwebo, nangelizwi elenceba imini yonke, nangelizwi lozuko nembeko nobutyebi bobomi obungunaphakade, kwaye ngelanisindisayo fngosindiso lwanaphakade, kodwa anivumanga!

26 Qaphelani, umhla ufikile, xa indebe yomsindo wengqumbo yam izele.

27 Qaphelani, inene ndithi kuni, okokuba la ngamazwi eNkosi uThixo wenu.

28 Ngako oko, sebenzani, asebenzani esidiliyeni sam ngexesha lokugqibela—kuba ixesha lokugqibela libiza abemi bomhlaba.

29 Kuba ngexesha lam elifanelekileyo ndiya akuza phezu komhlaba emgwebeni, kwaye abantu bam baya kukhululwa kwaye balawule nam emhlabeni.

30 Kuba aiMileniyam enkulu, endithethe ngayo ngomlomo wezicaka zam, iya kuza.

31 Kuba auSathana uya bkubotshelelwa, aze xa ekhululwa kwakhona uya kulawula kuphela cixesha elincinane, kuze ngoko kufike disiphelo somhlaba.

32 Kwaye lowo uhlala aebulungiseni uya bkwenziwa ngakumbi ngephanyazo leliso, kwaye umhlaba uya kudlula njalo ngomlilo.

33 Kunye abakhohlakeleyo baya kujulelwa aemlilweni ongacimiyo, kwaye isiphelo sabo akukho mntu usaziyo, kwaye isiphelo sabo akukho mntu usaziyo emhlabeni, singasayi kwaziwa, kude kube beza phambi kwam bemgwebeni.

34 Phulaphulani nina la mazwi. Qaphelani, ndinguYesu Krestu, auMsindisi wehlabathi. bLondolozani ezi zinto ezintliziyweni zenu, nize nenze ciintsulungeko zanaphakade dziphumle phezu ekweengqondo zenu.

35 Yibani aneengcinga eziphilileyo. Gcinani yonke imiyalelo yam. Nkqu kunjalo. Amen.