Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 1


IMfundiso neMinqophiso

Icandelo 1

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, Novemba 1, 1831, ngethuba lenkomfa ekhethekileyo yabadala beBandla, eyabanjelwa eHiram, eOhio. Izityhilelo ezininzi zathi zafunyanwa zivela eNkosini phambi kweli xesha, kwaye ingqokelela yazo ikwimo yencwadi elungiselelwe upapasho yayisesinye sezihloko ezaziphambili ezadluliselwe enkomfeni. Eli candelo liqulathe intshayelelo yeNkosi kwiimfundiso, iminqophiso, nemiyalelo enikwe kweli xesha lokuzihlanganisela likaThixo.

1–7, Ilizwi lesilumkiso liya kubo bonke abantu; 8–16, Ukreqo nenkohlakalo zandulela ukuBuya kweSibini; 17–23, UJoseph Smith ubizelwe ukubuyisela emhlabeni iinyaniso namandla eNkosi; 24–33, INcwadi kaMormoni iziswa phambili neBandla eliyinyani liyasekwa; 34–36, Uxolo luya kuthatyathwa emhlabeni; 37–39, Phengululani le miyalelo.

1 Phulaphulani, Owu nina bantu abebandla lam, litsho ilizwi lalowo uhleli phezulu, nalowo bamehlo akhe aphezu kwabo bonke abantu; ewe, inene ndithi: cPhulaphulani nina bantu abasuka kude; nani abo baphezu kweziqithi zolwandle, mamelani kunye.

2 Kuba inene ailizwi leNkosi likubo bonke abantu, bakukho namnye uya kusinda; kwaye akukho liso lingayi kubona, nandlebe ingayi kuva, cnantliziyo ingayi kugqojozwa.

3 Kwaye aabaqhankqalazayo baya koselwa ngosizi olukhulu; kuba ubutshinga babo bbuya kukhwazwa phezu kwamaphahla ezindlu, nezenzo zabo zangasese ziya kutyhilwa.

4 Kwaye ailizwi lesilumnkiso liya kuba kubo bonke abantu, ngemilomo yabafundi bam, abo ndibanyulileyo kule bmihla yokugqibela.

5 Kwaye baya kuya phambili kwaye akukho namnye uya kubamisa, kuba mna iNkosi ndithe ndabayalela.

6 Qaphelani, eli aligunya lam, negunya lezicaka zam, nentshayelelo yam kwincwadi yemiyalelo yam, endithe ndabanika bbayipapashe kuni, Owu bemi bomhlaba.

7 Ngako oko, ayoyikani ningcangcazele, Owu nina bantu, kuba oko iNkosi ithe yakumisela kubo kuya bkuzalisekiswa.

8 Kwaye inene ndithi kuni, abo baya phambili, bephethe ezi ndaba kubo abemi bomhlaba, kubo amandla anikiwe aokutywina kunye emhlabeni nasezulwini, abangakholelwayo bnabaqhankqalazayo;

9 Ewe, inene, ukubatywinela phezulu kuwo umhla xa aingqumbo kaThixo iya kugalelwa phezu bkwabokhohlakeleyo ngaphandle komlinganiselo—

10 Kuwo aumhla xa iNkosi iya kuza bihlawule umntu ngamnye cngokwemisebenzi yakhe, ize dilinganisele elowo umntu ngokomlinganiselo athe walinganisela abazalwana bakhe ngawo.

11 Ngako oko ilizwi leNkosi liya kuzo iziphelo zomhlaba, ukuze abo baya kuliva balive:

12 Zilungiseleleni, zilungiseleleni oko kuzayo, kuba iNkosi ikufuphi;

13 Kwaye aumsindo weNkosi uphenjiwe, bnekrele layo lisele lahlutha ezulwini, laye liya kuwela phezu kwabemi bomhlaba.

14 Kwaye aingalo yeNkosi iya kutyhilwa; nomhla uyeza abaya kuthi abo bangayi bkulimamela ilizwi leNkosi, nokuba lilizwi lezicaka zayo, nokuba bangawaniki cnyameko amazwi abaprofeti nabapostile, baya dkusikelwa ngaphandle basuke phakathi kwabantu;

15 Kuba abahilizile bkwimimiselo yam, baze cbayophula diminqophiso yam yanaphakade;

16 aAbayifuni iNkosi iseke ubulungisa bayo, kodwa elowo umntu uhamba bendleleni ceyiyakhe, nasemva dkomfanekiso kathixo ongowakhe, omfanekiso wakhe unemfano yehlabathi, nentsobi yawo iyileyo yesithixo, eesonakalayo kwaye siya kutshabalala feBhabhilon, nkqu yona iBhabhilon enkulu, eya kuwa.

17 Ngako oko, mna iNkosi, ndiyazi intlekele eya kuza phezu akwabemi bomhlaba, ndabiza isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., ndaye ndathetha kuye ndivela ezulwini, ndaze ndamnika imiyalelo;

18 Kananjalo ndinike imiyalelo kwabanye, okokuba babhengeze ezi zinto ehlabathini; nokokuba konke oku kube nokuzaliseka, oko kwakubhalwe ngabaprofeti—

19 aIzinto ezibuthathaka zehlabathi ziya kuza ngaphambili zophule ezomeleleyo nezinamandla, ukuze umntu angabinako ukucebisa umzalwana wakhe, bnakungathembeli kwingalo yenyama—

20 Kodwa okokuba elowo umntu aabenokuthetha egameni likaThixo iNkosi, nkqu uMsindisi wehlabathi;

21 Okokuba ukholo kanjalo lubenokwanda emhlabeni;

22 Okokuba aumnqophiso wam wanaphakade ube nokusekwa;

23 Okokuba aivangeli yam epheleleyo ibe bibhengeziwe cngababuthathaka nabaqhelekileyo kuzo iziphelo zehlabathi, naphambi kookumkani nabalawuli.

24 Qaphelani, ndinguThixo kwaye ndikuthethile; le amiyalelo iyiyeyam, kwaye inikwe izicaka zam ebuthathakeni bazo, ngokohlobo blolwimi lwazo, okokuba zibe nokuza cekuqondeni.

25 Kwaye nanjengokuba zaphazamayo iya kuthi yenziwe ukuba yaziwe;

26 Kwaye nanjengokuba zifune aubulumko ziya kuthi ziyalelwe;

27 Kwaye nanjengokuba zonayo ziya kuthi zibe anokohlwaywa, ukuze zibe bnokuguquka;

28 Kwaye nanjengokuba ziya akuthobeka ziya kuthi zenziwe zomelele, kwaye zisikelelwe ngokuvela ngasentla, kwaye zifumane bulwazi ngamaxesha ngamaxesha.

29 Nasemva kokufumana imbali yamaNifayithi, ewe, nkqu isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., angathi abe namandla okuguqulela ngenxa yenceba kaThixo, ngamandla kaThixo, aiNcwadi kaMormoni.

30 Kananjalo abo kunikwe le miyalelo kubo, banokuba anamandla okubeka isiseko seli bbandla, nokulizisa ngaphambili liphume emfihlakalweni kwaye liphume cebumnyameni, ekuphela kweliyinyani neliphilayo dibandla phezu kobuso bomhlaba wonke, kunye nalo mna, iNkosi, eendikholisiweyo lilo, ndithetha ebandleni ngokuhlanganeyo kwaye ingekuye oyedwa—

31 Kuba mna iNkosi andinako ukujonga phezu akwesono nangelilelona lincinane iqondo lokusivumela;

32 Nangona kunjalo, lowo uguqukayo aze enze imiyalelo yeNkosi uya akuxolelwa;

33 Kwaye lowo aungaguqukiyo, kuye lowo kuya bkuthatyathwa nkqu nokukhanya athe wakufumana; kuba cuMoya wam awusayi kusoloko dusebenza emntwini, itsho iNkosi yemiKhosi.

34 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, Owu bemi bomhlaba: Mna iNkosi ndiyavuma ukuzenza ezi zinto zaziwe yiyo ayonke inyama;

35 Kuba aandikhethi buso bamntu, kwaye ndiya kufuna ukuba bonke abantu babe baya kwazi ukuba loo bmhla uza ungxamile; ilixa alikafiki, kodwa lisondele, xa cuxolo luya kuthatyathwa emhlabeni, aze dumtyholi abe namandla phezu kobukhosi obubobakhe.

36 Kananjalo iNkosi iya kuba namandla phezu akwabangcwele bayo, kwaye iya bkulawula cphakathi kwabo, kwaye iya kuhlela ngezantsi digwebe phezu ekoEdom, okanye ihlabathi.

37 Phengululani le amiyalelo, kuba iyinene kwaye ithembekile, neziprofetho bnezithembiso ezikuyo ziya kuzalisekiswa zonke.

38 Oko mna iNkosi endikuthethileyo, ndikuthethile, kwaye andizi kubeka siqu sam tyala; kwaye nangona amazulu nomhlaba angadlula, ailizwi lam alisayi kudlula, kodwa liya bkuzaliseka, nokokuba ckungelizwi lam okanye ilizwi dlezicaka zam, oko ekuyafana.

39 Kuba qaphelani, kwaye yabonani, iNkosi inguThixo, anoMoya unika ubungqina, kwaye ubungqina buyinene, kwaye binyaniso ihleli ngonaphakade kanaphakade. Amen.