Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 2


Icandelo 2

Isicatshulwa esivele kwimbali kaJoseph Smith sinika ingxelo yamazwi engelosi uMoronayi sisiya kuJoseph Smith uMprofeti, ngethuba wayesendlwini kayise woMprofeti eManchester, eNew York, ngenjikalanga yowama-Septemba 21, 1823. UMoronayi wayengowokugqibela woluhlu olude lwababhali—mbali abathe benza imbali ekhoyo ngoku phambi kwehlabathi njengeNcwadi kaMormoni: (Thelekisa UMalaki 4:5–6; kanjalo amacandelo 27:9; 110:13–16; ne128:18.)

1, UEliya uza kutyhila ububingeleli; 2–3, Izithembiso zooyise zityalwe ezintliziyweni zabantwana.

1 Qaphelani, ndiya kunityhilela uBubingeleli, ngesandla asikaEliya umprofeti, ngaphambi kokufika kwemini benkulu neyoyikekayo yeNkosi.

2 Kwaye aiya kutyala ezintliziyweni zabantwana bizithembiso ezenziwa koyise, neentliziyo zabantwana ziya kuguqukela kooyise.

3 Ukuba bekungenjalo, umhlaba wonke ubuya kuba yinkcitho kwaphela ekuzeni kwayo.