Izibhalo
Moronayi 2


Isahluko 2

UYesu wanika abafundi abalishumi elinambini bamaNifayithi amandla okunika isipho soMoya oyiNgcwele. Malunga E.K. 401–421.

1 Amazwi kaKrestu, awathi wawathetha kubo aabafundi bakhe, ishumi elinambini awalonyulayo, njengokuba wayebeke izandla zakhe phezu kwabo—

2 Kwaye wababiza ngegama, esithi: Niya kubiza kuBawo egameni lam, ngomthandazo onamandlakazi; kwaye emva kokuba nikwenzile oku niya kuba anamandla okokuba kulowo eniya kuthi nibeke bizandla zenu phezu kwakhe, cniya kunikela uMoya oyiNgcwele; kwaye egameni lam niya kuwunika, kuba benza njalo abapostile bam.

3 Ngoku uKrestu wawathetha la mazwi kubo ngelixa lokuqala lokubonakala kwakhe; saza isihlwele asaweva, kodwa abafundi baweva; kwaye phezu kwabaninzi kangangoko ababebeka izandla zabo kubo, wehla uMoya oyiNgcwele.