Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 20


Icandelo 20

Isityhilelo ngokusekwa nolawulo lweBandla, sanikwa ngoJoseph Smith uMprofeti, kufutshane okanye eFayette, eNew York. Iziqephu zesi sityhilelo zinokuba zazithe zanikwa ngaphambili nje kwehlobo lowe-1829. Isityhilelo esipheleleyo, esasisaziwa ngexesha elo njenge Izivumo neMinqophiso, sasinokuba sabhalwa kamsinyane emva koAprili 6, 1830 (umhla ekwasekwa ngawo iBandla). UMprofeti wabhala, “Safumana kuye [uYesu Krestu] okulandelayo, ngomoya wesiprofetho nesityhilelo; okungasinikanga kuphela lwazi lungako, kodwa kanjalo kusalathisa umhla ochanekileyo ngaso, ngokunxulumene nomyalelo nentando Yakhe, simele ukuqhubekeka sisakha iBandla Lakhe kwakhona apha phezu komhlaba.”

1–16, INcwadi kaMormoni ibonisa ngokuphandle ubunyulu bomsebenzi wemihla yokugqibela; 17–28, Iimfundiso zendalo, ukuwa, intlawulelo, nobhaptizo ziqinisekisiwe; 29–37, Imithetho elawula inguquko, ubulungisa, ukungcwaliswa, nobhaptizo ziyasekwa; 38–67, Imisebenzi yabadala, ababingeleli, ootitshala, nabadikoni iyashwankathelwa; 68–74, Imisebenzi yamalungu, ukusikelelwa kwabantwana, nendlela yobhaptizo ziyatyhilwa; 75–84, Imithandazo yomthendeleko nemithetho yokulawula ubulungu beBandla ziyanikwa.

1 Ukuphakama kweBandla likaKrestu kule mihla yokugqibela, kuqalisa kwiminyaka eliwaka elinamakhulu asibhozo anamashumi amathathu ukususela ekuzeni kweNkosi yethu noMsindisi uYesu Krestu enyameni, lisoloko lisakhiwa kwaye lisekwa lingqinelana nemithetho yelizwe lethu, ngentando nemiyalelo kaThixo, ngenyanga yesine, nangosuku lwesithandathu lwenyanga ebizwa ngokuba nguAprili—

2 Imiyalelo leyo yanikwa uJoseph Smith, Omnci., owayebizwe nguThixo, kwaye emiselwe engumpostile kaYesu Krestu, abe ngumdala wokuqala weli bandla;

3 Kwaye kuOliver Cowdery, owayebizwe nguThixo kanjalo, ongumpostile kaYesu Krestu, abe ngumdala wesibini weli bandla, kwaye amiselwe phantsi kwesandla sakhe;

4 Kwaye oku ngokunxulumene nobabalo lweNkosi yethu noMsindisi uYesu Krestu, makubekho lonke uzuko kuye, kunye ngoku nangonaphakade. Amen.

5 Emva koko kwakubonakalisiwe ngenene kulo mdala wokuqala okokuba ufumene uxolelo lwezono zakhe, wazibophelela kwakhona kumampunge ehlabathi.

6 Kodwa emva kokuguquka, nokuthoba isiqu sakhe ngokunyanisekileyo, ngokholo, uThixo wamlungiselela ngengelosi engcwele, imbonakalo yayo yaba njengombane, kwaye iingubo zayo zazimsulwa kwaye zimhlophe ngaphezu kwabo bonke obunye ubumhlophe;

7 Kwaye yamnika imiyalelo eyamphembelelayo;

8 Kwaye yamnika amandla avela phezulu, ngendlela eyayilungiswe kwangaphambili, ekuguquleleni iNcwadi kaMormoni;

9 Equlathe imbali yabantu abawileyo, nevangeli epheleleyo kaYesu Krestu eya kwabeeNtlanga kanjalo nakumaYuda;

10 Eyayinikwe ngempembelelo, kwaye iqinisekisiwe kwabanye ngolungiselelo lweengelosi, kwaye ibhengeziwe ehlabathini zizo—

11 Ibonisa ngokuphandle ehlabathini okokuba izibhalo ezingcwele ziyinyani, nokokuba uThixo uyabaphembelela abantu kwaye ababizele emsebenzini wakhe ongcwele kweli xesha nesizukulwana, njengoko kwakunjalo kwizizukulwana zakudala;

12 Apho ngokubonisa okokuba ukwanguye uThixo izolo, namhlanje, nangonaphakade. Amen.

13 Ke ngoko, ninobungqina obukhula kangako, ngabo ihlabathi liya kugwetywa, nkqu njengokuba abaninzi beya kuza ngoku nakwixesha elizayo kulwazi lwalo msebenzi.

14 Kwaye abo babufumana ngokholo, kwaye basebenze ubulungisa, baya kufumana isithsaba sobomi obungunaphakade;

15 Kodwa abo baqaqadekisa iintliziyo zabo ekungakholweni, kwaye bangabomkeli, oko kuya kujikelwa ekugwetyweni kwabo—

16 Kuba iNkosi uThixo ikuthethile; kwaye thina, badala bebandla, sivile kwaye sanika ubungqina emazwini ozukileyo onoBukhosi ongentla, kuye makubekho uzuko ngonaphakade kanaphakade. Amen.

17 Ngezi zinto siyazi ukuba kukho uThixo ezulwini, ongenasiphelo nongunaphakade, esuka kunaphakade esiya kunaphakade okwa nguThixo ongaguqukiyo, umdali wezulu nomhlaba, nazo zonke izinto ezikuzo;

18 Nokokuba wadala umntu, indoda nomfazi, ngokomfuziselo nemfano yakhe wabadala;

19 Kwaye wabanika imiyalelo yokokuba bamele ukumthanda kwaye bamkhonze, okuphela koThixo ophilileyo noyinyani, nokokuba kumele ukuba abe kuphela kwesiqu abamele ukusinqula.

20 Kodwa ngokreqo lwale mithetho ingcwele umntu waba ngowemvelo kwaye wabumtyholirha, kwaye waba ngumntu owileyo.

21 Ngako oko, uThixo uSomandla wanika uNyana wakhe oKuphela koZelweyo, njengokuba kubhaliwe kwezoo zibhalo ezinikiweyo ngaye.

22 Wabandezeleka zizihendo kodwa akazange anike nyameko kuzo.

23 Wabethelelwa emnqamlezweni, wafa, waza wavuka kwakhona ngomhla wesithathu;

24 Kwaye wenyukela ezulwini, ukuya kuhlala ekunene kukaBawo, aze alawule ngamandla onke ngokunxulumene nentando kaYise;

25 Ukuze njengokuba abaninzi beya kukholwa baze babhaptizwe egameni lakhe elingcwele, kwaye banyamezele elukholweni ukuya esiphelweni, babe nokusindiswa—

26 Ingengabo kuphela abo bakholwayo emva kokuba weza ngexesha lobungangamsha, esenyameni, kodwa bonke abo ukususela ekuqaleni, nkqu njengabaninzi ababekho phambi kokuba eze, abakholelwayo emazwini abaprofeti abangcwele, abathethayo njengokuba babephenjelelwa sisipho soMoya oyiNgcwele, onika ubungqina bakhe ngenene ezintweni zonke, babe nobomi obungunaphakade,

27 Kwananjengabo abemele ukuza kamva, abamele ukukholelwa kwizipho nobizo lukaThixo ngoMoya oyiNgcwele, onika ubungqina bukaBawo kwaye neyoNyana;

28 UBawo lowo, uNyana, noMoya oyiNgcwele banguThixo omnye, ongenasiphelo kwaye wanaphakade, ongaphandle kwesiphelo. Amen.

29 Kwaye siyazi ukuba bonke abantu bamele ukuguquka nokukholwa egameni likaYesu Krestu, kwaye banqule uBawo egameni lakhe, kwaye banyamezele elukholweni egameni lakhe ukuya esiphelweni, okanye abanako ukusindiswa ebukumkanini bukaThixo.

30 Kwaye siyazi ukuba ukugwetywa ngobabalo lweNkosi yethu noMsindisi uYesu Krestu kulungile kwaye kuyinyani;

31 Kwaye siyazi kanjalo, okokuba ukungcwaliswa ngobabalo lweNkosi yethu noMsindisi uYesu Krestu kulungile kwaye kuyinyani, kubo bonke abathanda nabakhonza uThixo ngamandla abo onke, iingqondo, nokomelela.

32 Kodwa kunokwenzeka okokuba umntu abe nokuwa ukusuka elubabalweni aze emke kuThixo ophilileyo;

33 Ke ngoko yenza ibandla linike inyameko kwaye lithandaze rhoqo, hleze liwele ekuhendweni;

34 Ewe, nkqu nokwenza abo bangcwalisiweyo kanjalo banike inyameko.

35 Kwaye siyazi ukuba ezi zinto ziyinyani nangokunxulumene kwizityhilelo zikaYohane, kungongezwanga kuzo, kungancitshiswanga ukusuka kwincwadi yakhe yesiprofetho, izibhalo ezingcwele, okanye izityhilelo zikaThixo eziya kuza ngoku nakwixesha elizayo ngesipho namandla oMoya oyiNgcwele, ilizwi likaThixo, okanye ulungiselelo lweengelosi.

36 Kwaye iNkosi uThixo ikuthethile; kwaye imbeko, amandla nozuko mazenziwe egameni lakhe elingcwele, kunye ngoku nangonaphakade. Amen.

37 Kwaye kwakhona, ngendlela yomyalelo ebandleni ngokunxulumene nohlobo lobhaptizo—Bonke abo bazithobayo phambi koThixo, kwaye banqwenele ukubhaptizwa, kwaye beze ngaphambili ngeentliziyo ezaphukileyo noomoya abatyumkileyo, kwaye bangqine phambi kwebandla okokuba baguqukile ngenene kuzo zonke izono zabo, kwaye bazimisele ukuthabathela kubo igama likaYesu Krestu, benomxhino wokumkhonza kude kuye esiphelweni, kwaye babonakalise ngenene ngemisebenzi yabo okokuba bafumene uMoya kaKrestu ekuxolelweni kwezono zabo, baya kwamkelwa ngobhaptizo ebandleni lakhe.

38 Umsebenzi wabadala, ababingeleli, ootitshala, abadikoni, namalungu ebandla likaKrestuUMpostile ungumdala, kwaye lubizo lwakhe ukubhaptiza;

39 Nokumisela abanye abadala, ababingeleli, ootitshala, nabadikoni;

40 Nokulungiselela isonka newayini—imiqondiso yenyama negazi likaKrestu—

41 Nokuqinisa abo babhaptizelwe ebandleni, ngokubeka izandla kusenzelwa ubhaptizo lomlilo neloMoya oyiNgcwele, ngokunxulumene nezibhalo;

42 Nokufundisa, ukucacisa, ukukhuthaza, ukubhaptiza, nokongamela phezu kwebandla;

43 Nokuqinisa ibandla ngokubeka izandla, nokunika uMoya oyiNgcwele;

44 Nokuthabatha ukhokelo lwazo zonke iintlanganiso.

45 Abadala balawula iintlanganiso njengokuba bekhokelwa nguMoya oyiNgcwele, ngokunxulumene nemiyalelo nezityhilelo zikaThixo.

46 Umsebenzi wombingeleli kukushumayela, ukufundisa, ukucacisa, ukukhuthaza, nokubhaptiza, nokulungiselela umthendeleko,

47 Nokutyelela indlu yelungu ngalinye, nokuwakhuthaza athandaze ngokuthethela ngaphandle nangasese aze akhathalele yonke imisebenzi yosapho.

48 Kwaye ukwanokumisela abanye ababingeleli, ootitshala, nabadikoni.

49 Kwaye umele ukuthabatha ukukhokela iintlanganiso xa kungekho mdala ukhoyo;

50 Kodwa xa kukho umdala, uyashumayela kuphela afundise, acacise, akhuthaze, kwaye abhaptize,

51 Nokutyelela indlu yelungu ngalinye, ewakhuthaza ekuthandazeni ngokuthethela ngaphandle nangasese kwaye akhathalele yonke imisebenzi yosapho.

52 Kuyo yonke le misebenzi umbingeleli umele ukuncedisa umdala ukuba kukho imfuneko.

53 Umsebenzi katitshala kukongamela phezu kwebandla rhoqo, aze abe kunye nawo aze awomeleze;

54 Kwaye ajonge okokuba akukho bugwenxa ebandleni, nabulukhuni phakathi komnye nomye, nakuxoka, intlebendwane, nakuthetha kubi;

55 Kwaye ajonge okokuba ibandla liyahlangana kunye rhoqo, kananjalo ajonge okokuba onke amalungu ayawenza umsebenzi wawo.

56 Kwaye umele ukuthabatha ukhokelo lweentlanganiso xa engekho umdala okanye umbingeleli—

57 Kwaye umele ukuncediswa rhoqo, kuyo yonke imisebenzi yakhe ebandleni, ngabadikoni, ukuba kukho imfuneko.

58 Kodwa ayingabo ootitshala nabadikoni abanegunya lokubhaptiza, ukulungiselela umthendeleko, okanye ukubeka izandla;

59 Bamele, kunjalo nje, ukulumkisa, ukucacisa, ukubongoza, nokufundisa, nokumemela bonke ekuzeni kuKrestu.

60 Mdala ngamnye, mbingeleli, titshala okanye mdikoni umele ukumiselwa ngokunxulumene nezipho nobizo lukaThixo kuye; kwaye umele amiselwe ngamandla oMoya oyiNgcwele, akulowo umisela yena.

61 Abadala abaliqela abakha eli bandla likaKrestu bamele ukuhlangana kwinkomfa kube kanye kwinyanga ezintathu, okanye kumaxesha ngamaxesha njengoko iinkomfa ezixeliweyo ziya kukhokela okanye zichonge.

62 Kwaye iinkomfa ezixeliweyo zimele ukwenza nawuphina umcimbi webandla ofanele ukwenziwa ngeloo xesha.

63 Abadala bamele ukufumana iimvume zabo ezivela kwabanye abadala, ngevoti yebandla elo bakulo, okanye ezivela kwiinkomfa.

64 Mbingeleli ngamnye, titshala, okanye mdikoni, omiselwe ngumbingeleli, unokuthatha isatifikithi kuye ngeloo xesha, satifikithi eso, xa sinikezelwa emdaleni, siya kumnika imvume, eya kumgunyazisa ukwenza imisebenzi yobizo lwakhe, okanye unokuyifumana ivela kwinkomfa.

65 Akukho mntu umele ukumiselwa nakuyiphi na iofisi kweli bandla, apho kukho ukusekwa njalo kwesebe elikwafanayo, ngaphandle kwevoti yeloo bandla;

66 Kodwa abadala abongamelayo, oobhishophu abahamba-hambayo, abacebisi abaphezulu, ababingeleli abaphezulu, nabadala, banokuba nelungelo elilodwa lokumisela, apho kungekho sebe lebandla ekunokuthi ivoti ibizwe.

67 Mongameli ngamnye wobubingeleli obuphezulu (okanye umdala owongamelayo), ubhishophu, umcebisi ophezulu, nombingeleli obuphezulu, umele ukumiselwa ngesikhokelo sequmrhu eliphezulu okanye inkomfa jikelele.

68 Umsebenzi wamalungu emva kokuba amkelwe ngobhaptizo—Abadala okanye ababingeleli bamele ukuba nexesha eloneleyo lokucacisa zonke izinto ezinxulumene nebandla likaKrestu ekuqondeni kwawo, phambi kokuthabatha kwawo umthendeleko nokuqiniswa kwawo ngokubekwa kwezandla zabadala, ukuze zonke izinto zibe nokwenziwa ngocwangco.

69 Kwaye amalungu aya kubonakala phambi kwebandla, kananjalo phambi kwabadala, ngohambo lobuthixo nencoko, okokuba akufanele oko, okokuba kube kukho imisebenzi nokholo zingqinelana nezibhalo ezingcwele—ehamba ebungcweleni phambi kweNkosi.

70 Lungu ngalinye lebandla likaKrestu elinabantwana limele ukubazisa ebadaleni phambi kwebandla, baze kubeka izandla zabo phezu kwabo egameni likaYesu Krestu, baze babasikelele egameni lakhe.

71 Akukho namnye unako ukwamkelelwa ebandleni likaKrestu ngaphandle kokuba ufike kwiminyaka yokuziphendulela phambi kukaThixo, kwaye unako ukuguquka.

72 Ubhaptizo lumele ukulungiselelwa ngolu hlobo lulandelayo kubo bonke abo baguqukayo—

73 Umntu obizwe nguThixo kwaye enegunya elivela kuYesu Krestu lokubhaptiza, uya kuya ezantsi emanzini nomntu ozinikezeleyo ukuba abhaptizwe, kwaye uya kuthi, embiza ngegama: Ngokugunyaziswa nguYesu Krestu, ndiyakubhaptiza egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele. Amen.

74 Ngoko uya kumntywilisela emanzini, baze baphume kwakhona emanzini.

75 Kulungile ukuba ibandla lihlangane kunye rhoqo ukuze lithabathe kuso isonka newayini ukukhumbula iNkosi uYesu;

76 Kwaye umdala okanye umbingeleli uya kuwulungiselela; kwaye emva kolu hlobo baya kuwulungiselela—uya kuguqa kunye nebandla aze abize kuye uBawo ngomthandazo ondilisekileyo, esithi:

77 Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, siyakucela egameni loNyana wakho, uYesu Krestu, ukuba usikelele kwaye ungcwalise esi sonka kuyo imiphefumlo yabo bonke abathi bathabathe kuso, ukuze babe nokutya benenkumbulo yomzimba woNyana wakho, baze bangqine kuwe, Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, okokuba bazimisele ukuthabathela kubo igama loNyana wakho, baze besoloko bemkhumbula baze bayigcine imiyalelo yakhe athe wabanika yona; ukuze babenokusoloko benawo uMoya wakhe ukunye nabo. Amen.

78 Uhlobo lokulungiselela iwayini—uya kuthabatha indebe kanjalo, aze athi:

79 Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, siyakucela egameni loNyana wakho, uYesu Krestu, ukuba usikelele kwaye ungcwalise le wayini kuyo imiphefumlo yabo bonke abo baselayo kuyo, ukuze babe nokukwenza benenkumbulo yegazi loNyana wakho, elaphalalela bona; baze babe nokungqina kuwe, Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, baze besoloko bemkhumbula, ukuze babenawo uMoya wakhe ukuba ube kunye nabo. Amen.

80 Naliphina ilungu lebandla likaKrestu elikreqayo, okanye lifunyenwe linempazamo, kuya kwenziwa kulo njengoko izibhalo zikhokela.

81 Iya kuba ngumsebenzi wamabandla aliqela, awakha ibandla likaKrestu, ukuthumela abemnye okanye ngaphezulu wootitshala bawo ukuya kubakho kwiinkomfa eziliqela ezibanjwa ngabadala bebandla,

82 Noludwe lwamagama amalungu eliqela emanyanisa iziqu zawo kunye nebandla ukusekela kwinkomfa edlulileyo; okanye kuthunyelwe ngesandla sombingeleli othile; ukuze uludwe olusisigxina lwawo onke amagama ebandla liphelele lube nokugcinwa encwadini ngomnye wabadala, lowo ngokunjalo abanye abadala baya kumnyula kumaxesha ngamaxesha;

83 Kananjalo, ukuba abathile bebegxothiwe ebandleni, ukuze amagama abo abe nokucinywa kwimbali yamagama enkomfa jikelele.

84 Onke amalungu afudukayo kwibandla apho ebehlala khona, ukuba aya kwibandla apho angaziwayo khona, amele ukuthabatha ileta engqina okokuba angamalungu esigxina kwaye kuqinisekile oko, satifikithi eso masibe sisayiniwe ngumdala othile okanye umbingeleli ukuba ilungu elifumana ileta liqhelene bucala nomdala okanye umbingeleli, okanye ibe nokusayinwa ngootitshala okanye abadikoni bebandla.