Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 127


Icandelo 127

Incwadi evela kuJoseph Smith uMprofeti isiya kwabaNgcwele beMihla yokuGqibela eNauvoo, eIllinois, iqulathe imigaqo kubhaptizelo lwabafileyo, ibhalwe ngoSeptemba 1, 1842, eNauvoo.

1–4, UJoseph Smith uziqhayisa ngentshutshiso nenkxwaleko; 5–12, Iirekhodi zimele ukugcinwa zinxulumene nobhaptizelo lwabafileyo.

1 Njengokuba iNkosi ityhile kum okokuba iintshaba zam, kunye eMissouri nakwesi Siteyiti, kwakhona zazindisukela; kwaye njengokuba zazindisukela ngaphandle akwesizathu, kwaye zingenalo nelona lincinane ibala okanye ithunzi lobulungisa okanye ilungelo ecaleni lazo ekwenzeni iintshutshiso zazo ngokuchasene nam; nanjengokuba namabango azo onke afunyenwe ebuxokini besona simnyama isijika-mbala, ndicinge ekubeni kufanelekile kwaye bubulumko kum ukunika ixesha elifutshane, ngenxa yokhuseleko olulolwam nokhuseleko lwaba bantu. Ndinga ndingathi kubo bonke ndineshishini kunye nabo, okokuba ndishiyele imicimbi yam kwiiarhente nonobhala abaya kurhweba onke amashishini ngohlobo olukhawulezileyo nolufanelekileyo, kwaye baya kubona ukuba onke amatyala am asuliwe ngexesha elifanelekileyo, ngokunanisa ipropati, okanye ngolunye uhlobo, njengoko imeko inokufuna, okanye njengoko iimeko zinokuvumela. Xa ndifunda ukuba uqhwithela luvuthuze ngokuzeleyo lwadlula, ngoko ke ndiya kubuyela kuni kwakhona.

2 Kwaye njengenxa ayamanzithinzithi endibizelwe ukudlula kuwo, abonakala nje eyinto encinane kum, njengokuba bumona nomsindo bezilithumelo lam eliqhelekileyo yonke imihla yobomi bam; nangenxa yesizathu esibonakala ngokumangalisayo, ngaphandle kokuba cndamiselwa ukususela ngaphambili kwesiseko sehlabathi ngenxa yesiphelo esithile esilungileyo, okanye esibi, njengoko unokuzikhethela ukusibiza. Zigwebeleni nina iziqu zenu. UThixo uzazi zonke ezi zinto, nokokuba ilungile okanye imbi. Kodwa nangona kunjalo, amanzi anzulu ndiqhelile ukudada kuwo. Zonke zisuke zayindalo yesibini kum; kwaye ndiziva, njengoPawulos, ekuzingceni dkwinkxwaleko; kuba ukuza kutsho kulo mhla uThixo woobawo bam undikhulule kuzo bonke, kwaye uya kundikhulula ukususela ngoku kuye phambili; kuba qaphelani, kwaye yabonani, ndiya koyisa phezu kwazo zonke iintshaba zam, kuba iNkosi uThixo ikuthethile.

3 Mabavuye bonke abangcwele ke ngoko, kwaye bonwabe ngokugqithisileyo; kuba auThixo kaSirayeli nguThixo wabo, kwaye uya kwabela ngokuphandle imbuyekezo elungileyo yomvuzo phezu kweentloko zabo bonke abacinezeli.

4 Kwaye kwakhona, inene itsho njalo iNkosi: Umsebenzi wam awetempile, nayo yonke imisebenzi endininyulele yona, mayiqhubekeke kwaye ingemi; kwaye binkuthalo yenu nenzondelelo yenu, nomonde, nemisebenzi yenu maziphindaphindeke, kwaye aniyi kuphulukana nomvuzo wenu nangayiphi na indlela, itsho iNkosi yeMikhosi. Kwaye ukuba cbatshutshisa nina, njalo batshutshisa abaprofeti nabantu abalungileyo ababephambi kwenu. Ngenxa yako konke oku kukho umvuzo ezulwini.

5 Kwaye kwakhona, ndininika ilizwi elinxulumene anobhaptizelo blwabafileyo.

6 Inene, itsho njalo iNkosi kuni ngokunxulumene nabafileyo benu: Xa nobanina abangabenu abebhaptizelwa abafileyo benu, makubekho bumrekhodi, kwaye mvumeleni abe lingqina elibonayo lobhaptizo lwenu; makeve ngeendlebe zakhe, ukuze abe nokungqina okwenyaniso, itsho iNkosi;

7 Ukuze kuzo zonke iirekhodi zibe nokuba azirekhodiwe ezulwini; nakuphina bokubotshwe emhlabeni, makube kubotshiwe ezulwini; nakuphina okukhululweyo emhlabeni, makube kukhululwe ezulwini;

8 Kuba sendiza akubuyisela izinto ezininzi emhlabeni, eziphathelele bkububingeleli, itsho iNkosi yeMikhosi.

9 Kwaye kwakhona, zonke aiimbali mazibe selucwangcweni, ukuze zibe nokubekwa koovimba betempile yam engcwele, zigcinelwe kwiinkumbulo ukusuka kwisizukulwana kuye kwisizukulwana, itsho iNkosi yeMikhosi.

10 Ndiya kuthi kubo bonke abangcwele, ndanqwenela, ngomnqweno omkhulu ngokugqithisileyo, ukuthetha nabo eqongeni kwisihloko sobhaptizelo lwabafileyo, ngeSabatha elandelayo. Kodwa njengokuba kungaphandle kwamandla am ukwenza njalo, ndiya kulibhala ilizwi leNkosi amaxesha ngamaxesha, kweso sihloko, kwaye ndilithumele kuni ngeposi, ngokunjalo ngamanye amaxesha amaninzi.

11 Ngoku ndivala incwadi yam okwa kaloku, ngenxa yokufuna ixesha elingaphezulu; kuba utshaba luthe qwa, nanjengokuba uMsindisi watshoyo, ainkosana yeli hlabathi liyeza, kodwa alinanto kum.

12 Qaphelani, umthandazo wam kuThixo ngowokuba nonke nibe nokusindiswa. Kwaye ndibophelela isiqu sam sicaka senu eNkosini, umprofeti anemboni yeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.

Joseph Smith.