Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 48


Icandelo 48

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Matshi 10, 1831. UMprofeti wabuza eNkosini indlela yenkqubo ekufumaneni imihlaba yokuhlalisa abaNgcwele. Lo yayingumba obalulekileyo ekujongeni imfuduko yamalungu eBandla ukusuka empumalanga yoMdibaniso waMazwe aseAmerika, ngokuthobela umyalelo weNkosi wokokuba bahlanganisane eOhio (bona amacandelo 37:1–3; 45:64).

1–3, AbaNgcwele eOhio bamele ukwabelana nabazalwana babo; 4–6, AbaNgcwele bamele ukuthenga imihlaba, bakhe isixeko, baze balandele ingcebiso yamagosa abo ongameleyo.

1 Kufanekile okokuba nishiye kwithuba langoku ezindaweni zenu zokuhlala, njengoko kuya kulungela iimeko zenu.

2 Kwaye kangangoko niya kufumana imihlaba, niya akugqithisela kubazalwana basempumalanga.

3 Kwaye kangangokuba ningayi kufumana imihlaba, bavumeleni ngethuba langoku kwezo ngingqi zibangqongileyo, njengoko kubonakala kubalungele, kuba kuyimfuneko efanelekileyo okokuba bafumane iindawo zokuhlala ngethuba langoku.

4 Kuyimfuneko efanelekileyo okokuba nilondoloze yonke imali njengokuba ninako, nanjengokuba ninokuyifumana ngako konke eninako ngobulungisa, ukuze ethubeni nibe niya kuba nako aukuthenga umhlaba wokuba lilifa, bnkqu isixeko.

5 Indawo ayikabi nakutyhilwa; kodwa emva kokuba abazalwana benu befikile ukusuka empumalanga kuya kubakho aabantu abathile abonyuliweyo, kwaye baya kuba benikwe bukwazi indawo, okanye kubo iya kutyhilwa.

6 Kwaye baya konyulelwa ukuthenga imihlaba, nokwenza isiqalo sokubeka isiseko asesixeko; kwaye ngoko baya kuqalisa ukuhlanganisana neentsapho zenu, wonke umntu ngokunxulumene bnosapho lwakhe, ngokunxulumene neemeko zakhe, nanjengoko konyulelwe kuye bububongameli nobhishophu webandla, ngokunxulumene nemithetho nemiyalelo enithe nayifumana, naleyo niya kuyifumana ukususela ngoku nakwixesha elizayo. Nkqu kunjalo. Amen.