Izibhalo
Moronayi 10


Incwadi yesibini kaMormoni eya kunyana wakhe uMoronayi.

Iquka isahluko 9.

Isahluko 10

Ubungqina beNcwadi kaMormoni buza ngamandla oMoya oyiNgcwele—Izipho zoMoya zinikelwa kwabanyanisekileyo—Izipho zoMoya zisoloko zihamba nokholo—Amazwi kaMoronayi athetha esuka eluthulini—Yizani kuKrestu, gqibelelani Kuye, nize ningcwalise imiphefumlo yenu. Malunga E.K. 421.

1 Ngoku mna, Moronayi, ndibhala nje noko endikubona kulungile, kwaye ndibhalela abazalwana bam, aamaLeymenayithi; kwaye ndinga bangazi okokuba engaphezulu kunamakhulu amane anamashumi amabini iminyaka idlule okoko umqondiso wawunikiwe wokuza kukaKrestu.

2 Kwaye andizitywinela phezulu ezi mbali, emva kokuba ndithethe amazwi ambalwa ngenjongo yokuniyala.

3 Qaphelani, ndiyaniyala okokuba xa sukuba niya kuzifunda ezi zinto, ukuba kububulumko kuThixo ukuba ningazifunda, okokuba nize nikhumbule indlela ebinenceba ngayo iNkosi kubo abantwana babantu, ukususela ekudalweni kuka-Adam kwanokuhla kude kube lilixa eniya kuthi nizifumane ezi zinto, kwaye aniziguquguqule bezintliziyweni zenu.

4 Kwaye xa sukuba niya kuzifumana ezi zinto, ndiza kuniyala okokuba nize anibuze kuThixo, uBawo onguNaphakade, egameni likaKrestu, ukuba ezi zinto baziyonyani kusini na; kwaye ukuba niya kubuza cngentliziyo enyanisekileyo, dngenjongo yokwenene, eninokholo kuKrestu, uya fkubutyhila gubunyani bazo kuni, ngamandla oMoya oyiNgcwele.

5 Kwaye ngamandla oMoya oyiNgcwele aninokwazi bubunyani bazo zonke izinto.

6 Kwaye nantoni na elungileyo ilungile kwaye iyinyani; ngako oko, ayikho into elungileyo emkhanyelayo uKrestu, kodwa iyavuma okokuba ukho.

7 Kwaye ninokwazi okokuba ukho, ngamandla oMoya oyiNgcwele; ngako oko ndiya kuniyala okokuba ningawakhanyeli amandla kaThixo; kuba usebenza ngamandla, angokokholo lwabantwana babantu, ngokufanayo namhla nangomso, nangonaphakade.

8 Kwaye kwakhona, ndiyaniyala, bazalwana bam, okokuba ningazikhanyeli aizipho zikaThixo, kuba zininzi; kwaye zivela kwakulo Thixo mnye. Kwaye kukho biindlela ezahlukeneyo ezinikelwa ngayo; kodwa ikwa nguThixo mnye osebenza kuko konke; kwaye zinikwa ngokutyhilwa nguMoya kaThixo ebantwini, ukuze bancedakale.

9 Kuba qaphelani, akomnye kunikwa ngoMoya kaThixo, ukuze abe bnokufundisa ilizwi lobulumko;

10 Kwaye komnye, ukuze abe nokufundisa ilizwi lolwazi kwangalo Moya;

11 Kwaye komnye, aukholo olunamandla ngokugqithisileyo; kwaye komnye, izipho bzokuphilisa kwangawo lo Moya;

12 Kwaye kwakhona, komnye, ukuze abe nokusebenza aimimangaliso enamandlakazi;

13 Kwaye kwakhona, komnye, ukuze abe nokuprofetha ngokunxulumene nazo zonke izinto;

14 Kwaye kwakhona, komnye, ukubona iingelosi noomoya abalungiselelayo;

15 Kwaye kwakhona, komnye, zonke iindidi zeelwimi;

16 Kwaye kwakhona, komnye, ukutolikwa kweelwimi neendidi ezahlukeneyo azeelwimi.

17 Kwaye zonke ezi zipho ziza ngoMoya kaKrestu; kwaye ziza kuye wonke umntu ngokwahlukeneyo, ngokwentando yakhe.

18 Kwaye ndiza kuniyala, bazalwana bam abathandekayo, ukuba nikhumbule okokuba asonke isipho esilungileyo sivela kuKrestu.

19 Kwaye ndiza kuniyala, bazalwana bam abathandekayo, ukuba nikhumbule okokuba aikwanguye izolo, namhlanje, nangonaphakade, nokokuba zonke ezi zipho endithe ndathetha ngazo, ezizozomoya, azisokuze zibhangiswe, kwanakangangoko ihlabathi liya kuma, kuphela nje bngokungakholelwa kwabantwana babantu.

20 Ngako oko, kufuneka kubekho aukholo; kwaye ukuba kufuneka kubekho ukholo kufuneka kanjalo kubekho ithemba; kwaye ukuba kufuneka kubekho ithemba kufuneka kanjalo kubekho uthando lwenene.

21 Kwaye ngaphandle kokuba nibe anothando lwenene aninako nangayiphina indlela ukusindiswa ebukumkanini bukaThixo; ningenako nokusindiswa ebukumkanini bukaThixo ukuba aninalo ukholo; ningenako ukuba aninalo ithemba.

22 Kwaye ukuba aninalo ithemba kufuneka nibe nilahlekelwe lithemba; kwaye ukulahlekelwa lithemba kuza ngenxa yobugwenxa.

23 Kwaye uKrestu ngokwenene wathi kubo oobawo: aUkuba ninalo ukholo ninako ukwenza zonke izinto eziyimfuneko kuni.

24 Kwaye ngoku ndithetha kuzo zonke iziphelo zomhlaba—ukuthi ukuba umhla uyafika wokokuba amandla nezipho zikaThixo ziya kubhangiswa phakathi kwenu, kuya kuba akungenxa byokungakholwa.

25 Kwaye yeha kubo abantwana babantu ukuba kunjalo; kuba akusayi kubakho anamnye owenza okulungileyo phakathi kwenu, hayi namnye. Kuba ukuba kukho omnye phakathi kwenu owenza okulungileyo, uya kusebenza ngamandla nezipho zikaThixo.

26 Kwaye yeha kubo abo baya kuzibhangisa ezi zinto baze bafe, kuba abafela bezonweni zabo, kwaye abanako ukusindiswa ebukumkanini bukaThixo; kwaye ndizithetha ngokwamazwi kaKrestu; kwaye andixoki.

27 Kwaye ndiyaniyala ukuba nizikhumbule ezi zinto; kuba ilixa liyeza ngokukhawulezileyo lokokuba niya kwazi okokuba andixoki, kuba niya kundibona kuso isihlalo-sokugweba sikaThixo; kwaye iNkosi uThixo iya kuthi kuni: Andizange na ndiwavakalise aamazwi am kuni, awayebhalwe yile ndoda, njengalowo bobedanduluka ephuma kwelabafileyo, ewe, kwananjengothetha ephuma celuthulini?

28 Ndizivakalisa ezi zinto ukuze kuzalisekiswe iziprofetho. Kwaye qaphelani, ziya kuza ngaphambili ziphuma emlonyeni kaThixo ongunaphakade; kwaye ilizwi lakhe liya kuba alikhwelo eliya phambili ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana.

29 Kwaye uThixo uya kunibonisa, okokuba oko ndikubhalileyo kuyinyani.

30 Kwaye kwakhona ndiza kuniyala ukuba anize kuKrestu, kwaye nibambelele kuso sonke isipho esilungileyo, kwaye bningasichukumisi isipho esibi, nanto eyinqambi.

31 Kwaye avuka, uze uphakame eluthulini, Owu Yerusalem; ewe, kwaye uzivathe iingubo zakho ezintle, Owu ntombi byeZiyon; kwaye cuzomeleze dizibonda zakho kwaye uyandise imida yakho ngonaphakade, ukuze eungabe uphinde ubhidaniswe, ukuze iminqophiso kaBawo onguNaphakade athe wayenza kuwe, Owu ndlu kaSirayeli, ibe nokuzalisekiswa.

32 Ewe, ayizani kuKrestu kwaye ukuba niyazilumla kuko konke ukungahloneli Thixo; nize bnigqibelele kuye, ukuba niyazilumla kuko konke ukungahloneli Thixo, nize cnimthande uThixo ngawo onke amandlakazi enu, ingqondo, nokomelela, ke ubabalo lwakhe lunanele, ukuze ngobabalo lwakhe nibe nokugqibelela kuKrestu; kwaye ukuba dngobabalo lukaThixo nigqibelele kuKrestu, aninako nangayiphi na indlela ukuwakhanyela amandla kaThixo.

33 Kwaye kwakhona, ukuba nina ngobabalo lukaThixo nigqibelele kuKrestu, nize ningawakhanyeli amandla akhe, ke aningcwalisiwe kuKrestu ngobabalo lukaThixo, ngokuphalala bkwegazi lika Krestu, ekukuwo umnqophiso kaBawo osa cekuxolelweni kwezono zenu, ukuze nisuke dnibengcwele, ningabi nachaphaza.

34 Kwaye ngoku ndiyanibulisa nonke, salani kakuhle. Kwakamsinyane ndiya akuphumla kuyo biparadesi kaThixo, kude kube cumoya wam nomzimba ziya kuthi kwakhona dzimanyane, ndize ndiziswe ngaphambili engomoya ndoyisile, ukuze ndihlangane nani phambi kwesihlalo sokugweba fesikholisayo gsikaYehova onobungangamsha, huMgwebi onguNaphakade wabo kunye abaphilayo nabafileyo. Amen.

Isiphelo