Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 126


Icandelo 126

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, endlwini kaBrigham Young, eNauvoo, eIllinois, Julayi 9, 1841. UBrigham Young wayesanda kubuyela kusapho lwakhe eNauvoo esuka kwimishini ephantse ibe yiminyaka emibini ukuya eNgilani.

1–3, UBrigham Young uyanconywa ngemisebenzi yakhe kwaye uphunyuzwa kuhambo lwexesha elizayo lwaphesheya.

1 Mzalwana othandekayo noyintanda kakhulu, Brigham Young, inene itsho njalo iNkosi kuwe: Sicaka sam Brigham, akusafuneki kwakhona esandleni sakho ukushiya usapho lwakho njengasemaxesheni adlulileyo, kuba umnikelo wakho wamkelekile kum.

2 Ndiwubonile umsebenzi nembulaleko yakho kwiihambo ngenxa yegama lam.

3 Ke ngoko ndikuyalela ekubeni uthumele ilizwi lam ngaphesheya, kwaye ukhathalele ngokukodwa usapho lwakho ukususela kweli xesha, nexesha elizayo nangonaphakade. Amen.