Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 117


Icandelo 117

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eFar West, eMissouri, Julayi 8, 1838, ngokunxulumene nemisebenzi ekhawulezileyo kaWilliam Marks, uNewel K. Whitney, no-Oliver Granger.

1–9, Izicaka zeNkosi azimele kunqwenela izinto zenyama, kuba ke “yintoni-na ipropathi eNkosini?”; 10–16, Zimele ukushiya ubuncinane bomphefumlo, kwaye ukuncama kwabo kuya kuba nyulu eNkosini.

1 Inene itsho njalo iNkosi esicakeni sayo uWilliam Marks, kananjalo esicakeni sayo uNewel K. Whitney, maziqoshelise amashishini azo ngokukhawuleza zize zihambe ukusuka kumhlaba weKirtland, phambi kokuba mna, iNkosi, ndithumele kwakhona amakhephu phezu komhlaba.

2 Mabavuke, kwaye baphakame, baze beze ngaphambili, baze bangahlali, kuba mna, iNkosi, ndiyalela oko.

3 Ke ngoko, ukuba bayawuhlala akuyi kulunga kubo.

4 Bavumeleni baguquke kuzo zonke izono zabo, nakuyo yonke iminqweno yeemfuno yabo, phambi kwam, itsho iNkosi; kuba ke yintoni aipropathi kum? itsho iNkosi.

5 Iipropathi zaseKirtland maziguqulelwe aamatyala, itsho iNkosi. Mazihambe, itsho iNkosi, kwaye nantonina esalayo, mayisale ezandleni zenu, itsho iNkosi.

6 Kuba andinazo na iintaka zezulu, kananjalo neentlanzi zolwandle, nezilo zeentaba? Andiwenzanga na umhlaba? Andiphethanga aulwazelelo lwayo yonke imikhosi yezizwe zomhlaba?

7 Ke ngoko, andisayi kwenza aziindawo ziyinkqantosi zidubule kwaye zityatyambe, zize zizise ngaphambili indyebo? itsho iNkosi.

8 Akukho gumbi laneleyo na ezintabeni azika-Adam-ondi-Ahman, nasemathafeni kaOlaha bShinehah, okanye cilizwe apho uAdam wahlala kulo, ukuze ninqwenele oko kodwa okuya kuwa, nize ningakhathaleli ngakumbi imiba enobunzima?

9 Ke ngoko, yizani ngapha emhlabeni wabantu bam, nkqu iZiyon.

10 Isicaka sam uWilliam Marks amasithembeke phezu kwezinto ezimbalwa, kwaye siya kuba ngumlawuli phezu kwezininzi. Mvumeleni ongamele phakathi kwabantu bam esixekweni saseFar West, kwaye makasikeleleke ngeentsikelelo zabantu bam.

11 Masibe neentloni isicaka sam uNewel K. Whitney liqela alamaNikolawo nawo onke bamasikizi awo angasese, nabo bonke ubuncinane bomphefumlo wakhe phambi kwam, itsho iNkosi, aze anyukele elizweni iAdam-ondi-Ahman, aze abe cngubhishophu ebantwini bam, itsho iNkosi, ingabi segameni kodwa kwisenzo, itsho iNkosi.

12 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, ndikhumbula isicaka sam auOliver Granger; qaphelani, inene ndithi kuye okokuba igama lakhe liya kuba kwinkumbulo enyulu ukusuka kwisizukulwana kuye kwisizukulwana, ngonaphakade kanaphakade, itsho iNkosi.

13 Ke ngoko, makasunduzane ngokunyanisekileyo nenkululeko yeBumongameli boKuqala beBandla lam, itsho iNkosi; kwaye xa esiwa uya kuphakama kwakhona, kuba aukuncama kwakhe kuya kuba nyulu ngakumbi kum kunoko kwakhe kusisongezelelo, itsho iNkosi.

14 Ke ngoko, makanyukele ngapha ngokukhawuleza, emhlabeni weZiyon; kwaye ngexesha elifanelekileyo uya kwenziwa umrhwebi egameni lam, itsho iNkosi, ngenxa yoncedo lwabantu bam.

15 Ke ngoko makungabikho mntu ucekisa isicaka sam uOliver Granger, kodwa iintsikelelo zabantu bam mazibe kuye ngonaphakade kanaphakade.

16 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, zonke izicaka zam ezikumhlaba weKirtland mazikhumbule iNkosi uThixo wazo, nendlu yam kanjalo, ziyigcine kwaye ziyilondoloze ingcwele, kwaye zibhukuqe abatshintshi-mali ngexesha elilelam elifanelekileyo, itsho iNkosi. Nkqu kunjalo. Amen.