Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 72


Icandelo 72

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Disemba 4, 1831. Abadala abaliqela namalungu bathi bahlanganisana ekufundeni umsebenzi wabo nasekubeni bahlaziywe ngakumbi kwimfundiso zeBandla. Eli candelo yingqokelela yezityhilelo ezithathu ezafunyanwa kwa ngosuku elo. Ivesi 1 kuye 8 zenza kwazeke ubizo luka Newel K. Whitney njengebhishophu. Wabizwa ngoko waza wamiselwa, emva koko ivesi 9 ukuya 23 zafunyanwa, zinika ulwazi olongezelelweyo njengemisebenzi kabhishophu. Ke emva koko iivesi 24 ukuya ku26 zanikwa, zilungiselela imiyalelo ngokunxulumene neZiyon.

1–8, Abadala bamele ukunika ingxelo yobugosa babo kubhishophu; 9–15, Ubhishophu ugcina uvimba aze akhathalele amahlwempu nabasweleyo; 16–26, Oobhishophu bamele ukuqinisela ukufaneleka kwabadala.

1 Phulaphulani, nize nimamele ilizwi leNkosi, Owu nina nizihlanganisele kunye, aeningababingeleli abaphezulu bebandla lam, kubo ekunikelwe bubukumkani namandla.

2 Kuba inene itsho njalo iNkosi, kufanelekile kum ukuba aubhishophu onyulelwe nina, okanye abenu, kusenzelwa ibandla kule ndawo yesidiliya seNkosi.

3 Kwaye inene kule nto nenze ngobulumko, kuba ifunwa yiNkosi, esandleni asamagosa onke, ukunika bingxelo cyobugosa bakhe, kunye ngoku nangonaphakade.

4 Kuba lowo uthembekileyo anolumkileyo ngoku ubalelwa ekufanelekeni ukufumana ilifa bleendawo zokuhlala ezilungiselelwe yena zikaBawo.

5 Inene ndithi kuni, abadala bebandla kule ndawo ayesidiliya sam baya kunika ingxelo yobugosa babo kubhishophu, oya konyulwa ndim kule ndawo yesidiliya sam.

6 Ezi zinto ziya kuba sembalini ebhaliweyo, emayinikezelwe kubhishophu eZiyon.

7 Kwaye umsebenzi akabhishophu uya kwenziwa wazeke ngemiyalelo enikiweyo, nangelizwi lenkomfa.

8 Kwaye ngoku, inene ndithi kuni, isicaka sam auNewel K. Whitney yindoda eya konyulwa ize imiselwe kweli gunya. Le yintando yeNkosi uThixo wenu, uMkhululi wenu. Nkqu kunjalo. Amen.

9 Ilizwi leNkosi, longezelelwe emthethweni onikiweyo, lisenza kwazeke umsebenzi kabhishophu omiselwe ebandleni kule ndawo yesidiliya sam, eyile ngenene—

10 Ukugcina auvimba weNkosi; ukwamkela iimali zebandla kule ndawo yesidiliya;

11 Ukuthabatha ingxelo yabadala njengoko ngaphambili yayiyalelwe; anokulawula iimfuno zabo, ngulowo uya kuhlawulela oko bakufumanayo, njengokuba benokuhlawula ngazo;

12 Ukuze oku kanjalo kube nokungcwaliselwa ukulunga kwebandla, emahlwempini nabasweleyo.

13 Kwaye alowo ungenako ukuhlawula, ingxelo iya kuthathwa ize idluliselwe kubhishophu waseZiyon, oya kuhlawula ityala kuko oko iNkosi eya kubeka ezandleni zakhe.

14 Kwaye imisebenzi yabathembekileyo abasebenza ezintweni zomoya, ekulawuleni ivangeli nezinto zobukumkani ebandleni, nasehlabathini, baya kuphendula ityala kubhishophu eZiyon;

15 Kungoko kuphuma ebandleni, ngokunxulumene anomthetho wonke umntu onyukela eZiyon umele ukubeka zonke izinto phambi kobhishophu eZiyon.

16 Kwaye ngoku, inene ndithi kuni, njengokuba wonke umdala kule ndawo yesidiliya umele ukunika ingxelo yobugosa bakhe kubhishophu kule ndawo yesidiliya—

17 aIsatifiketi esivela kumgwebi okanye ubhishophu kule ndawo yesidiliya, sisiya kubhishophu eZiyon, sinikwa wonke umntu owamkelekileyo, kwaye siphendula zonke izinto, zelifa, nokwamkelwa bnjengegosa elilumkileyo nanjengomsebenzi othembekileyo;

18 Ngenye indlela akayi kwamkelwa ngubhishophu waseZiyon.

19 Kwaye ngoku, inene ndithi kuni, vumelani wonke umdala oya kunika ingxelo kubhishophu webandla kule ndawo yesidiliya makathethelelwe libandla okanye amabandla, asebenza kuwo, ukuze abe nokunika isiqu sakhe neengxelo zakhe zivunyelwe kuzo zonke izinto.

20 Kwaye kwakhona, vumelani izicaka zam ezinyulwe njengamagosa phezu akwemicimbi yokwenene yebandla lam zibe nebango loncedo phezu kobhishophu okanye koobhishophu kuzo zonke izinto—

21 Ukuze aizityhilelo zibe nokupapashwa, zize zihambele ngaphambili ukuya eziphelweni zomhlaba; ukuze kanjalo babe nokufumana iimali eziya kunceda ibandla kuzo zonke izinto;

22 Ukuze babe kanjalo banokunikela iziqu zabo bavunyelwe kuzo zonke izinto, kwaye babalwe njengamagosa alumkileyo.

23 Kwaye ngoku, qaphelani, oku kuya kuba ngumzekelo wawo onke amasebe ngokubanzi ebandla lam, kulo naliphina ilizwe aya kusekwa kulo. Kwaye ngoku ndenza isiphelo seentetho zam. Amen.

24 Amazwi ambalwa ekongezeleleni emithethweni yobukumkani, ahlonipha amalungu ebandla—abo ke abonyulwe nguMoya oyiNgcwele ukunyukela eZiyon, nabo ke banelungelo elilodwa lokunyukela eZiyon—

25 Mabase isatifiketi kubhishophu esivela ebadaleni abathathu bebandla, okanye isatifiketi esivela kubhishophu;

26 Ngenye indlela lowo uya kunyukela kumhlaba weZiyon akayi kuthathwa njengegosa elilumkileyo. Kanjalo lo ngumzekelo. Amen.