Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 13


Icandelo 13

Isicatshulwa esivela kwimbali kaJoseph Smith sichaza umiselo loMprofeti no-Oliver Cowdery kuBubingeleli buka-Aron kufutshane neHarmony, ePennsylvania, Meyi 15, 1829. Ummiselo wenziwa zizandla zengelosi eyazazisa njengoYohane, eyayinguye lowo ubizwa ngokuba nguYohane uMbhaptizi kwiTestamente eNtsha. Ingelosi yachaza ukuba yayisenza phantsi kolawulo lukaPetros, uYakobi, noYohane, aBapostile bamandulo, ababephethe izitshixo zobubingeleli obuphezulu, obabubizwa ngokuba bububingeleli obuphakamileyo. Isithembiso sanikwa uJoseph no-Oliver sokokuba ngexesha elifanelekileyo obu bubingeleli bukhulu ngakumbi buya kunikwa phezu kwabo. (Bona kwicandelo 27:7–8, 12.)

Izitshixo namandla oBubingeleli buka-Aron zihambela phambili.

1 Phezu kwenu zicaka zam ezingabazalwana, egameni likaMesiya andinikela buBubingeleli buka-Aron, obuphethe izitshixo zolungiselelo clweengelosi, nezevangeli dyenguquko, enezobhaptizo ngontywiliselo ukuze kuxolelwe izono; kwaye oku akunakuze kuthatyathwe kwakhona emhlabeni, bade foonyana bakaLevi banikele kwakhona umnikelo eNkosini gbesebulungiseni.