Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 110


Icandelo 110

Imibono yabonakaliswa kuJoseph Smith uMprofeti no-Oliver Cowdery etempileni eKirtland, eOhio, April 3, 1836. Ithuba yayilelo lentlanganiso yosuku lweSabatha. Imbali kaJoseph Smith ichaza: “Ngemva kwemini, ndancedisa abanye aBongameli ekwabeleni iSidlo seNkosi eBandleni, lisamkela kwabaLishumi elineSibini, abalungelo labo elilodwa yayikukusebenza etafileni enyulu ngale mini. Emva kokuba kugqitywe ukwenziwa le nkonzo kubazalwana bam, ndahlala epulpitini, izigqumathelo zihlisiwe, kwaye ndagoba, kunye no-Oliver Cowdery, ngomthandazo ondilisekileyo nothuleyo. Emva kokuphakama emthandazweni, lo mbono ulandelayo wavulelwa kuthi sobabini.”

1–10, INkosi uYehova ibonakala isebuqaqawulini ize yamkele iTempile iKirtland njengendlu Yayo; 11–12, UMoses noEliyasi ngamnye kubo babonakala baze banikele izitshixo namaxesha okuzihlanganisela; 13–16, Eliya ubuya aze anikele izitshixo zexesha lakhe lolawulo njengoko kuthenjiswe nguMalaki.

1 aIsigqumathelo sasithathiwe ezingqondweni zethu, bnamehlo ethu okuqonda avulwa.

2 Sabona iNkosi ime phezu komvalo wepulpiti, phambi kwethu; kwaye phantsi kweenyawo zayo kwakungumsebenzi ogangathiweyo wegolide esulungekileyo, unombala olubhelu.

3 aAmehlo ayo ayenjengedangatye lomlilo; iinwele zentloko yayo zazinjengekhephu elisulungekileyo; bimbonakalo yayo iqaqambe ngaphezu kokuqaqamba kwelanga; cnelizwi layo lalinjengesandi samanzi amaninzi, nkqu ilizwi dlikaYehova, lisithi:

4 aNdisisiqalo nesiphelo; ndinguye lowo buphilayo, ndinguye lowo wabulawayo; cndingumthetheleli wenu kunye noBawo.

5 Qaphelani, izono zenu azixolelwe; nicocekile phambi kwam; ke ngoko, ziphakamiseni iintloko zenu kwaye nigcobe.

6 Mazigcobe iintliziyo zabazalwana benu, kwaye iintliziyo zabantu bam bonke mazigcobe, aabakhele le ndlu egameni lam, ngamandlakazi abo.

7 Kuba qaphelani, andiyamkele le bndlu, kwaye igama lam liya kuba lapha; kwaye ndiya kusibonakalisa isiqu sam ngenceba ebantwini bam kule ndlu.

8 Ewe, ndiya akubonakala ezicakeni zam, ndize ndithethe kuzo ngelizwi elilelam, ukuba abantu bam baya kuyigcina imiyalelo yam, baze bbangayingcolisi le cndlu ingcwele.

9 Ewe iintliziyo zamawaka namashumi amawaka ziya kugcoba kakhulu kwisiphumo sezi antsikelelo eziya kuthululwa, bnesiphiwo ngaso, izicaka zam ebezisinikwe kuyo le ndlu.

10 Kwaye udumo lwale ndlu luya kunabela kumazwe asemzini; kwaye esi sisiqalo sentsikelelo eya akuthululelwa phezu kweentloko zabantu bam. Nkqu kunjalo. Amen.

11 Emva koku aumbono wavaleka, amazulu kwakhona avulekela kuthi; kwaye kwavela buMoses phambi kwethu, waza wanikela kuthi cizitshixo dzokuhlanganisela uSirayeli kuzo zonke iimbombo zomhlaba, nokukhokela kwezizwe ezilishumi ukusuka kwilizwe elasemntla.

12 Emva koku, auEliyasi wavela, waza wanikela bixesha lokuhlanganisela le cvangeli ka-Abraham, esithi okokuba kuthi nakwimbewu yethu zonke izizukulwana emva kwethu zimele ukusikelelwa.

13 Emva kokuba lo mbono uvaliwe, omnye umbono omkhulu nozukileyo wavela ngequbuliso phezu kwethu; kuba auEliya umprofeti, bowayethatyathelwe ezulwini engakhange akungcamle ukufa, wema phambi kwethu, waza wathi:

14 Qaphelani, ixesha lifikile ngokuzeleyo, ekwakuthethwe ngalo ngomlomo kaMalaki—engqina okokuba lowo [uEliya] umele ukuthunyelwa, phambi kokuba imini enkulu neyoyikekayo yeNkosi ize—

15 aKubuyiselwe iintliziyo zooyise kubantwana, neentliziyo zabantwana kooyise, hleze umhlaba wonke ndiwuchithe ngokuwuphanzisa—

16 Ke ngoko, izitshixo zeli xesha lokuzihlanganisela zinikelwe ezandleni zenu; kwaye ngoku ninokwazi okokuba aimini enkulu neyoyikekayo yeNkosi ikufuphi, nkqu eminyangweni.