Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 118


Icandelo 118

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eFar West, eMissouri, Julayi 8, 1838, kwimpendulo esibongozweni, “Sibonise intando yakho, Owu Nkosi, ngokunxulumene nabaLishumi elineSibini.”

1–3, INkosi iya kubonelela iintsapho zabaLishumi elineSibini; 4–6, Izithuba kwabaLishumi elineSibini zizalisiwe.

1 Inene, itsho njalo iNkosi: Makubanjwe inkomfa ngokukhawuleza; makulungiselelwe abaLishumi elineSibini; kwaye makunyulwe amadoda aokuxhobisa indawo yabo bawileyo.

2 Vumelani isicaka sam auThomas asale okwexesha emhlabeni weZiyon, apapashe ilizwi lam.

3 Vumelani intsalela iqhubekeke ukushumayela ukususela kwelo lixa, kwaye ukuba iya kwenza oku kuko konke ukuthobeka kwentliziyo, inobulali anokuthobeka, bnokunyamezela okude, mna, iNkosi, ndininika isithembiso sokokuba ndiya kubonelela iintsapho zayo; kwaye nocango olusebenzayo luya kuvulelwa bona, ukususela ngoku kuye phambili.

4 Kwaye kwintwasa-hlobo elandelayo yivumeleni induluke ukuya ngaphesheya kwamanzi amakhulu, ize apho ibhengeze ivangeli yam, ukuzaliseka kwayo, ize inike ubungqina begama lam.

5 Yivumeleni ishiye abangcwele bam kwisixeko seFar West, ngomhla wamashumi amabini anesithandathu ka-Aprili olandelayo, kwindawo yesakhiwo sendlu yam, itsho iNkosi.

6 Vumelani isicaka sam uJohn Taylor, kananjalo nesicaka sam uJohn E. Page, kananjalo nesicaka sam uWilford Woodruff, kananjalo nesicaka sam uWillard Richards, bonyulwe ukuzalisa iindawo zabo bawileyo, kwaye baziswe ngokusemthethweni ngonyulo lwabo.