Icandelo 6
Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti no-Oliver Cowdery, eHarmony, ePennsylvania, Aprili 1829. UOliver Cowdery waqalisa umsebenzi wakhe njengonobhala kuguqulelo lweNcwadi kaMormoni, Aprili 7, 1829. Wayesele efumene imbonakalo enyulu yenyaniso yobungqina boMprofeti ehlonipha amacwecwe apho kwakukrolwe khona imbali yeNcwadi kaMormoni. UMprofeti wabuza eNkosini ngeYurim neTumim waza wafumana le mpendulo.
1–6, Abasebenzi entsimini yeNkosi bazuza usindiso; 7–13, Asikho isipho esikhulu kunosindiso; 14–27, Ingqina lenyaniso liza ngamandla oMoya; 28–37, Khangela kuKrestu, uze wenze ukulunga ungayeki.
1 Umsebenzi omkhulu nomangalisayo sele kukufutshane ukuba uze phambili ebantwaneni babantu.
2 Qaphela, ndinguThixo; nika inyameko ilizwi lam, elikhawulezayo nelinamandla, elibukhali kunekrele elintlangothi-mbini, elohlula phakathi zombini amalungu nomongo; ke ngoko nika inyameko amazwi am.
3 Qaphela, intsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa; ke ngoko, ubani lowo unqwenela ukuvuna, makaphose irhengqe yakhe ngamandlakazi akhe, aze avune ngeli thuba imini isekho, ukuze agcinele phezulu umphefumlo wakhe usindiso lwanaphakade ebukumkanini bukaThixo.
4 Ewe, ubani lowo uya kuphosa irhengqe yakhe aze avune, onjalo ubizwe nguThixo.
5 Ke ngoko, ukuba uya kucela kum uya kufumana; ukuba uya kunkqonkqoza uya kuvulelwa.
6 Ngoku, njengokuba ucelile, qaphela, ndithi kuwe, gcina imiyalelo yam, uze ufune ukuzisa ngaphambili nokuseka injongo yeZiyon;
7 Musa ukungxamela ubutyebi kodwa mayibe bubulumko, kwaye qaphela, iimfihlelo zikaThixo ziya kutyhilwa kuwe, kwaye ngoko uya kwenziwa isityebi. Qaphela, lowo unobomi obungunaphakade sisityebi.
8 Inene, inene, ndithi kuwe, kwananjengokuba unqwenela okwam oko kuya kuba njalo kuwe; kwaye ukuba uyanqwenela, uya kuba yindlela yokwenza okulunge ngakumbi kwesi sizukulwana.
9 Musa ukuthetha nto kodwa inguquko kwesi sizukulwana; gcina imiyalelo yam, uze uncedise ekuziseni ngaphambili umsebenzi wam, ngokunxulumene nemiyalelo yam, kwaye uya kusikelelwa.
10 Qaphela wena unesipho, kwaye wena usikelelwe ngenxa yesipho sam. Khumbula ukuba sinyulu kwaye sivela ngasentla—
11 Kwaye ukuba ufuna ukubuza, wena uya kwazi iimfihlelo ezinkulu nezimangalisayo; ke ngoko wena sebenzisa isipho sakho, okokuba wena ube nokufumana iimfihlelo, okokuba wena ube nokuzisa ulwazi oluninzi lwenyaniso, ewe, baqinisekise ngempazamo yeendlela zabo.
12 Uze ungenzi isipho sakho saziwe nangubani ngaphandle kokuba ibe ngabo bangabokholo lwakho. Uze ungafekethi ngezinto ezinyulu.
13 Ukuba wena uya kwenza okulungileyo, ewe, uze uzibambe uthembekile kuye esiphelweni, wena uya kusindiswa ebukumkanini bukaThixo, olusesona sikhulu sazo zonke izipho zikaThixo; kuba akukho sipho sikhulu kunesipho sosindiso.
14 Inene, inene, ndithi kuwe, usikelelwe wena ngako oko wena ukwenzileyo; kuba wena ubizile kum, kwaye qaphela, njengoko uthe rhoqo wena ubuza wena ufumene umyalelo woMoya wam. Ukuba bekungenjalo, wena ngowungathanga weza kwindawo apho wena ukuyo ngeli xesha.
15 Qaphela, wena uyazi ukuba ubuzile kum kwaye ndithe ndayikhanyisela ingqondo yakho; kwaye ngoku ndikuxelela ezi zinto zokokuba wena ube nokwazi okokuba wena ukhanyiselwe nguMoya wenyaniso;
16 Ewe, ndixelela wena, okokuba wena ube nokwazi okokuba akukho namnye ongomnye ngaphandle koThixo lowo wazi iingcinga zakho neenjongo zentliziyo yakho.
17 Ndixelela wena ezi zinto njengengqina kuwe—okokuba amazwi okanye umsebenzi lowo wena uwubhalileyo uyinyani.
18 Ke ngoko khuthala; yima ngakwisicaka sam uJoseph, uthembekile, kuzo naziphina iimeko ezinzima anokuba kuzo ngenxa yelizwi.
19 Mcebise kwiimpazamo zakhe, kananjalo fumana ingcebiso kuye. Yiba nomonde; yiba nengqondo ephilileyo; yiba ngcathu; ube nomonde, ukholo, ithemba nothando lwenene.
20 Qaphela, wena Oliver, kwaye ndithethe nawe ngenxa yeminqweno yakho; ke ngoko gcinela phezulu la mazwi entliziyweni yakho. Yiba nentembeko nenkuthalo ekugcineni imiyalelo kaThixo, kwaye ndiya kukurhanga wena ngeengalo zothando lwam.
21 Qaphela, mna ndinguYesu Krestu, uNyana kaThixo. Ndikwanguye owathi weza kwabangabakhe, kwaye abangabam abandamkelanga. Ndilukhanyiselo olwabonakala ebumnyameni, baza ubumnyama abaluqiqa.
22 Inene, inene, ndithi kuwe, ukuba ufuna ingqina elingakumbi, phosa ingqondo yakho kubusuku owathi wakhala kum entliziyweni yakho, okokuba ungathi wazi ngokunxulumene nenyaniso yezi zinto.
23 Andizange na ndithethe uxolo engqondweni yakho ngokunxulumene nalo mba? Leliphi ingqina elinokuba likhulu ukudlula elivela kuThixo?
24 Kwaye ngoku, qaphela, ufumene ingqina; kuba xa ndikuxelele izinto ekungekho mntu uzaziyo akulifumananga ke ingqina?
25 Kwaye, qaphela, ndinikela kuwe isipho, xa unqwenela mna, ukuguqulela, nkqu njengesicaka sam uJoseph.
26 Inene, inene, ndithi kuwe, okokuba kukho iimbali eziqulathe okuninzi kwevangeli yam, ebigciniwe ingezi ngenxa yenkohlakalo yabantu;
27 Kwaye ngoku ndiyakuyalela, okokuba xa uneminqweno elungileyo—umnqweno owuqwebela isiqu sakho ezulwini—ngoku uya kuncedisa ekuziseni ekukhanyeni, ngesipho sakho, ezoo ndawo zezibhalo zam ebezifihliwe ngenxa yobugwenxa.
28 Kwaye ngoku, qaphela, ndinikela kuwe, kananjalo esicakeni sam uJoseph, izitshixo zesi sipho, esiya kuzisa ukukhanya kuba fundisi; kwaye emlonyeni wamabini okanye amathathu amangqina ilizwi ngalinye liya kusekwa.
29 Inene, inene, ndithi kuwe, ukuba abawamkeli amazwi am, nale nxenye yevangeli yam nobufundisi, usikelelekile wena, kuba abanako ukwenza nanye kuwe kuba abanakwenza nto kum.
30 Kwaye nanjengokuba besenza kuwe nkqu njengoko benzayo kum, usikelelekile wena, kuba uya kuhlala nam eluzukweni.
31 Kodwa ukuba bayawamkela amazwi am, aya kusekwa bubungqina obuya kunikwa, basikelelekile, kwaye ngoko uya kuba novuyo kwiziqhamo zemisebenzi yakho.
32 Inene, inene, ndithi kuwe, njengokuba ndatshoyo kubafundi bam, apho ababini okanye abathathu bahlangene kunye egameni lam, njengokuba bechukumise into enye, qaphela, ndiya kubakho phakathi kwabo—nanjengokuba kunjalo mna ndiphakathi kwakho.
33 Ningoyiki ukwenza okulungileyo, boonyana bam, kuba nayiphina into eniyihlwayelayo, kanjalo niya kuvuna kwayona; ke ngoko, ukuba niyihlwayela okulungileyo kanjalo niya kuvuna okulungileyo kube ngumvuzo wenu.
34 Ke ngoko, ningoyiki, mhlambi omncinane; yenzani okulungileyo; yekani umhlaba nesihogo zidibane ngokuchasene nani, kuba xa nakhelwe phezu kolwalwa lwam, aziyi kunoyisa.
35 Qaphelani, andinigwebi; yiyani kwindlela zenu nize ningoni kwakhona; sebenzani ngengqondo ephilileyo umsebenzi endiniyalele wona.
36 Khangelani kum kuyo yonke ingcinga; ningathandabuzi, ningoyiki.
37 Qaphelani amanxeba agqobhoze icala lam, kananjalo imivumbo yezikhonkwane esezandleni zam nasezinyaweni; thembekani, nigcine imiyalelo yam, kwaye niya kubudla ilifa ubukumkani bezulu. Amen.