Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 84


Icandelo 84

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, Septemba 22 no23, 1832. Ngexesha lenyanga kaSeptemba, abadala baqalise ukubuya kwiimishini zabo kwiziteyiti ezisempumalanga nokwenza iingxelo zemisebenzi yabo. Kungethuba babekunye ngeli xesha lovuyo ekwathi unxibelelwano olulandelayo lwafunyanwa. UMprofeti wasalathela esi sityhilelo kububingeleli.

1–5, IYerusalem eNtsha netempile ziya kwakhiwa eMissouri; 6–17, Umkrozo wobubingeleli ukusuka kuMoses ukuya kuAdam unikiwe; 18–25, Ububingeleli obukhulu buphethe isitshixo solwazi lukaThixo; 26–32, Ububingeleli obunganeno buphethe isitshixo solungiselelo lweengelosi nolwevangeli elungiselelayo; 33–44, Abantu bazuza ubomi obungunaphakade ngesifungo nangomnqophiso nobubingeleli; 45–53, UMoya kaKrestu ukhanyisela abantu, kwaye ihlabathi lilele esonweni; 54–61, AbaNgcwele bamele ukunika ubungqina bezoo zinto bazifumeneyo; 62–76, Bamele ukushumayela ivangeli, nemiqondiso iya kulandela; 77–91, Abadala bamele ukuya ngaphambili ngaphandle kwesipaji okanye isipaji sempahla kwaye iNkosi iya kukhathalela iintswelo zabo; 92–97, Izibetho neziqalekiso zilindele abo bangafuni vangeli; 98–102, Ingoma entsha yokukhululwa kweZiyon inikiwe; 103–110, Wonke umtu makame eofisini eyiyeyakhe aze asebenze kubizo olulolwakhe; 111–120, Izicaka zeNkosi zimele ukubhengeza isikizi lenkangala yemihla yokugqibela.

1 Isityhilelo sikaYesu Krestu kwisicaka sakhe uJoseph Smith, Omnci., nabadala abathandathu, njengokuba bamanyanisa iintliziyo zabo baze banyusela amazwi abo kophezulu.

2 Ewe, ilizwi leNkosi ngokunxulumene nebandla layo, lasekelwa ukubuyiselwa kwabantu bayo ngemihla yokugqibela, njengoko yathethayo ngomlomo wabaprofeti bayo, nokuhlanganiswa kwabangcwele bayo beme phezu kweNtaba yeZiyon, eya kuba sisixeko seYerusalem eNtsha.

3 Sixeko eso esiya kwakhiwa, siqalela esizeni setempile, esonyulwe ngomnwe weNkosi, kwimida esentshonalanga yeSteyiti seMissouri, kwaye sangcwaliswa ngesandla sikaJoseph Smith, Omnci., nabanye iNkosi ekholisiweyo ngabo.

4 Inene eli lilizwi leNkosi, okokuba isixeko seYerusalem eNtsha siya kwakhiwa ngokuhlanganiswa kwabangcwele, siqala kule ndawo, nkqu kwindawo yetempile, tempile leyo eya kumiswa kwesi sizukulwana.

5 Kuba inene esi sizukulwana asiyi kudlula sonke kude kube indlu iya kwakhelwa eNkosini, kwaye ilifu liya kuphumla phezu kwayo, lifu elo liya kuba luzuko nkqu lweNkosi, oluya kuzalisa indlu.

6 Kwaye oonyana bakaMoses ngokunxulumene noBubingeleli obuNgcwele awabufumana phantsi kwesandla sikayise-zala, uYitro;

7 Kwaye uYitro wabufumana phantsi kwesandla sikaKhalebhi;

8 Kwaye uKhalebhi wabufumana phantsi kwesandla sikaElihu;

9 NoElihu phantsi kwesandla sikaYeremi;

10 NoYeremi phantsi kwesandla sikaGadi;

11 NoGadi phantsi kwesandla sikaEsayasi;

12 Kwaye uEsayasi wabufumana phantsi kwesandla sikaThixo.

13 Kanjalo uEsayasi waphila kwimihla ka-Abraham, kwaye wayesikelelwe ngaye—

14 UAbraham lowo wafumana ububingeleli buvela kuMelkitsedeke, owabufumana ngomlibo wooyise, nkqu ukuya kuNowa;

15 Kwaye ukususela kuNowa ukuya kuEnoki, ngomlibo wooyise;

16 Kwaye ukususela kuEnoki kuye kuAbheli, owabulawa ngeyelenqe lomntakwabo, owafumana ububingeleli ngemiyalelo kaThixo, ngesandla sikayise uAdam, owayengumntu wokuqala—

17 Ububingeleli obo buqhubekeka ebandleni likaThixo kuzo zonke izizukulwana, kwaye abunasiqalo semihla okanye isiphelo seminyaka.

18 Kwaye iNkosi yaqinisela ububingeleli kanjalo phezu koAron nembewu yakhe, kuzo zonke izizukulwana zabo, ububingeleli obo kanjalo buqhubekeka kwaye buhleli ngonaphakade nobubingeleli obusemva kohlobo olulolona lungcwele lukaThixo.

19 Kwaye obu bubingeleli bukhulu ngakumbi busebenza ivangeli nokuphatha isitshixo seemfihlelo zobukumkani, nkqu isitshixo solwazi lukaThixo.

20 Ke ngoko, kwimimiselo yabo, amandla obuthixo ayabonakaliswa.

21 Kwaye ngaphandle kwemimiselo yabo, kwaye negunya lobubingeleli, amandla obuthixo akabonakaliswa ebantwini enyameni;

22 Kuba ngaphandle koku akukho mntu unako ukubona ubuso bukaThixo, nkqu uBawo, aze aphile.

23 Ngoku lo Moses wafundisa ngokucacileyo ebantwaneni bakaSirayeli entlango, waza wafuna ngenkuthalo ukungcwalisa abantu bakhe ukuze babe nokubona ubuso bukaThixo;

24 Kodwa baziqaqadekisa iintliziyo zabo baze ababinako ukunyamezela ubuso bakhe; ke ngoko, iNkosi ikwingqumbo yayo, kuba umsindo wayo wawuphenjelelwe ngokuchasene nabo, yafunga ukuba abamele kungena ekuphumleni kwayo ngethuba ababesentlango, luphumlo olo ikukuzalisekiswa kobuqaqawuli bayo.

25 Ke ngoko, yathabatha uMoses yamkhupha phakathi kwabo, kanjalo noBubingeleli obuNgcwele;

26 Kwaye ububingeleli obunganeno baqhubekeka, bubingeleli obo buphethe isitshixo solungiselelo lweengelosi nevangeli elungiselelayo;

27 Vangeli leyo iyivangeli yenguquko neyobhaptizo, neyokuxolelwa kwezono, nomthetho wemiyalelo yenyama, eyenziwa yiNkosi isemsindweni wayo owenziwa uqhubeke kunye nendlu ka-Aron phakathi kwabantwana bakaSirayeli kwade kwafikelela uYohane, lowo uThixo wamphakamisayo, ezaliswe nguMoya oyiNgcwele esuka esizalweni sikanina.

28 Kuba wabhaptizwa ngexesha wayesesebuntwaneni bakhe, waza wamiselwa yingelosi kaThixo kweli gunya ngexesha awayeneentsuku ezisibhozo ubudala, ukubhukuqa ubukumkani bamaYuda, aze atyeneneze indlela yeNkosi phambi kobuso babantu bayo, abalungiselele ukuza kweNkosi, esandleni sayo inikwe onke amandla.

29 Kwaye kwakhona, iiofisi zabadala nobhishophu zizizihlomelo ezifanelekileyo ezizezobubingeleli obukhulu.

30 Kwaye kwakhona, iiofisi zobutitshala nobudikoni zizizihlomelo ezifanelekileyo ezizezobubingeleli obunganeno, bubingeleli obo baqiniselwa phezu ko-Aron noonyana bakhe.

31 Ke ngoko, njengoko ndatshoyo ngokunxulumene noonyana bakaMoses—kuba oonyana bakaMoses kananjalo oonyana baka-Aron baya kunikela umnikelo owamkelekileyo nedini endlwini yeNkosi, ndlu leyo iya kwakhelwa eNkosini kwesi sizukulwana, phezu kwendawo engcwalisiweyo njengoko ndalathileyo—

32 Kwaye oonyana bakaMoses noAron baya kuzaliswa bubuqaqawuli beNkosi, phezu kweNtaba iZiyon endlwini yeNkosi, enonyana bayo ababini; kanjalo nabaninzi endibabizileyo ndaza ndabathumela ngaphambili ekwakheni ibandla lam.

33 Kuba nobanina abathembekileyo ekufumaneni obu bubingeleli bubini endithethe ngabo, nasekukhuliseni ubizo lwabo, bangcwaliswe nguMoya ekuhlaziyweni kwemizimba yabo.

34 Baba ngoonyana bakaMoses nabaka-Aron nembewu ka-Abraham, nebandla nobukumkani, nabanyulwa bakaThixo.

35 Kananjalo bonke abamkela obu bubingeleli bamkela mna, itsho iNkosi;

36 Kuba lowo wamkela izicaka zam wamkela mna;

37 Kwaye lowo wamkela mna wamkela uBawo;

38 Kwaye lowo wamkela uBawo wamkela ubukumkani bukaBawo; ke ngoko konke oko uBawo anako kuya kunikwa yena.

39 Kwaye oku kunxulumene nesifungo nomnqophiso ongowobubingeleli.

40 Ke ngoko, bonke abo bamkele ububingeleli, bamkela esi sifungo nomnqophiso kaBawo, angenako ukuwaphula, engenako nakuwususa.

41 Kodwa lowo waphula lo mnqophiso emva kokuba ewamkele, aze ngokupheleleyo ajike kuwo, akayi kuba noxelelo lwezono kweli lizwe nakwilizwe elizayo.

42 Kwaye yeha kubo bonke abo bangeziyo kubo obu bubingeleli enibamkeleyo, endibuqiniselayo ngoku phezu kwenu enikhoyo ngalo mhla, ngelizwi elilelam liphuma emazulwini; kwaye nkqu ndinike uxanduva izihlwele zasezulwini neengelosi zam ngokunxulumene nani.

43 Kwaye ngoku ndininika umyalelo ukuba nilumke ngokunxulumene neziqu zenu, ninike ngenkuthalo inyameko amazwi obomi obungunaphakade.

44 Kuba niya kuphila ngamazwi onke abheka phambili evela emlonyeni kaThixo.

45 Kuba ilizwi leNkosi liyinyaniso, kwaye nantoni na eyinyaniso ikukukhanya, kwaye nantoni na ekukukhanya inguMoya, nkqu uMoya kaYesu Krestu.

46 Kwaye uMoya unika ukukhanya kuye wonke umntu oza ehlabathini; kwaye uMoya ukhanyisela wonke umntu kulo lonke ihlabathi, ophulaphula ilizwi loMoya.

47 Kwaye wonke ubani ophulaphula ilizwi loMoya uza kuThixo, nkqu uBawo.

48 Kwaye uBawo umfundisa okomnqophiso awuhlaziyileyo waza wawuqinisela phezu kwenu, oqiniselwe phezu kwenu ngenxa yenu, kwaye ingasikuko okwenxa yenu kuphela, kodwa ngenxa yehlabathi lonke.

49 Kwaye lonke ihlabathi lihleli esonweni, kwaye ligcuma phantsi kobumnyama naphantsi kobukhoboka besono.

50 Kwaye ngoku ninokwazi ukuba baphantsi kobukhoboka besono, ngenxa yokuba abezi kum.

51 Kuba lowo ungezi kum uphantsi kobukhoboka besono.

52 Kuba lowo ungalamkeliyo ilizwi lam akaqhelananga nelizwi lam, kwaye akanguye owam.

53 Kwaye ngoku ninokwazi abalungileyo kwabakhohlakeleyo, nokokuba ihlabathi lonke ligcuma phantsi kwesono nobumnyama nkqu ngoku.

54 Kwaye iingqondo zenu kumaxesha adlulileyo bezenziwa mnyama ngenxa yokungakholwa, nangenxa yokuba nithathe lula izinto enizamkeleyo—

55 Mampunge lawo nokungakholwa okuzise ibandla lonke phantsi kwesigwebo.

56 Kwaye esi sigwebo sihleli phezu kwabantwana beZiyon, nkqu bonke.

57 Kwaye baya kusala phantsi kwesi sigwebo bade baguquke kwaye bakhumbule umnqophiso omtsha, nkqu iNcwadi kaMormoni nemiyalelo yangaphambili endibanike yona, ingekuko ukuthi kuphela, kodwa ukwenza ngokunxulumene noko ndikubhalileyo—

58 Ukuze babe nokuzisa ngaphambili isiqhamo esilungele ubukumkani boYise wabo; ngamanye amazwi apho kusele isibetho nomgwebo ukuba zithululelwe phezu kwabantwana beZiyon.

59 Kuba abantwana bobukumkani beya kungcolisa umhlaba ongcwele? Inene, ndithi kuni, Hayi.

60 Inene, inene, ndithi kuni abaphulaphule ngoku amazwi am, alilizwi lam, nisikelelekile nina njengokuba nisamkela ezi zinto;

61 Kuba ndiya kunixolela okwezono zenu ngalo myalelo—ukuze nihlale niqinile ezingqondweni zenu ekundilisekeni nakumoya womthandazo, ninika ubungqina kulo lonke ihlabathi bezo zinto ezithethwe kuni.

62 Ke ngoko, yiyani kulo lonke ihlabathi; kwaye kuyo nayiphina indawo eningenako ukuya kuyo niya kuthumela, ukuze ubungqina bube nokuhamba busuka kuni busiya kulo lonke ihlabathi kuzo zonke izidalwa.

63 Kwaye njengoko ndatshoyo kubapostile bam, nkqu kunjalo ndithi kuni, kuba ningabapostile bam, nkqu ababingeleli abakhulu bakaThixo; ningabo abo uBawo abanike mna; ningabahlobo bam;

64 Ke ngoko, njengoko ndatshoyo kubapostile bam nditsho kuni kwakhona, okokuba wonke umphefumlo okholelwayo emazwini enu, kwaye ubhaptizelwe ngamanzi uxolelo lwezono, uya kwamkela uMoya oyiNgcwele.

65 Kwaye le miqondiso iya kubalandela abakholwayo—

66 Egameni lam baya kwenza imisebenzi emininzi emangalisayo;

67 Egameni lam baya kukhupa oomtyholi;

68 Egameni lam baya kuphilisa imilwelwe;

69 Egameni lam baya kuvula amehlo eemfama, baze bavule iindlebe zezithulu;

70 Kwaye ulwimi lwezimumu luya kuthetha;

71 Nokokuba nabanina oya kubanika ityhefu ayisayi kubenzakalisa;

72 Kwaye ityhefu yenyoka ayisayi kuba namandla okubenzakalisa.

73 Kodwa ndibanika umyalelo, okokuba abayi kugwagwisa iziqu zabo ngezi zinto, bangathethi nanye ngazo phambi kwehlabathi; kuba ezi zinto nizinikelwe inzuzo yenu nina nosindiso.

74 Inene, inene, ndithi kuni, abo bangakholelwayo emazwini enu, baze bangabhaptizelwa emanzini egameni lam, uxolelo lwezono zabo, ukuze babe nokwamkela uMoya oyiNgcwele, baya kugwetywa, kwaye abayi kuza ebukumkanini bukaBawo apho uBawo nam sikhoyo.

75 Kwaye esi sisityhilelo kuni, nomyalelo, usebenza ukususela kweli lixa kanye kulo lonke ihlabathi, nevangeli ikubo bonke abangayamkelanga.

76 Kodwa, inene ndithi kubo bonke abo ubukumkani bunikelwe kubo—ukusuka kuni imele ukushunyayelwa kubo, ukuze babe baya kuguquka kwimisebenzi yabo yangaphambili ekhohlakeleyo; kuba bamele ukungcikivelwa iintliziyo zabo ezikhohlakeleyo zokungakholwa, nabazalwana benu eZiyon ngovukelo lwabo ngokuchasene nani ngexesha endanithuma ngalo.

77 Kwaye kwakhona ndithi kuni, bahlobo bam, kuba ukususela ngoku kuye phambili ndiya kunibiza abahlobo, kufanelekile ukuba ndininike lo myalelo, okokuba nibe nkqu njengabahlobo bam kwimihla xa ndandikunye nabo, nihamba nishumayela ivangeli emandleni am;

78 Kuba andivumelanga ukuba babe nesipaji okanye isipaji sempahla, nazidyasi zimbini.

79 Qaphelani, ndinithumela ngaphandle ukubonisa ihlabathi, nomsebenzi uwufanele umvuzo wakhe.

80 Kwaye nabani na oya kuhamba aze ashumayele le vangeli yobukumkani, aze angasileli ukuqhubekeka ngokuthembeka kuzo zonke izinto, akayi kudinwa engqondweni, angabi nakwenziwa mnyama, ingekuko emzimbeni, ilungu, nasidibanisi; nonwele lwentloko yakhe aluyi kuwa emhlabeni lungaqapheleki. Kwaye abayi kulamba, nakunxanwa.

81 Ke ngoko, musani ukucingela ingomso, ukuba nodla ntoni na, okanye nosela ntoni na, okanye niya kombathiswa ngantoni na.

82 Kuba, cingani iinyibiba zethafa, ukuba zikhula njani na, azisebenzi, zingenzi nakuluka; nezikumkani zehlabathi, kubo bonke ubuqaqawuli bazo, abuboniswanga njengobunye bobu.

83 Kuba uYihlo, osezulwini, uyazi ukuba unentswelo yezi zinto zonke.

84 Ke ngoko, yekani ingomso lixhalele izinto zalo.

85 Nakuxhalela ngaphambili oko niya kuthetha; kodwa londolozelani ezingqondweni zenu ngokuqhubekekayo amazwi obomi, kwaye kuya kunikwa kuni ngelixa kanye eso sabelo siya kwabelwa kuwo wonke umntu.

86 Ke ngoko, ningavumeli mntu phakathi kwenu, kuba lo myalelo uya kubo bonke abathembekileyo ababizwe nguThixo ebufundisini ebandleni, ukususela kweli lixa bathathe isipaji okanye isipaji sempahla, abahambela ngaphambili ukubhengeza le vangeli yobukumkani.

87 Qaphelani, ndinithumela ngaphandle nikhalimele ihlabathi kuzo zonke izenzo zalo ezingalunganga, nokulifundisa ngomgwebo ozayo.

88 Kwaye lowo unamkelayo, apho kanjalo ndiya kubakho, kuba ndiya kuhamba phambi kobuso benu. Ndiya kuba sekunene kwenu nasekhohlo kwenu, kwaye uMoya wam uya kuba sezintliziywenu zenu, neengelosi zam ziningqonge, zinixhase.

89 Lowo unamkelayo wamkela mna; kwaye okwanjalo uya kunondla, aze anambese, aze aninike imali.

90 Kwaye lowo unondlayo, okanye onambesayo, okanye oninika imali, akayi kulahlekelwa ngumvuzo wakhe nangayiphina indlela.

91 Kwaye lowo ungazenziyo ezi zinto akanguye umfundisi wam; ngoku ninokubazi abafundi bam.

92 Lowo unganamkeliyo, mkani kuye ninodwa iziqu zenu, nize nicoce iinyawo zenu nkqu ngamanzi, amanzi acocekileyo, nokokuba kusebushushwini okanye engqeleni, nize ninike ubungqina boko kuYihlo osezulwini, nize ningabuyeli kwakhona kuloo mntu.

93 Kwaye kuyo nayiphina idolophana okanye isixeko eningena kuso, yenzani kwa njalo.

94 Nangona kunjalo, funani ngenkuthalo kwaye ningashiyeleli; kwaye yeha kuloo ndlu, okanye loo dolophana okanye isixeko esinalayo, okanye amazwi enu, okanye ubungqina benu ngokunxulumene nam.

95 Yeha, nditsho kwakhona, kuloo ndlu, okanye loo dolophana okanye isixeko esinalayo, okanye amazwi enu, okanye ubungqina benu ngam;

96 Kuba mna, uSomandla, ndibeke izandla zam phezu kwezizwe, ukuzibethela inkohlakalo yazo.

97 Kwaye izibetho ziya kuya ngaphambili, kwaye aziyi kuthathwa emhlabeni ndide ndibe ndiwugqibile umsebenzi wam, oya kunqanyulwa ebulungiseni—

98 Kude bonke babe baya kundazi, ohleliyo, nkqu ukususela koyena mncinane kuye koyena mkhulu, kwaye baya kuzaliswa ngolwazi lweNkosi, kwaye baya kubona ngasonye, kwaye baya kuphakamisela phezulu amazwi abo, baze bavume kunye ngelizwi le ngoma entsha, besithi:

99 INkosi ibuyise kwakhona iZiyon;INkosi ikhulule abantu bayo, uSirayeli,Ngokwalatha kobabalo,Olwaphunyezwa ngokholoNomnqophiso wooyise.

100 INkosi ibakhulule abantu bayo;NoSathana ubotshiwe nexesha alisekho.INkosi ihlanganisele zonke izinto zabanye.INkosi ithobele phantsi iZiyon ukusuka ngasentla.INkosi ise phezulu iZiyon ukusuka ngaphantsi.

101 Umhlaba unenimba Waza wazisa ngaphambili ukomelela kwawo;Nenyaniso imisiwe ezibilinini zawo;Namazulu ancumile phezu kwawo;Kwaye wambathiswe ngobuqaqawuli bukaThixo wawo;Kuba umi esazulwini sabantu bakhe.

102 Uzuko, nembeko, namandla, namandlakazi,Makube kuThixo wethu; kuba uzaliswe yinceba,Ubulungisa, ubabalo nenyaniso, noxolo.Ngonaphakade kanaphakade, Amen.

103 Kwaye kwakhona, inene, inene, ndithi kuni, kufanelekile okokuba wonke umntu oya ngaphambili abhengeze ivangeli yam yanaphakade, ukuze njengokuba beneentsapho, babe bazuze imali ngesipho, babe bamele ukuyithumela kuzo okanye bayisebenzisele uncedo lwabo, njengoko iNkosi iya kubalathela, kuba kubonakala njalo kulungile kum.

104 Kwaye vumelani abo bangenazo iintsapho, abazuza imali, mabayithumele phezulu kubhishophu eZiyon, okanye kubhishophu eOhio, ukuze ibe nokungcwaliselwa ukuzisa ngaphambili okwezityhilelo nopapasho lwazo, nokumisa iZiyon.

105 Kwaye xa nawuphina umntu eya kunika nabani na ongowenu idyasi, okanye isuti, thabatha ezindala uze uziphosele emahlwempini, uze uhambe endleleni yakho ugcobile.

106 Kwaye xa nawuphina umntu phakathi kwenu omelele eMoyeni, mvumeleni athathe kunye naye lowo ubuthathaka, ukuze abe nokuhlaziyeka kubo bonke ubulali, ukuze babe nokomelela kanjalo.

107 Ke ngoko, thabathani kunye nani abo bamiselwe kububingeleli obunganeno, nize nibathumele phambi kwenu ukwenza izigqibo zokudibana, nokulungisa indlela, nokuzalisa izigqibo zokudibana eningakwaziyo nina iziqu zenu ukuzizalisa.

108 Qaphelani, le yindlela abapostile bam, kwimihla yamandulo, abakhela ibandla lam kum.

109 Ke ngoko, vumelani wonke umntu eme eofisi eyiyeyakhe, aze asebenze kubizo olulolwakhe; nize ningavumeli intloko ithi ezinyaweni ayinayo intswelo yeenyawo; kuba ngaphandle kweenyawo umzimba uya kuba nako njani ukuma?

110 Kanjalo umzimba unentswelo yawo onke amalungu, ukuze onke abe nokuhlaziyeka kunye, ukuze okwenziwe ngendlela emisiweyo kube nokugcinwa kugqibelele.

111 Kwaye qaphelani, ababingeleli abakhulu bamele ukuhamba, nabadala kanjalo, nababingeleli abanganeno kanjalo, kodwa abadikoni nootitshala bamele ukonyulwa bajonge ibandla, babe ngabefundisi abamileyo ebandleni.

112 Kwaye ibhishophu, uNewel K. Whitney, kanjalo umele ukuhamba ejikeleza naphakathi kwamabandla onke, ephanda amahlwempu elungiselela iimfuno zawo ngokuthoba izityebi nabanekratshi.

113 Umele kanjalo aqeshe iarhente yokuthabatha uxanduva nokwenza imicimbi yakhe yomhlaba njengoko eya kwalatha.

114 Nangona kunjalo, vumelani ubhishophu aye esixekweni saseNew York, kanjalo esixekweni saseAlbany, kananjalo esixekweni saseBoston, aze alumkise abantu bezoo zixeko ngesandi sevangeli, ngelizwi elikhulu, lenkangala nokubhangiswa kuphela okubalindeleyo ukuba bayazala ezi zinto.

115 Kuba xa bezala ezi zinto ilixa lomgwebo wabo likufuphi, nendlu yabo iya kushiyelwa kubo iyinkangala.

116 Mvumeleni athembele kum kwaye akayi kubhidaniswa; nonwele lwentloko yakhe aluyi kuwa emhlabeni lungaqapheleki.

117 Kwaye inene ndithi kuni, ntsalela yezicaka zam, yiyani ngaphambili njengoko iimeko zenu ziya kunivumela, kumaqela obizo lwenu, kwizixeko needolophana ezinkulu nezibalulekileyo, nikhalimela ihlabathi kuko konke ukungalungisi kwalo nezenzo ezingahloneli thixo, lize ebulungiseni nibhengeze ngokucacileyo nangokuqonda inkangala yesikizi ngemihla yokugqibela.

118 Kuba, ngani itsho iNkosi uSomandla, ndiya kuzikrazula izikumkani zabo; andiyi kuwugungqisa kuphela umhlaba, kodwa amazulu neenkwenkwezi aya kunyikima.

119 Kuba mna, iNkosi, ndibeke ngaphambili isandla sam ukuxinzelela amandla ezulu; aninako ukubona oko ngoku, kanti ethubeni elincinane yaye niya kukubona, nize nazi ukuba ndinguye, nokokuba ndiya kuza ndize ndilawule kunye nabantu bam.

120 NdinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo. Amen.