Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 114


Icandelo 114

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eFar West, eMissouri, Aprili 11, 1838.

1–2, Izikhundla zeBandla eziphethwe ngabo bangathembekanga ziya kunikelwa kwabanye.

1 Inene itsho njalo iNkosi: Kububulumko esicakeni sam uDavid W. Patten, okokuba aqoshelise yonke imicimbi yakhe ngokukhawuleza njengoko enako, aze athengise zonke izinto zakhe zokurhweba, ukuze abe nako ukwenzela mna umsebenzi kwintswasa-hlobo elandelayo, ehlangene nabanye, nkqu abalishumi elinesibini ebandakanya nesiqu sakhe, enika ubungqina ngegama lam nokuthwala iindaba zovuyo ehlabathini lonke.

2 Kuba inene itsho njalo iNkosi, njengokuba kukho phakathi kwenu abaliphikayo igama lam, abanye baya akutyalwa bendaweni zabo baze bafumane ububhishophu babo. Amen.