Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 136


Icandelo 136

Ilizwi nentando yeNkosi, zinikwe ngoMongameli uBrigham Young eWinter Quarters, inkampu kaSirayeli, kwiOmaha Nation, entshona yodonga loMlambo iMissouri, kufutshane neCouncil Bluffs, eIowa.

1–16, Kuyachazwa ukuba yayinjani inkampu kaSirayeli, uhambo lwangasentshonalanga; 17–27, AbaNgcwele bayalelwa ekuphileni ngamabanga amaninzi evangeli; 28–33, AbaNgcwele bamele ukucula, badanise, bathandaze, nokufunda ubulumko; 34–42, Abaprofeti bayabulawa ukuze babe nokunikwa imbeko baze abakhohlakeleyo bagwetywe.

1 Ilizwi nentando yeNkosi ngokunxulumene neNkampu kaSirayeli kwiihambo zabo eziya ngaseNtshonalanga:

2 Vumelani bonke abantu abeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, nabo bahamba kunye nabo, balungiselelelwe kwiinkampani, bagcine yonke imiyalelo nemimiselo yeNkosi uThixo wethu ngomnqophiso nesithembiso.

3 Mazilungiselelwe iinkampu kubekho iikapteyini azamakhulu, iikapteyini zamashumi amahlanu, iikapteyini zamashumi, nomongameli nabacebisi bakhe ababini besentloko yabo, phantsi kwesikhokelo bsaBapostile abaLishumi elineSibini.

4 Kwaye lo iya kuba angumnqophiso wethu—okokuba siya bkuhamba kuyo yonke cimimiselo yeNkosi.

5 Nkampani nganye mayizibonelele ngazo zonke izipani, iinqwelo, imiphako, iimpahla zokunxiba, nezinye izinto eziyimfuneko zohambo, abangenako ukubanazo.

6 Xa iinkampani zilungiselelwe mazihambe ngamandlakazi azo, zilungiselele abo baza kuhlala.

7 Nkampani nganye, kunye nookapteyni bayo noomongameli, mayigqibe okokuba mababe bangaphi abanako ukuhamba kwintwasahlobo elandelayo, ngoko ikhethe inani elaneleyo lamadoda awomeleleyo namadoda azingcaphephe, ekuthatheni izipani, iimbewu, nezixhobo zokulima, ahambe njengoovulindlela alungiselele ukutyala izilimo zentwasahlobo.

8 Nkampani nganye mayamkele isahluko esilinganayo, ngokwesabelo sepropati yayo, ekuthabatheni aamahlwempu, babahlolokazi, cabangenayise, neentsapho zabo baye emkhosini, ukuze ukubhomboloza kwabahlolokazi nabangenayise kunganyukeli ezindlebeni zeNkosi ngokuchasene naba bantu.

9 Nkampani nganye mayilungiselele izindlu, namasimi okukhulisa iinkozo, abo baza kushiyeka ngasemva kweli xesha, kwaye oku yintando yeNkosi ngokunxulumene nabantu bayo.

10 Wonke umntu makasebenzise yonke impembelelo yakhe nepropati ekufuduseni aba bantu ukuya kwindawo apho iNkosi iya kumisa aisteyki seZiyon.

11 Kwaye ukuba nenza oku ngentliziyo enyulu, nakuko konke ukuthembeka, niya akusikelelwa; niya kusikelelwa kuyo yonke imihlambi yenu yempahla emfutshane, nemihlambi yempahla enkulu, nasemasimini enu, nasezindlwini zenu, nakwiintsapho zenu.

12 Izicaka zam uEzra T. Benson noErastus Snow mabalungiselele inkampani.

13 Kwaye izicaka zam uOrson Pratt noWilford Woodruff mabalungiselele inkampani.

14 Kanjalo, izicaka zam uAmasa Lyman noGeorge A. Smith mabalungiselele inkampani.

15 Kwaye zanyule oomongameli, nokapteyni bamakhulu, bamashumi amahlanu, nabamashumi.

16 Kwaye izicaka zam ebezanyulelwe ukuhamba nokufundisa oku, intando yam, kwabangcwele okokuba mazibe nokulungela ukuya kwilizwe loxolo.

17 Hambani indlela yenu nize nenze njengoko ndinixeleleyo, kwaye ningazoyiki iintshaba zenu; kuba aziyi kuba namandla okunqanda umsebenzi wam.

18 IZiyon iya akukhululwa ngexesha elilelam elifanelekileyo.

19 Kwaye ukuba nawuphina umntu uya kufuna ukuziphakamisa, aze angafuni aicebiso lam, akasayi kuba namandla, nobuyatha bakhe buya kwenziwa bubonakale.

20 Funani; nize anigcine izithembiso omnye komnye; nize bninganqweneli oko kukokomzalwana wenu.

21 aZigcineni enkohlakalweni ningafumane nilibize igama leNkosi, kuba ndiyiNkosi uThixo wakho, nkqu buThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, noIsake noYakobi.

22 aNdinguye lowo wakhokelela abantwana bakaSirayeli baphume elizweni laseYiputa; ngengalo eyoluliweyo kwimihla yokugqibela, bukusindisa abantu bam amaSirayeli.

23 Yekani ukuba anembambano omnye nomnye; yekani ukuthetha bububi omnye ngomnye.

24 Yekani aukunxila; kunye amazwi enu makasoloko behlaziya omnye nomnye.

25 Ukuba uboleke okommelwane wakho, uya kubuyisela oko wena aukubolekileyo; kwaye ukuba awunako ukukuhlawula ngoko ke hamba ngokukhawuleza uze umxelele ummelwane wakho, hleze akugwebe.

26 Ukuba uya kufumana oko ummelwane wakho aakulahlileyo, uya kufuna ngenkuthalo ude ube uya kubuyisela kuye kwakhona.

27 Uya akukhuthala ekulondolozeni oko unako, ukuze ube nokuba bligosa elilumkileyo; kuba oko sisipho esikhululekileyo esivela eNkosini uThixo wakho, kwaye wena uligosa layo.

28 Ukuba wena wonwabile, dumisa iNkosi angokucula, ngomculo, ngokudanisa, bnangomthandazo wendumiso cnombulelo.

29 Ukuba nina anilusizi, nibiza iNkosi uThixo wenu ngesikhungo, ukuze imiphefumlo yenu ibe bnovuyo.

30 Ningazoyiki iintshaba zenu, kuba zisezandleni zam ndaye ndiya kwenza intando yam ngazo.

31 Abantu bam bamele aukulingwa ezintweni zonke, ukuze babe nokulungiselelwa ukufumana buzuko ngabo, nkqu uzuko lweZiyon; kwaye lowo ungayi kunyamezela cukohlwaywa akabufanelanga ubukumkani bam.

32 Lowo ungaziyo makafunde aubulumko bngokuzithoba kwaye ebiza eNkosini uThixo wakhe, ukuze amehlo akhe abe nokuvulwa ukuze abe nokubona, neendlebe zakhe zivuleke ukuze abe nokuva;

33 Kuba auMoya wam uthunyelwe ngaphambili kulo ihlabathi ukukhanyisela abathobekileyo nabatyumkileyo, nasekugwetyweni kwabangahloneli Thixo.

34 Abazalwane benu banilahlile nobungqina benu, nkqu isizwe aesinigxothele ngaphandle;

35 Kwaye ngoku uyeza umhla wentlekele, nkqu imihla yosizi, njengomfazi ebanjwe yinimba; kwaye usizi lwabo luya kuba lukhulu bade babe baguquke ngokukhawuleza, ewe, ngokukhawuleza kakhulu.

36 Kuba bababulala abaprofeti, nabo babethunyelwe kubo; kwaye bachitha igazi elimsulwa, elikhala lisuka emhlabeni ngokuchasene nabo.

37 Ke ngoko, maningamangaliswa zezi zinto, kuba anikabi anyulu; anikabi nako ukunyamezela uzuko lwam; kodwa niya kulubona ukuba nithembekile ekugcineni onke amazwi am bendininikileyo, ukususela kwimihla ka-Adam kuye kuAbraham, ukususela kuAbraham kuye kuMoses, ukususela kuMoses kuye kuYesu nabapostile bakhe, nokususela kuYesu nabapostile bakhe kuye kuJoseph Smith, endimbizileyo cngeengelosi zam, izicaka zam ezilungiselelayo, nangelizwi elilelam liphuma emazulwini, ukuzisa ngaphambili umsebenzi wam;

38 Owabeka isiseko, kwaye wayethembekile; kwaye ndamthathela kum.

39 Abaninzi bamangaliswa ngenxa yokufa kwakhe; kodwa kwakuyimfuneko okokuba amele aukutywina bubungqina bakhe cngegazi lakhe, ukuze abe nokuzukiswa baze abakhohlakeleyo babe nokugwetywa.

40 Andinikhululanga na aezintshabeni zenu, kuphela koko ndishiye ubungqina begama lam?

41 Ke ngoko, phulaphulani, ngoku, Owu bantu abebandla lam; nani badala mamelani kunye; nifumene bubukumkani bam.

42 Khuthalani ekugcineni yonke imiyalelo yam, hleze izigwebo zize phezu kwenu, nokholo lwenu lusilele, zize iintshaba zenu zinivuyelele. Njalo akukho ngakumbi okwa kaloku. Amen noAmen.