Izibhalo
Moronayi 3


Isahluko 3

Abadala bamisela ababingeleli neetitshala ngokubekwa kwezandla. Malunga E.K. 401–421.

1 Uhlobo abathi ngalo abafundi, ababebizwa ngokuba angabadala bebandla, bbamisela ababingeleli neetitshala—

2 Emva kokuba bethandazile kuye uBawo egameni likaKrestu, babeka izandla zabo phezu kwabo, baza bathi:

3 Egameni likaYesu Krestu ndiya kumisela ukuba ube ngumbingeleli, (okanye, ukuba uyititshala, ndiya kumisela ukuba ube yititshala) ukuba ushumayele inguquko anoxolelo lwezono ngoYesu Krestu, ngonyamezelo lokholo egameni lakhe kuye esiphelweni. Amen.

4 Kwaye ngolu hlobo baye abamisela ababingeleli neetitshala, bngokwezipho nobizo lukaThixo kubo abantu; kwaye babamisela cngamandla oMoya oyiNgcwele, owaye ukubo.