Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 25


Icandelo 25

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHarmony, ePennsylvania, Julayi 1830 (bona isihloko secandelo 24). Esi sityhilelo sibonakalisa intando yeNkosi kuEmma Smith, inkosikazi yoMprofeti.

1–6, UEmma Smith, inenekazi elonyuliweyo, ubizelwe ukuncedisa nokuthuthuzela umyeni wakhe; 7–11, Kananjalo ubizelwe ukubhala, ukucacisa izibhalo, nokukhetha amaculo ebandla; 12–14, Ingoma yamalungisa ngumthandazo eNkosini; 15–16, Imigaqo yokuthobela kwesi sityhilelo isebenza kubo bonke.

1 Phulaphula ilizwi leNkosi uThixo wakho, ngethuba endithetha nawe, Emma Smith, ntombi yam; kuba inene ndithi kuwe, bonke abo bamkela ivangeli yam bangonyana neentombi ebukumkanini bam.

2 Isityhilelo endisinika wena ngokunxulumene nentando yam; kwaye ukuba wena uthembekile kwaye uhamba ezindleleni zobulungisa phambi kwam, ndiya kubugcina ubomi bakho, kwaye wena uya kufumana ilifa eZiyon.

3 Qaphela, izono zakho zixolelwe, kwaye ulinenekazi elonyuliweyo, endithe ndalibiza.

4 Ungambombozeli ngenxa yezinto ongathanga wena awazibona, kuba awuzinikwanga wena kunye nehlabathi, ezibubulumko obukum kwixesha elizayo.

5 Kwaye iofisi yobizo lwakho iya kuba yeyokuthuthuzela isicaka sam, uJoseph Smith, Omnci., umyeni wakho, kwiimbandezelo zakhe, ngamazwi okuthuthuzela, emoyeni nobulali.

6 Kwaye wena uya kuhamba naye ngexesha lokuhamba kwakhe, kwaye ube ngunobhala wakhe, xa kungekho namnye ongunobhala wakhe, kuba ndinokuthumela isicaka sam, uOliver Cowdery, naphina apho ndithanda khona.

7 Kwaye wena uya kumiselwa phantsi kwesandla sakhe ucacise izibhalo, nasekukhuthazeni ibandla, ngokunxulumene njengoko kuya kunikwa kuwe ngoMoya wam.

8 Kuba uya kubeka izandla zakhe phezu kwakho, kwaye wena uya kwamkela uMoya oyiNgcwele, kwaye ixesha lakho uya kulinikela ekubhaleni, nasekufundeni okukhulu.

9 Kwaye wena akuyomfuneko ukuba woyike, kuba umyeni wakho uya kukuxhasa wena ebandleni; kuba kulo lubizo lwakhe, ukuze zonke izinto zibe nokutyhilwa kubo, nayiphina into endiya kuyityhila, ngokunxulumene nokholo lwabo.

10 Kwaye inene nditsho kuwe okokuba wena uya kubekela bucala izinto zeli hlabathi, kwaye ufune izinto ezingcono.

11 Kwaye kuya kunikwa wena, kanjalo, ukwenza ukhetho lwamaculo ebandla anyulu, njengoko kuya kunikwa wena, oko kundikholisayo mna, kube kokwebandla lam.

12 Kuba umphefumlo wam uyayigcobela ingoma yentliziyo; ewe, ingoma yamalungisa ingumthandazo kum, kwaye iya kuphendulwa ngentsikelelo phezu kweentloko zawo.

13 Ngako oko, yiphakamisele phezulu intliziyo yakho kwaye ugcobe, kwaye unamathele kwiminqophiso othe wena wayenza.

14 Qhubekeka emoyeni wobulali, kwaye ulilumkele ikratshi. Yekela umphefumlo wakho ugcobele kumyeni wakho, nozuko oluya kuza phezu kwakhe.

15 Gcina imiyalelo yam ngokuqhubeka, kwaye isithsaba sobulungisa wena uya kusifumana. Kwaye ngaphandle kokuba wena wenze oku, apho ndikhona awunako ukuza.

16 Kwaye inene, inene, ndithi kuwe, okokuba eli lilizwi lam kubo bonke. Amen.