Izibhalo
Moronayi 1


INcwadi kaMoronayi

Isahluko 1

UMoronayi ubhalela ukunceda amaLeymenayithi—AmaNifayithi angasayi kumkhanyela uKrestu ayabulawa. Malunga E.K. 401–421.

1 Ngoku mna, aMoronayi, emva kokuba ndiphezile ukushwankathela ingxelo yabantu bakaYerede, ndandicinge ukuba andingebhali okungakumbi, kodwa okwangoku andikatshabalali; kwaye andizazisi kumaLeymenayithi hleze anditshabalalise.

2 Kuba qaphelani, aiimfazwe zawo zoyikeka ngokugqithisileyo phakathi kwawo; kwaye ngenxa yentiyo yawo babulala wonke umNifayithi ongasayi kumkhanyela uKrestu.

3 Kwaye mna, Moronayi, andisayi akumkhanyela uKrestu; ngako oko, ndihamba-hamba naphina apho ndinako ukuze kusinde ubomi bam.

4 Ngako oko, ndibhala ezinye ezimbalwa izinto, ngokuphikisana noko bendikucinga; kuba bendicinge ukuba ndingaphindi ndibhale; kodwa ndibhala ezinye ezimbalwa izinto, ukuze mhlawumbi zingaba nexabiso kubazalwana bam, amaLeymenayithi, ngamhla uthile ozayo, ngokwentando yeNkosi.