Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 16


Icandelo 16

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuPeter Whitmer Omnci., eFayette, eNew York, Juni 1829. (bona isihloko secandelo 14). UPeter Whitmer Omnci. ethubeni waba lelinye lamaNgqina asiBhozo eNcwadi kaMormoni.

1–2, Ingalo yeNkosi iphezu kwawo wonke umhlaba; 3–6, Ukushumayela ivangeli nokusindisa imiphefumlo yinto yexabiso elilelona likhulu.

1 aPhulaphula, sicaka sam Peter, kwaye umamele amazwi kaYesu Krestu, iNkosi yakho noMkhululi wakho.

2 Kuba qaphela, ndithetha kuwe kabukhali nangamandla, kuba ingalo yam iphezu kwawo wonke umhlaba.

3 Kwaye ndiya kukuxelela oko kungekho namnye umntu akwaziyo ngaphandle kwam nawe kuphela—

4 Kuba amaxesha amaninzi unqwenele ukwazi ngam oko kuya kuba lixabiso elilelona likhulu kuwe.

5 Qaphela, usikelelekile wena ngayo le nto, nangokuthetha amazwi am endithe ndakunika ngokunxulumene nemiyalelo yam.

6 Kwaye ngoku, qaphela, ndithi kuwe, okokuba into eya kuba lelona xabiso likhulu kuwe kukubhengeza inguquko kwaba bantu, ukuze ube nokuzisa imiphefumlo kum, ukuze ube nokuphumla kunye nabo ebukumkanini bukaBawo. Amen.

      • Khangela I&M 15 kwizalathiso ezifanayo ezichaseneyo.