Icandelo 107
Isityhilelo ngobubingeleli, sinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio esibhala malunga noAprili 1835. Nangona eli candelo lalirekhodwe ngowe-1835, iirekhodi zembali ziqinisekisa ukuba iivesi ezininzi 60 ukuya 100 zibandakanya isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith ngoNovemba 11, 1831. Eli candelo lalisayanyaniswa nokusekwa kweQumrhu labaLishumi elineSibini ngoFebruwari noMatshi 1835. UMprofeti kunokuba wasinikeza bekhona abo babelungiselela ukumka ngoMeyi 3, 1835, besiya kwimishini yequmrhu labo lokuqala.
1–6, Kukho ububingeleli obubini: uMelkitsedeke noAron; 7–12, Abo baphethe uBubingeleli bukaMelkitsedeke banegunya lokusebenza kuzo zonke iiofisi eBandleni; 13–17, Ububhishophu bongamela uBubingeleli buka-Aron, obulungiselela kwimimiselo yangaphandle; 18–20, UBubingeleli bukaMelkitsedeke buphethe izitshixo zazo zonke iintsikelelo zasemoyeni; uBubingeleli buka-Aron buphethe izitshixo zolungiselelo lweengelosi; 21–38, UBumongameli boKuqala, abaLishumi elineSibini, nabangaMashumi aSixhenxe bakha iikhoram ezongamelayo, ezinezigqibo ezimele ukwenziwa kubunye nobulungisa; 39–52, Ucwangco lukasolusapho luyamiselwa ukusuka kuAdam kuye kuNowa; 53–57, AbaNgcwele bamandulo bahlanganisana eAdam-ondi-Ahman, yaza iNkosi yabonakala kubo; 58–67, AbaLishumi elineSibini baza kubeka amagosa eBandla ngocwangco; 68–76, Oobhishophu basebenza njengabagwebi kwaSirayeli; 77–84, UBumongameli boKuqala nabaLishumi elineSibini bakha inkundla eyiyeyona iphakamileyo eBandleni; 85–100, Abongameli boBubingeleli balawula iikhoram ezizezabo.
1 Kukho, ebandleni, ububingeleli obubini, obubizwa, ubuMelkitsedeke nobuAron, bubandakanya noBubingeleli bukaLevi.
2 Kutheni obokuqala bubizwa uBubingeleli bukaMelkitsedeke kungenxa yokuba uMelkitsedeke wayengumbingeleli owayemkhulu ephakamile.
3 Phambi kwemihla yakhe babubizwa uBubingeleli obuNgcwele, emva koHlobo loNyana kaThixo.
4 Kodwa ngenxa yokuhlonipha okanye ukuzolela igama leSiqu esiPhezu Konke, ukuphepha uphindaphindo njalo lwegama lakhe, lona ibandla, laye, kwimihla yamandulo, labiza obo bubingeleli emva koMelkitsedeke, okanye uBubingeleli bukaMelkitsedeke.
5 Onke amanye amagunya okanye iiofisi ebandleni zizihlomelo kobu bubingeleli.
6 Kodwa kukho izahlulo ezibini okanye iintloko ezinkulu—obunye buBubingeleli bukaMelkitsedeke, buze obunye bube buBubingeleli buka-Aron okanye bukaLevitikus.
7 I-ofisi yomdala iza phantsi kobubingeleli bukaMelkitsedeke.
8 UBubingeleli bukaMelkitsedeke buphethe ilungelo lobumongameli, kwaye bunamandla negunya phezu kwazo zonke iiofisi ebandleni kuyo yonke iminyaka yehlabathi, ekulawuleni izinto zomoya.
9 UBumongameli boBubingeleli obuKhulu, emva kocwangco lukaMelkitsedeke, sinelungelo lokusebenza kuzo zonke iiofisi ebandleni.
10 Ababingeleli abakhulu emva kocwangco loBubingeleli lukaMelkitsedeke banelungelo lokusebenza ekumeni okukokwabo, phantsi kolawulo lobumongameli, ekulawuleni izinto zomoya, kananjalo kwiofisi yomdala, umbingeleli (wocwangco lukaLevitikus), utitshala, umdikoni, nelungu.
11 Umdala unelungelo lokusebenza endaweni yakhe xa umbingeleli omkhulu engekho.
12 Umbingeleli omkhulu nomdala bayalawula kwizinto zomoya, ezingqinelana neminqophiso nemiyalelo yebandla; kwaye banelungelo lokusebenza kuzo zonke ezi ofisi zebandla xa bengekho abasemagunyeni athe kratya.
13 Ububingeleli besibini bubizwa uBubingeleli buka-Aron, ngenxa yokuba babekwa phezu kuka-Aron nembewu yakhe, kuzo zonke izizukulwana zayo.
14 Kutheni bubizwa ububingeleli obunganeno kungokuba busisihlomelo sobukhulu ngakumbi, okanye uBubingeleli bukaMelkitsedeke, kwaye bunegunya ekulawuleni imimiselo yangaphandle.
15 Ububhishophu bubumongameli bobububingeleli, kwaye siphethe izitshixo okanye igunya lobukwanjalo.
16 Akukho ndoda inelungelo elisemthethweni kule ofisi, lokuphatha izitshixo zobu bubingeleli, ngaphandle kokuba ibe sisizukulwana sokwenene sika-Aron.
17 Kodwa njengombingeleli omkhulu woBubingeleli bukaMelkitsedeke unegunya lokusebenza kuzo zonke iiofisi ezinganeno, unokusebenza kwiofisi kabhishophu xa kungekho sisizukulwana sokwenene sika-Aron inokufunyanwa, ngaphandle kokuba ubiziwe waza wabizwa bucala waza wamiselwa kweli gunya ngokubekwa izandla zoBumongameli boBubingeleli bukaMelkitsedeke.
18 Amandla negunya lobuphakame ngakumbi, okanye uBubingeleli bukaMelkitsedeke, kukuphatha izitshixo zazo zonke iintsikelelo zomoya zebandla—
19 Ukuba nelungelo elilodwa lokuzuza iimfihlelo zobukumkani basezulwini, babe namazulu avulekela bona, ukuvisisana kunye nentlangano jikelele nebandla lomaZibulo, nokuvuyela ubudlelane nobukho bukaThixo uBawo, noYesu umthetheleli womnqophiso omtsha.
20 Amandla negunya lobunganeno, okanye uBubingeleli buka-Aron, kukuphatha izitshixo zolungiselelo lweengelosi, nokulawula kwimimiselo ephandle, unobumba wevangeli, ubhaptizo lwenguquko yokuxolelwa kwezono, kungqinelana neminqophiso nemiyalelo.
21 Okuyimfuneko kukubakho koomongameli, okanye amagosa ongamelayo aphuma kubo, okanye onyulelwa bona okanye avele phakathi kwabo bamiselwe kwiiofisi eziliqela kobu bubingeleli bubini.
22 KuBubingeleli bukaMelkitsedeke, aBabingeleli aBongamelayo abaKhulu abathathu, bakhethwa liqela, bonyulelwe baze bamiselwe kulo ofisi, baze baxhaswe ngokubathemba, ukholo, nomthandazo webandla, benze ikhoram yoBumongameli beBandla.
23 Abacebisi abalishumi elinesibini abajikelezayo babizwa ngokuba ngaBapostile abaLishumi elineSibini, okanye amangqina akhethekileyo egama likaKrestu kulo lonke ihlabathi—kunjalo besahluka kwamanye amagosa ngemisebenzi yobizo lwabo ebandleni.
24 Kwaye benza ikhoram, elingana ngegunya nasemandleni noomongameli abathathu abakhankanywe ngaphambili.
25 AmaShumi aSixhenxe kanjalo abizelwe ukushumayela ivangeli, nokuba ngamangqina akhethekileyo kwabeeNtlanga nakulo lonke ihlabathi—kunjalo besahluka kwamanye amagosa ngemisebenzi yobizo lwabo ebandleni.
26 Kwaye benza ikhoram, elingana ngegunya kwelo lamangqina akhethekileyo aLishumi elineSibini okanye aBapostile abasandula ukubizwa.
27 Kwaye sonke isigqibo esenziwe zizo naziphina ezezi khoram simele ukwenziwa ngelizwi elimxhelo mnye elifanayo; oko kukuthi, onke amalungu kwikhoram nganye amele ukuvunyelwa kwisigqibo sawo, ukuze enze izigqibo zawo ngamandla afanayo okanye sibe semthethweni esinye kunye nesinye—
28 Isininzi sinokwenza ikhoram xa iimeko zisenza kube nzima ukwenza ngenye indlela—
29 Ngaphandle kokuba le yimeko, izigqibo zabo azinalungelo kwiintsikelelo ezifanayo, zigqibo zekhoram yoomongameli abathathu ababekho mandulo, ababemiselwe emva kohlobo lukaMelkitsedeke, kwaye babengamadoda alungileyo nangcwele.
30 Izigqibo zezi khoram, okanye nokuba yeyiphi kuzo, zimele ukwenziwa kubo bonke ubulungisa, ebungcweleni, nokuthobeka kwentliziyo, ubulali nonyamezelo, naselukholweni, nesidima, nolwazi, ubungcathu, umonde, ubulungisa, ukulunga kobuzalwana nothando lwenene;
31 Ngenxa yokuba isithembiso sinje, ukuba ezi zinto ziyaphuphuma kubo abayi kunganiki ziqhamo elwazini lweNkosi.
32 Kwaye kwimeko xa nasiphina isigqibo sezi khoram singenziwa ngobulungisa, inokuziswa phambi kwentlanganiso jikelele yeekhoram eziliqela, eyakhiwe ngabasemagunyeni omoya ebandla; ngenye indlela akunako ukubakho isibheno esivela kwisigqibo sabo.
33 AbaLishumi elineSibini baliQumrhu eliKhulu eloNgamelayo eliJikelezayo, elisebenza egameni leNkosi, phantsi kolawulo loBumongameli beBandla, bengqinelana neziko lasezulwini; besakha ibandla, baze bamise kakuhle yonke imicimbi yokufanayo kuzo zonke izizwe, kuqala kwabeeNtlanga nokwesibini kumaYuda.
34 AmaShumi aSixhenxe amele ukusebenza egameni leNkosi, phantsi kolawulo lwabaLishumi elineSibini okanye iqumrhu elikhulu elijikelezayo, ekwakheni ibandla nokumisa kakuhle yonke imicimbi yokufanayo kuzo zonke izizwe, kuqala kwabeeNtlanga nangoko ke kumaYuda—
35 AbaLishumi elineSibini bethunyelwa ngaphandle, bephethe izitshixo, zokuvula ucango ngokubhengezwa kwevangeli kaYesu Krestu, kwaye kuqala kwabeeNtlanga nangoko ke kumaYuda.
36 Amaqumrhu amakhulu amileyo, kwiziteyki zeZiyon, enza ikhoram elinganayo ngegunya emicimbini yebandla, nakuzo zonke izigqibo zawo, nekhoram yobumongameli, okanye kwiqumrhu elikhulu elijikelezayo.
37 Iqumrhu elikhulu eZiyon lenza ikhoram elinganayo ngegunya emicimbini yebandla, kuzo zonke izigqibo zabo, namaqumrhu abaLishumi elineSibini eziteykini zeZiyon.
38 Ngumsebenzi wequmrhu elikhulu elijikelezayo ukubiza abangamaShumi aSixhenxe, xa lifuna uncedo, ukuzalisa amabizo aliqela okushumayela nokusebenzisa ivangeli, endaweni yabanye abangabanye.
39 Ngumsebenzi wabaLishumi elineSibini, kuwo onke amasebe amakhulu ebandla, ukumisela abefundisi bobuvangeli, njengoko beya kwalathelwa ngesityhilelo—
40 Uhlobo lobu bubingeleli lwaqiniselwa ekunikelweni ukuhla ukusuka kubawo kuya kunyana, kwaye ngokwesizukulwana sokwenene yembewu ekhethiweyo, ekwenziwe kuyo izithembiso.
41 Olu hlobo lwalusekwe ngemihla ka-Adam, lwaza lwehlela ngomlibo ngohlobo olulandelayo:
42 Ukusuka kuAdam kuye kuSete, owamiselwa nguAdam eminyaka ingamashumi amathandathu anesithoba, kwaye wasikelelwa nguye iminyaka emithathu phambi kokufa kwakhe (okuka-Adam), waza wafumana isithembiso sikaThixo ngoyise, okokuba isizukulwana sakhe sikhethwe yiNkosi, kwaye simele ukulondolozelwa kuye esiphelweni somhlaba;
43 Ngenxa yokuba wayeyindoda (uSete) egqibeleleyo, nomfanekiso wakhe wawubonisa umfanekiso kayise, njengokuba wayebonakala enjengoyise kuzo zonke izinto, kwaye enokwahlulwa kuye kuphela ngeminyaka.
44 UEnoshe wamiselwa eminyaka ilikhulu elinamashumi amathathu anesine enenyanga ezine, ngesandla sika-Adam.
45 UThixo wabiza uKenan entlango ngonyaka wamashumi amane obudala bakhe; kwaye wahlangana noAdam esiya kwindawo iShedolamak. Wayeneminyaka engamashumi asibhozo anesixhenxe ubudala xa wafumana umiselo lwakhe.
46 UMahalaleli wayeneminyaka engamakhulu amane anamashumi alithoba anesithandathu neentsuku ezisixhenxe ubudala xa wayemiselwa ngesandla sika-Adam, owamsikelelayo kanjalo.
47 UYerede wayeneminyaka engamakhulu amabini ubudala xa wayemiselwa phantsi kwesandla sika-Adam, owamsikelelayo kanjalo.
48 UEnoki wayeneminyaka engamashumi amabini anesihlanu xa wayemiselwa phantsi kwesandla sika-Adam; kwaye wayeneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu waza uAdam wamsikelela.
49 Kwaye wabona iNkosi, kwaye wahamba kunye nayo, kwaye wayephambi kobuso bayo ngokuqhubekekayo; kwaye wahamba noThixo iminyaka engamakhulu amathathu anamashumi amathandathu anesihlanu, imenze amakhulu amane anamashumi amathathu ubudala xa wenziwa kumila kumbi.
50 UMethusela wayeneminyaka elikhulu ubudala xa wayemiselwa phantsi kwesandla sika-Adam.
51 uLameki wayeneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala xa wayemiselwa phantsi kwesandla sikaSete.
52 UNowa wayeneminyaka elishumi ubudala xa wayemiselwa phantsi kwesandla sikaMethusela.
53 Iminyaka emithathu phambi kokufa kuka-Adam, wabizela uSete, uEnoshe, uKenan, uMahalaleli, uYerede, uEnoki, noMethusela, ababengababingeleli abakhulu bonke, nentsalela yesizukulwana sakhe esasilungile, entlanjeni yeAdam-ondi-Ahman, waza apho wabeka phezu kwabo iintsikelelo zakhe zokugqibela.
54 Kwaye iNkosi yabonakala kubo, kwaye baphakama baza basikelela uAdam, kwaye bambiza Mikayeli, inkosana, ingelosi enkulu.
55 Kwaye iNkosi yanikezela intuthuzelo kuAdam, kwaye yathi kuye: Ndikumise ube sentloko; indimbane yezizwe iya kuza ngawe; kwaye wena uyinkosana phezu kwazo ngonaphakade.
56 Kwaye uAdam wema phakathi kwentlangano; kwaye, nangona wayeqotywe bubudala, ezaliswe nguMoya oyiNgcwele, waxela kwangaphambili naziphina izinto eziya kuhlela inzala yakhe ukuya kwisizukulwana esisona sisemva.
57 Ezi zinto zibhalwe zonke encwadini kaEnoki, kwaye ziya kungqinwa ngexesha elifanelekileyo.
58 Ngumsebenzi wabaLishumi elineSibini, kanjalo, ukumisela nokulungisa ngocwangco onke amanye amagosa ebandla, ngokungqinelana nesityhilelo esithi:
59 Kubhekisele kwibandla likaKrestu kumhlaba weZiyon, ukongezelela kwimithetho yebandla kuhlonitshwa umcimbi webandla—
60 Inene, ndithi kuni, itsho iNkosi yeMikhosi, kumele kubekho imfuneko yabadala abongamelayo ukongamela abo bangabeofisi yomdala;
61 Kwaye kanjalo ababingeleli ukongamela abo bakwiofisi yombingeleli;
62 Kwaye kanjalo ootitshala ukongamela abo bakwiofisi katitshala, ngohlobo olufanayo, kanjalo abadikoni—
63 Ngako oko, ukusukela kumdikoni kuye kutitshala, nokusukela kutitshala kuye kumbingeleli, nokusukela kumbingeleli kuye kumdala, kaliqela njengoko besonyulwa, ngokunxulumene neminqophiso nemiyalelo yebandla.
64 Emva koko kuza uBubingeleli obuKhulu, obubobona bukhulu kubo bonke.
65 Ngako oko, kumele ukuba yimfuneko okokuba omnye onyulelwe uBubingeleli obuKhulu ukongamela ububingeleli, kwaye uya kubizwa uMongameli woBubingeleli obuKhulu beBandla;
66 Okanye, ngamanye amazwi, uMbingeleli oMkhulu owoNgamelayo kuBubingeleli beBandla;
67 Kobufanayo kuza ulungiselelo lwemimiselo neentsikelelo phezu kwebandla, ngokubeka izandla.
68 Ngako oko, iofisi kabhishophu ayilingani nayo; kuba iofisi kabhishophu iselulawulweni lwezinto zonke zelizwe;
69 Nangona kunjalo ubhishophu umele ukukhethwa kuBubingeleli obuKhulu, ngaphandle kokuba usisizukulwana sokwenene sika-Aron;
70 Kuba ngaphandle kokuba usisizukulwana sokwenene sika-Aron akanako ukuphatha izitshixo zobo bubingeleli.
71 Nangona kunjalo, umbingeleli omkhulu, oko kukuthi, emva kocwangco lukaMelkitsedeke, unokubizwa amiselwe bucala ekusebenzeni izinto zelizwe, enolwazi lwazo ngoMoya wenyaniso;
72 Kananjalo abe ngumgwebi kwaSirayeli, enze umsebenzi webandla, ahlale ekugwebeni abakreqi ngobungqina njengoko buya kubekwa phambi kwakhe ngokwemithetho, ngoncedo lwabacebisi, azikhethele bona okanye aya kubakhetha phakathi kwabadala bebandla.
73 Lo ngumsebenzi kabhishophu ongesiso isizukulwana sokwenene sika-Aron, kodwa omiselwe kuBubingeleli obuKhulu emva kocwangco lukaMelkitsedeke.
74 Njalo uya kuba ngumgwebi, nkqu umgwebi oqhelekileyo phakathi kwabemi beZiyon, okanye kwiSteyki seZiyon, okanye nakulo naliphina isebe lebandla apho aya kusikelelwa bucala amiselwe kulo msebenzi, ide imida yeZiyon yandiswe kwaye kuba yimfuneko ukuba nabanye oobhishophu okanye abagwebi eZiyon okanye naphina.
75 Kwaye njengokuba kukho abanye oobhishophu abonyuliweyo baya kusebenza kwiofisi efanayo.
76 Kodwa isizukulwana sokwenene sika-Aron sinelungelo elisemthethweni kubumongameli bobu bubingeleli, ezitshixweni zalo msebenzi, sisebenze eofisini kabhishophu ezimeleyo, ngaphandle kwabacebisi, ngaphandle kwemeko apho uMongameli woBubingeleli obuKhulu, emva kocwangco lukaMelkitsedeke, izanyiwe, ihlale njengomgwebi kwaSirayeli.
77 Kwaye isigqibo sawo nawaphina sala maqumrhu, singqinelana nomyalelo othi:
78 Kwakhona, inene, ndithi kuni, owona ubaluleke kakhulu umsebenzi webandla, kwaye awona matyala anzima ebandla, njengokuba kungekho koneliseka phezu kwesigqibo sikabhishophu okanye abagwebi, aya kugqithiselwa kwaye asiwe phezulu kwiqumrhu lebandla, phambi koBumongameli boBubingeleli obuKhulu.
79 Kwaye uBumongameli bequmrhu loBubingeleli obuKhulu siya kuba negunya lokubiza abanye ababingeleli abakhulu, nkqu abalishumi elinesibini, baze kuncedisa njengabacebisi; kwaye njalo uBumongameli boBubingeleli obuKhulu nabacebisi baso baya kuba negunya lokugqiba phezu kobungqina ngokunxulumene nemithetho yebandla.
80 Kwaye emva kwesi sigqibo akuyi kubakho nkumbulo nanini na phambi kweNkosi; kuba eli lelona qumrhu likhulu lebandla likaThixo, kwaye sisigqibo sokugqibela phezu kweempikiswano kwimiba yasemoyeni.
81 Akukho nawuphina umntu ongowebandla okhululekileyo kweli qumrhu lebandla.
82 Kwaye njengokuba uMongameli woBubingeleli obuKhulu eya kwenza isigqitho, uya kubanjelwa kwisikhumbuzo phambi kwequmrhu eliqhelekileyo lebandla, eliya kuncediswa ngabacebisi abalishumi elinesibini loBubingeleli obuKhulu;
83 Kwaye isigqibo sabo phezu kwentloko yakhe siya kuba sisiphelo sempikiswano ngokunxulumene naye.
84 Njalo, namnye oya kukhululwa ebulungiseni nasemithethweni kaThixo, ukuze zonke izinto zibe nokwenziwa ngocwangco nasesidimeni phambi kwakhe, ngokunxulumene nenyaniso nobulungisa.
85 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, umsebenzi kamongameli phezu kweofisi yomdikoni kukongamela phezu kwabadikoni abalishumi elinesibini, ahlale kwiqumrhu kunye nabo, nokubafundisa imisebenzi yabo, behlaziyana omnye nomye, njengoko kunikiweyo ngokunxulumene eminqophisweni.
86 Kananjalo umsebenzi womongameli phezu kweofisi yootitshala kukongamela phezu kwabangamashumi amabini anesine ootitshala, aze ahlale kwiqumrhu kunye nabo, abafundise imisebenzi yeofisi yabo, njengoko kunikiweyo neminqophiso.
87 Kanjalo umsebenzi womongameli phezu koBubingeleli buka-Aron kukongamela phezu kwababingeleli abangamshumi amane abasibhozo, aze ahlale kwiqumrhu kunye nabo, abafundise imisebenzi yeofisi yabo, njengoko kunikiweyo eminqophisweni—
88 Lo mongameli kumele ibe yibhishophu; kuba lo ngomnye wemisebenzi yobu bubingeleli.
89 Kwakhona, umsebenzi womongameli phezu kweofisi yabadala kukongamela phezu kweofisi yabadala kukongamela phezu kwabadala abangamashumi alithoba anesithandathu, aze ahlale kwiqumrhu kunye nabo, aze abafundise ngokweminqophiso.
90 Obu bumongameli bobahlukileyo kobo bobangamashumi asixhenxe, kwaye bulungiselelwe abo bangajikeleziyo kulo lonke ihlabathi.
91 Kwaye kwakhona, umsebenzi kaMongameli weofisi yoBubingeleli obuKhulu kukongamela phezu kwebandla lonke, aze afane noMoses—
92 Qaphelani, nabu ubulumko; ewe, abe yimboni, umtyhileli, umguquleli, nomprofeti, enazo zonke izipho zikaThixo azinikele phezu kwentloko yebandla.
93 Kwaye kungokunxulumene nombono obonisa ucwangco lwabangamaShumi aSixhenxe, ukuze babe noomongameli abasixhenxe abongamela phezu kwabo, bekhethwe kwinani labangamashumi asixhenxe;
94 Kwaye umongameli wesixhenxe waba mongameli umele ukongamela phezu kwesithandathu;
95 Kwaye aba mongameli basixhenxe bamele ukukhetha abanye abangamashumi asixhenxe ngaphandle kwabokuqala abangamashumi asixhenxe abangamalungu abo, kwaye bamele ukongamela phezu kwabo;
96 Kananjalo abanye abangamashumi asixhenxe, kude kube kasixhenxe okuphindwe kangamashumi asixhenxe, ukuba umsebenzi wemfuneko esidiliyeni ufuna oko.
97 Kwaye la mashumi asixhenxe aza kuba ngabafundisi abajikelezayo, ukuya kwabeeNtlanga kuqala kananjalo kumaYuda.
98 Nangona amanye amagosa ebandla, engengawo amalungu abaLishumi elineSibini, engengawo nawabangamaShumi aSixhenxe, engekho phantsi koxanduva lokujikeleza phakathi kwazo zonke izizwe, kodwa ejikeleza njengoko iimeko zawo ziya kubavumela, nangona enokuba kwiiofisi eziphakamileyo nezinoxanduva ebandleni.
99 Ngako oko, ngoku vumelani indoda nganye ifunde umsebenzi wayo, ize isebenze kwiofisi eyonyulelweyo, ngenkuthalo yonke.
100 Lowo unobuvila akayi kubalelwa ekufanelekeni ukuma, aze lowo ungawufundiyo umsebenzi wakhe aze azibonakalise engavunyelwanga akayi kubalelwa ekufanelekeni ukuma. Nkqu kunjalo. Amen.