Izibhalo
Moronayi 6


Isahluko 6

Abantu abaguqukayo bayabhaptizwa baze banikwe ubudlelane—Amalungu eBandla aguqukayo ayaxolelwa—Iintlanganiso ziqhutywa ngamandla oMoya oyiNgcwele. Malunga E.K. 401–421.

1 Kwaye ngoku ndithetha ngokunxulumene anobhaptizo. Qaphelani, abadala, ababingeleli, neetitshala babhaptizwa; kwaye babengabhaptizwa ngaphandle kokuba bazise ngaphambili iziqhamo ezifanelekileyo zokokuba bbabekufanele.

2 Bengamkeli namnye elubhaptizweni ngaphandle kokuba beze ngaphambili abenentliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo, baze bangqine kulo ibandla okokuba baguquke ngokwenene kuzo zonke izono zabo.

3 Kwaye kwakungamkelwa namnye elubhaptizweni ngaphandle kokuba abathabathela kubo igama likaKrestu, benokuzimisela ukuba bamkhonze kuye esiphelweni.

4 Kwaye emva kokuba bamkelwe elubhaptizweni, kwaye bephenjelelwe baze abehlanjululwe ngamandla oMoya oyiNgcwele, babebalelwa phakathi kwabantu bebandla likaKrestu; kwaye bamagama abo ayethatyathwa, ukuze babenokukhunjulwa baze bondliwe ngelizwi elilungileyo likaThixo, ukuba bagcinwe endleleni elungileyo, ukubagcina ngamaxesha onke cbekuphaphele ukuthandaza, dbexhomekeke kuphela kwizenzo ezilungileyo zikaKrestu, owaye eeyimbangi nomgqibelelisi wokholo lwabo.

5 Kwaye aibandla laye lahlangana kunye brhoqo, cukuzila ukutya nokuthandaza, nokuthetha omnye kunye nomnye malunga nentlalo-ntle yemiphefumlo yabo.

6 Kwaye baye bahlangana kunye rhoqo ukuze bathabathe badle kuso isonka newayini, ukukhumbula iNkosi uYesu.

7 Kwaye babengqongqo ukuqaphela okokuba amakungabikho bugwenxa phakathi kwabo; kwaye nabani na owayefunyaniswe esenza ubugwenxa, kwaye bamangqina amathathu ebandla athi abagwebe phambi ckwabadala, kwaye ukuba abaguquki, dbangavumi, amagama abo eayecinywa, kwaye babengabalelwa phakathi kwabantu bakaKrestu.

8 Kodwa ngokuguquka kwabo arhoqo baze bafune ukuxolelwa, ngenjongo yokwenene, bbabexolelwa.

9 Kwaye iintlanganiso zabo azaziqhutywa libandla ngokohlobo lokusebenza koMoya, nangamandla oMoya oyiNgcwele; kuba njengokuba amandla boMoya oyiNgcwele wawubakhokela apho mabashumayele khona, okanye ukuyala, okanye ukuthandaza, okanye ukubongoza, okanye ukucula, kwangokunjalo kwakusenziwa.