Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 90


Icandelo 90

Isityhilelo kuJoseph Smith uMprofeti, esinikwe eKirtland, eOhio, Matshi 8, 1833. Esi sityhilelo silinyathelo eliqhubekekayo ekumisweni koBumongameli boKuqala (bona isihloko secandelo 81); njengesiphumo salo, abacebisi abakhankanyiweyo bamiselwa ngowe-Matshi 18, 1833.

1–5, Izitshixo zobukumkani zinikelwe kuJoseph Smith nangaye eBandleni; 6–7, USidney Rigdon noFrederick G. Williams baza kusebenza kuBumongameli boKuqala; 8–11, Ivangeli imele ukushunyayelwa kuzo zonke izizwe zikaSirayeli, kwiiNtlanga, nakumaYuda, wonke umntu ayive ngolwimi olulolwakhe; 12–18, UJoseph Smith nabacebisi bakhe bamele ukumisa iBandla ngocwangco; 19–37, Ababodwa abohlukahlukeneyo bayacetyiswa yiNkosi ukuba bahambe bethe tye baze basebenze ebukumkanini Bayo.

1 Itsho njalo iNkosi, inene, inene ndithi kuwe nyana wam, izono zakho zixolelwe, ngokunxulumene nesibongozo sakho, kuba imithandazo yakho nemithandazo yabazalwana bakho ize phezulu ezindlebeni zam.

2 Ke ngoko, usikelelekile ukususela ngoku ukuba uthwale izitshixo zobukumkani ezinikwe wena; ubukumkani obo buza ngaphambili okwexesha lokugqibela.

3 Inene ndithi kuwe, izitshixo zobu bukumkani azisayi kuthatyathwa kuwe, ngelixa usesehlabathini, nakanye nakwihlabathi elizayo;

4 Nangona kunjalo, ngawe izihlalo ziya kunikwa abanye, ewe, nkqu ebandleni.

5 Kwaye bonke abafumana izihlabo zikaThixo, benzeni balumkele indlela abaziphatha ngayo hleze bazibalele njengento yobuyatha, baze ngayo baziswe phantsi komgwebo, baze bakhubeke baze bawe xa izaqhwithi zisehla, nemimoya ivuthuza, neemvula zisehla, zize zibethe phezu kwendlu yabo.

6 Kwaye kwakhona, inene ndithi kubazalwana bakho, uSidney Rigdon noFrederick G. Williams, izono zabo zixolelwe kanjalo, kwaye babalelwe njengabalingana kunye nawe ekuphatheni izitshixo zobu bukumkani bokugqibela;

7 Nanjengokuba ngomsebenzi wenu ndiniyalele wona ukuba izitshixo zesikolo sabaprofeti, zilungiselelwe;

8 Ukuze ngazo babe nokugqityeleliselwa ebufundisini babo usindiso lweZiyon, nolwezizwe zikaSirayeli, nolweeNtlanga, njengoko beya kuba baninzi abaya kukholwa;

9 Ukuze ngomsebenzi wenu babe nokufumana ilizwi, kwaye ngomsebenzi wabo ilizwi libe nokuhambela ngaphambili ukuya eziphelweni zomhlaba, ukuya kuqala kwiiNtlanga, kwaye njalo, qaphelani, kwaye yabonani, baya kujikela kumaYuda.

10 Kwaye njalo iyeza imini xa ingalo yeNkosi iya kutyhilwa emandleni ekuqinisekiseni izizwe, izizwe zabahedeni, indlu kaYosefu, yevangeli yosindiso lwabo.

11 Kuba kuya kwenzeka ngaloo mini, ukuba wonke umntu uya kuva inzaliseko yevangeli ngolwimi olulolwakhe, nangentetho eyiyeyakhe, ngabo bamiselwe kweli gunya, ngolawulo loMonwabisi, othululelelwe ngaphambili phezu kwabo ukwenzela ukutyhilwa kukaYesu Krestu.

12 Kwaye ngoku, inene ndithi kuni, ndininika umyalelo okokuba niqhubekeke ebufundisini nakubumongameli.

13 Kwaye xa nilugqibile uguqulelo lwabaprofeti, niya kongamela imicimbi yebandla neyesikolo ukususela ngoku;

14 Kwaye ngamaxesha ngamaxesha, njengoko kuya kubonakaliswa ngoMonwabisi, niya kufumana izityhilelo ekusombululeni iimfihlelo zobukumkani;

15 Kwaye nilungise amabandla, nize nifunde nzulu kwaye nifunde, nize nibe nokuqhelana nazo zonke iincwadi ezilungileyo, nakunye neentetho, iilwimi, nabantu.

16 Kwaye lo iya kuba ngumsebenzi wenu nemishini kubo bonke ubomi benu, ukongamela kumaqumrhu, nokulungisa yonke imicimbi yeli bandla nobukumkani.

17 Ningabi nazintloni, nakubhidaniswa; kodwa niyaleke kubo bonke ubulungisa benu nekratshi, kuba kuzisa umgibe phezu kwemiphefumlo yenu.

18 Lungisani izindlu zenu; gcinani ubuvila nokungacoceki kude kuni.

19 Ngoku, inene ndithi kuwe, makubekho indawo elungiselelwe, ngokukhawuleza okukhulu, usapho lomcebisi wakho nonobhala, nkqu uFrederick G. Williams.

20 Kwaye vumelani isicaka sam esikhulileyo, uJoseph Smith, Omkhulu, aqhubekeke nosapho lwakhe phezu kwendawo apho ngoku ahlala khona; kwaye ingathengiswa ude ube umlomo weNkosi uya kutsho.

21 Kwaye vumelani umcebisi wam, nkqu uSidney Rigdon, asale apho ahlala khona ngoku ude ube umlomo weNkosi uya kutsho.

22 Kwaye vumelani ubhishophu afunisise ngenkuthalo ukuzuza iarhente, aze ayenze ibe yindoda enobutyebi obuselugcinweni—indoda kaThixo, nenokholo olomeleleyo—

23 Ukuze ngabo ibe nokuhlawula onke amatyala; ukuze uvimba weNkosi ungabi nokuziswa ebubini phambi kwamehlo abantu.

24 Funisisani ngenkuthalo, thandazani rhoqo, nibe nikholelwa, kwaye zonke izinto ziya kusebenzela kunye ukulunga kwenu, ukuba nihamba ngokuthe tye nibe nikhumbula umnqophiso eninqophisene ngawo omnye nomnye.

25 Vumelani iintsapho zenu zibe ncinane, ingakumbi isicaka sam esikhulileyo uJoseph Smith, Omkhulu, ngokunxulumene nabo bangengabo abeentsapho zenu;

26 Ukuze ezo zinto zilungiselelwe nina, zibangele ukwenzeka komsebenzi wam, mazingathatyathwa kuni zize zinikwe abo bangafanelekanga—

27 Ukuze ngako oko nithinteleke ekuphumeleliseni ezoo zinto endiniyalele zona.

28 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, yintando yam okukuba isicakakazi sam uVienna Jaques sifumane imali yokuhlawula iinkcitho zaso, size sinyukele kumhlaba weZiyon;

29 Kwaye intsalela yemali ibe nokungcwaliselwa kum, size sivuzwe ngexesha elikholeke kum.

30 Inene ndithi kuni, oko kufanelekile emehlweni am okokoba sinyukele kumhlaba weZiyon, size sizuze ilifa elivela esandleni sikabhishophu;

31 Ukuze sibe nokuhlala phantsi eluxolweni njengokuba sithembekile, size singonqeni ngemihla yaso ukusukela ngoku.

32 Kwaye qaphelani, inene ndithi kuni, okokuba niya kubhala lo myalelo, nize nithi kubazalwana benu eZiyon, embulisweni wothando, okokuba ndinibizele kanjalo ukongamela phezu kweZiyon ngexesha lam elikholeke kum.

33 Ke ngoko, bavumeleni bayeke ukundidina ngokunxulumene nalo mba.

34 Qaphelani, ndithi kuni abazalwana benu eZiyon baqalisa ukuguquka, neengelosi ziyabavuyela.

35 Nangona kunjalo, andikholisekanga zizinto ezininzi; kwaye andikholisekanga sisicaka sam uWilliam E. McLellin, kwa naso isicaka sam uSidney Gilbert; nobhishophu kanjalo, nabanye banezinto ezininzi emabaguquke kuzo.

36 Kodwa inene ndithi kuni, okokuba mna, iNkosi, ndiya kuphikisana neZiyon, ndize ndibongoze abayo abomeleleyo, ndize ndiniqeqeshe ide ibe iyoyisa kwaye icocekile phambi kwam.

37 Kuba ayiyi kususwa endaweni yayo. Mna, iNkosi, ndikuthethile. Amen.