Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 124


Icandelo 124

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti, eNauvoo, eIllinois, Januwari 19, 1841. Ngenxa yeentshutshiso ezandayo neendlela ezingekho mthethweni ezichasene nabo zisenziwa ngamagosa kawonke-wonke, abaNgcwele babanokunyanzeleka bemke eMissouri. Umyalelo otshabalalisayo wanikwa nguLilburn W. Boggs, irhuluneli yaseMissouri, ibhalwe umhla Oktobha 27, 1838, wabashiya bengenandlela yimbi. Ngowe-1841, xa esi sityhilelo sasinikwa, isixeko saseNauvoo, esime kwisiza selali yangaphambili yeCommerce, eIllinois, sasakhiwe ngabaNgcwele, kwaye apha kwakusekwe ikomkhulu leBandla.

1–14, UJoseph Smith uyalelwa ekubeni enze isibhengezo esindilisekileyo sevangeli esiya kumongameli waMazwe oMdibaniso, iirhuluneli, nabalawuli bazo zonke izizwe; 15–21, UHyrum Smith, uDavid W. Patten, uJoseph Smith Omkhulu, nabanye abaphakathi kwabaphilileyo nabafileyo basikelelwe ngenxa yemfezeko nesidima sabo; 22–28, AbaNgcwele bayalelwa ekwakheni zombini indlu yokonwabisa abahambi netempile eNauvoo; 29–36, Ubhaptizelo lwabafileyo lwenziwa ezitempileni; 37–44, Abantu beNkosi soloko besakha iitempile besenzela imimiselo engcwele; 45–55, AbaNgcwele baxolelwa ekwakheni itempile eJackson Khawunti ngenxa yengcinezelo yeentshaba zabo; 56–83, Izalathiso ziyanikwa zokwakha iNauvoo House; 84–96, UHyrum Smith ubizelwa ukuba ngusolusapho, afumane izitshixo, aze eme endaweni kaOliver Cowdery; 97–122, UWilliam Law nabanye bayacetyiswa emisebenzini yabo; 123–145, Amagosa jikelele nawasekhaya ayathiywa, ngokuhamba kunye nemisebenzi yawo neemanyano zekhoram.

1 Inene, itsho njalo iNkosi kuwe, sicaka sam Joseph Smith, ndikholisiwe ngumnikelo wakho nemibulelo, othe wayenza; kuba ukuza kule ndawo ndithe ndakunyusa, ukuze ndibe nokubonakalisa ngaphambili ubulumko bam angezinto ezibuthathaka zomhlaba.

2 Imithandazo yakho yamkelekile phambi kwam; kwaye ekuphenduleni yona ndithi kuwe, okokuba ngoku ubizelwe ukwenza ngokukhawuleza isibhengezo esindilisekileyo sevangeli yam, nesesi asiteyki endisityalele ekubeni lilitye lembombo leZiyon, eliya kumenyezeliswa ngocikizeko olunomfuziselo webhotwe.

3 Esi sibhengezo siya kwenziwa kubo bonke aookumkani behlabathi, kwiimbombo zone zawo, kumongameli obekekileyo owonyuliweyo, neerhuluneli ezineengqondo eziphakamileyo zesizwe ohlala kuso, nakuzo zonke izizwe zomhlaba ezisasazwe ngaphesheya.

4 Masibhalwe emoyeni awobulali nangamandla oMoya oyiNgcwele, oya kuba kuwe ngexesha lokubhala okukwanjalo;

5 Kuba kuya kunikwa wena ngoMoya oyiNgcwele ukwazi intando yam ngokunxulumene nezoo kumkani nabasemagunyeni, nkqu oko kuya kubahlela kwixesha elizayo.

6 Kuba, qaphelani, sendiza kubabiza banike inyameko ekukhanyeni nasebuqaqawulini beZiyon, kuba ixesha elixeliweyo lifikile lokuyithanda.

7 Ke ngoko, biza wena, phezu kwabo ngesibhengezo esikhulu, nangobungqina bakho, ungaboyiki, kuba abanjengengca, nabo bonke ubuqaqawuli babo bunjengentyatyambo yayo ewa ngokukhawuleza, ukuze babe nokushiywa kanjalo ngaphandle kwesizathu—

8 Nokokuba ndibe nokubahambela ngemini yokundwendwela, xa ndiya kutyhila ubuso besigqumathelo sam, ndinyule inxenye yabacinezeli phakathi kwabahanahanisi, apho kukho aukutshixiza kwamazinyo, ukuba bayazala izicaka zam nobungqina bam endibutyhile kubo.

9 Kwaye kwakhona, ndiya kunindwendwela ndize ndithambise iintliziyo zenu, ndizilungiselele abaninzi benu, ukuze nibe nokufumana ubabalo emehlweni abo, ukuze babe nokuza akukukhanya kwenyaniso, kwaye iiNtlanga zize kuphakanyiso okanye unyuselo phezulu lweZiyon.

10 Kuba imini yondwendwelo lwam iza kamsinya, angelixa eningalikhumbuleliyo; kwaye luya kubaphina ukhuseleko lwabantu bam, negwiba labo eliya kusalela bona?

11 Vukani, Owu zikumkani zomhlaba! Yizani, Owu, yizani, negolide yenu nesilivere yenu, ekuncedeni abantu bam, endlwini yeentombi zeZiyon.

12 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuwe, vumela isicaka sam uRobert B. Thompson akuncedise ekubhaleni esi sibhengezo, kuba ndikholiwe nguye, nokokuba umele ukuba kunye nawe;

13 Ke ngoko, makamamele icebiso lakho, kwaye ndiya kumsikelela ngeentsikelelo eziphindaphindiweyo; makathembeke kwaye anyaniseke ezintweni zonke ukususela ngoku kuye phambili, kwaye uya kuba mkhulu emehlweni am;

14 Kodwa makakhumbule ukuba aubugosa bakhe ndiya kubufuna ezandleni zakhe.

15 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuwe, sisikelelekile isicaka sam auHyrum Smith; kuba mna, iNkosi, ndiyamthanda ngenxa byemfezeko yentliziyo yakhe, nangenxa yokuba uthanda oko kulungileyo phambi kwam, itsho iNkosi.

16 Kwakhona, vumelani isicaka sam uJohn C. Bennett akuncedise emsebenzini wakho ekuthumeleni ilizwi lam kookumkani nabantu bomhlaba, aze eme ngakuwe, nkqu wena sicaka sam Joseph Smith, kwilixa lembandezelo; kwaye umvuzo wakhe awusayi kusilela ukuba ufumana aicebiso.

17 Kwaye ngenxa yothando lwakhe uya kuba mkhulu, kuba uya kuba ngowam ukuba wenza oku, itsho iNkosi. Ndiwubonile umsebenzi athe wawenza, endiwamkelayo ukuba uyaqhubekeka, kwaye ndiya kumthwesa ngeentsikelelo nobuqaqawuli obukhulu.

18 Kwaye kwakhona, ndithi kuwe okokuba yintando yam ukuba isicaka sam uLyman Wight aqhubekeke ekushumayeleleni iZiyon, ekumoya wobulali, endivuma phambi kwehlabathi; kwaye ndiya kumthwalela phezulu njengokungathi uphezu akwamaphiko eenkozi; kwaye uya kuzifumanela uzuko nembeko nasegameni lam.

19 Ukuze xa eya kugqiba umsebenzi wakhe ndibe nokumamkela esiqwini sam, nkqu njengoko ndenzayo kwisicaka sam auDavid Patten, okunye nam ngeli xesha, kananjalo nesicaka sam buEdward Partridge, kananjalo nesicaka sam esalupheleyo cuJoseph Smith, Omkhulu, ohleli kunye dnoAbraham ekunene kwakhe, kwaye usikelelekile kwaye engcwele, kuba ungowam.

20 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuwe isicaka sam uGeorge Miller asinayo ainkohliso; unokuthenjwa ngenxa yemfezeko yentliziyo yakhe; nangenxa yothando analo kubungqina bam mna, iNkosi, ndiyamthanda.

21 Ke ngoko ndithi kuwe, nditywinela phezu kwentloko yakhe iofisi ayobubhishophu, njengakwisicaka sam uEdward Partridge, ukuze abe nokufumana ungcwaliselo lwendlu yam, ukuze abe nokunika iintsikelelo phezu kweentloko zabahlwempekileyo babantu bam, itsho iNkosi. Makungabikho mntu ucekisa isicaka sam uGeorge, kuba uya kundibeka.

22 Vumela isicaka sam uGeorge, nesicaka sam uLyman, nesicaka sam uJohn Snider, nabanye, abakhele indlu egameni lam, njengoko kanye isicaka sam uJoseph eya kubabonisa, phezu kwendawo kanjalo aya kubabonisa yona.

23 Kwaye iya kuba yindlu yokuhlalisa, indlu abantu basemzini abanokuza bevela kude bahlale kuyo; ke ngoko yenzeni ibe yindlu elungileyo, efanele bonke abamkelwayo, ukuze aumhambi odiniweyo abe nokufumana impilo nokhuseleko ngexesha aya kucinga ngelizwi leNkosi; bnelitye lembombo endilanyulele iZiyon.

24 Le ndlu iya kuba yindawo yokuhlala yempilo ukuba yakhelwe egameni lam, nokokuba irhuluneli eya kunyulelwa kuyo ayisayi kuyekela ungcoliseko kuyo. Iya kuba ngcwele, okanye iNkosi uThixo wakho akayi kuhlala kuyo.

25 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuwe, vumela bonke abangcwele beze bevela kude.

26 Kwaye thumela abathunywa abakhawulezileyo, ewe, abathunywa abakhethiweyo, uze uthi kubo: Yizani, negolide yenu yonke, nesilivere yenu, namatye enu axabisekileyo, nesisalela senu sakudala; nabo banolwazi ngezisalela zakudala, abo baya kuza, babe nokuza, baze bazise umthi-bhokisi, nomthi wepayine oluhlobo oluthile, nomthi wompayine, kunye nayo yonke imithi exabisekileyo yomhlaba;

27 Kwakunye nentsimbi, nekopa, nobhedu, nezinki, kwanazo zonke izinto zenu ezixabisekileyo zomhlaba; nize nakhele aindlu egameni lam, ukuze oPhezu Konke bahlale kuyo.

28 Kuba akukho ndawo ifunyanwayo emhlabeni anokuza kuyo ukuze abe anokubuyisela kwakhona oko kwakulahleke kuni, okanye oko athe wakuhlutha, nkqu ukuzaliseka kobubingeleli.

29 Kuba akukho qula alokubhaptizela elikhoyo phezu komhlaba, ukuze bona, abangcwele bam, babe bnokubhaptizela abo bafileyo—

30 Kuba lo mmiselo ungowendlu yam, kwaye awunako ukwamkeleka kum, kuphela kwimihla yobuhlwempu benu, kubo aninako ukwakhela indlu kum.

31 Kodwa ndiyanilela, nonke bangcwele bam, aekwakheleni indlu kum; kwaye ndinikela kuni ixesha elaneleyo lokwakhela indlu kum; kwaye ngeli xesha ubhaptizo lwenu luya kwamkeleka kum.

32 Kodwa qaphela, ekupheleni kwesi sigqibo ubhaptizelo lwenu lwabafileyo aluyi kwamkeleka kum; kwaye ukuba anizenzi ezi zinto ekupheleni kwesigqibo aniyi kwamkelwa njengebandla, kunye nabafileyo benu, itsho iNkosi uThixo wenu.

33 Kuba inene ndithi kuni, emva kokuba nithe nanexesha eloneleyo lokwakhela indlu kum, ummiselo wobhaptizelo lwabafileyo ungowayo, nangenxa yoko okukwanjalo kwamiswa ukususela phambi kwesiseko sehlabathi, ubhaptizelo lwenu lwabafileyo alunako ukwamkeleka kum;

34 Kuba kuyo aizitshixo zobubingeleli obungcwele zamiselwa, ukuze nibe nokufumana imbeko nobuqaqawuli.

35 Kwaye emva kweli xesha, ubhaptizelo lwenu lwabafileyo, ngabo basasazwe ngaphesheya, alwamkelekanga kum, itsho iNkosi.

36 Kuba kumiselwe okokuba eZiyon, nakwiziteyki zayo, naseYerusalem, ezo ndawo ndizinyulele ukuba zibe ayindawo yokuzimela, ziya kuba ziindawo zobhaptizelo lwenu lwabafileyo.

37 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, aukuzihlamba kwenu kuya kwamkeleka njani kum, ngaphandle kokuba nikwenza endlwini eniyakhele egameni lam?

38 Kuba, ngale njongo ndayalela uMoses okokuba umele ukwakha aumnquba, ukuze bawuthwale kunye nabo entlango, baze bakhe bindlu kwilizwe lesithembiso, ukuze loo mimiselo ibe nokutyhilwa ebithe yafihlwa ukususela phambi kokuba ihlabathi libekho.

39 Ke ngoko, inene ndithi kuni, okokuba authanjiso lwenu, nentlambululo yenu, bnobhaptizelo lwenu lwabafileyo, cneentlanganiso zenu ezindilisekileyo, nezikhumbuzo zenu dzamadini enu enziwa ngoonyana bakaLevi, nangenxa yeempendulo ezinyulu kwezona endawo zenu zingcwele apho kuzo enifumana iincoko, nemithetho yenu nezigwebo, zokuqalisa kwezityhilelo nesiseko seZiyon, nangenxa yobuqaqawuli, imbeko, nomnikelo wazo zonke iidolophu zayo, zimiselwe ngommiselo wendlu yam engcwele, abantu bam abasoloko beyalelwa ekuyakheleni egameni lam elingcwele.

40 Kwaye inene ndithi kum, le ndlu mayakhelwe egameni lam, ukuze ndibe nokutyhila kuyo imimiselo ebantwini bam;

41 Kuba ndibona kufanelekile aukutyhila ebandleni lam izinto ebezigcinwe bzifihliwe ukususela phambi kwesiseko sehlabathi, izinto eziphathelele cexesheni lokuzihlanganisela lenzaliseko yamaxesha.

42 Kwaye andiya kubonisa kwisicaka sam uJoseph zonke izinto eziphathelele kule ndlu, nobubingeleli bayo, nendawo eya kwakhiwa kuyo.

43 Kwaye niya kuyakha endaweni apho eniyicingele ukuyakhela khona, kuba leyo yindawo endithe ndayikhethela nina ekubeni niyakhe.

44 Ukuba nisebenza ngamandlakazi enu onke, ndiya kuyingcwalisa loo ndawo ukuze ibe iya kwenziwa angcwele.

45 Kwaye ukuba abantu bam baya kuphulaphula ilizwi lam, naselizwini alezicaka zam endizonyulileyo ekukhokeleni abantu bam, qaphelani, inene ndithi kuni, abayi kukhutshelwa ngaphandle endaweni yabo.

46 Kodwa ukuba abayi kuphulaphula ilizwi lam, nokuba lilizwi laba bantu endibonyulileyo, abayi kusikelelwa, ngenxa yokuba bangcolisa umhlaba wam ongcwele, nemimiselo yam engcwele, namaphepha amalungelo, namazwi am angcwele endiwanike bona.

47 Kwaye kuya kwenzeka okokuba xa nakhela indlu egameni lam, nize ningazenzi izinto endizithethayo, andiyi kusenza aisifungo endisenze kuni, ndingazalisekisi nokuzalisekisa izithembiso enizilindele ezandleni zam, itsho iNkosi.

48 Kuba aendaweni yeentsikelelo, nina, ngemisebenzi yenu, nizisa iziqalekiso, umsindo, ingqumbo, nezigwebo phezu kweentloko ezizezenu, ngobuyatha benu, nangawo onke amasikizi enu, eniwenzayo phambi kwam, itsho iNkosi.

49 Inene, inene, ndithi kuni okokuba xa ndinika umyalelo nakubaphi na oonyana babantu benze umsebenzi egameni lam, kwaye abo nyana babantu bahamba ngamandlakazi abo onke nangako konke abanako ukwenza loo msebenzi, baze bangaphezi akwinkuthalo yabo, zize iintshaba zabo zize phezu kwabo kwaye zibathintele ekwenzeni loo msebenzi, qaphelani, kundifanele bukungawufuni loo msebenzi kwakhona ezandleni zabo nyana babantu, kodwa ndamkele okweminikelo yabo.

50 Kwaye ububi nolwaphulo lwemithetho yam engcwele nemiyalelo ndiya akuzibeka phezu kweentloko zabo bathintela umsebenzi wam, ukuya kwesesithathu nakwesesine bisizukulwana, njengokuba cbengaguquki, kwaye bendithiyile, itsho iNkosi uThixo.

51 Ke ngoko, ngenxa yale njongo ndiyamkele iminikelo yabo endibayalele ukwakhela isixeko anendlu egameni lam, beJackson khawunti, eMissouri, kwaye babethintelwe ziintshaba zabo, itsho iNkosi uThixo wenu.

52 Kwaye ndiya kuphendulela aisigwebo, umsindo, nengqumbo, isijwili, nentuthumbo nokutshixiza kwamazinyo phezu kweentloko, ukususela kwesesithathu nakwesesine isizukulwana njengokuba bengaguquki, kwaye bendithiyile, itsho iNkosi uThixo wenu.

53 Kwaye ngoku ndenza umzekelo kuni, kuba intuthuzelo yenu ngokunxulumene nabo bonke abo babeyalelwe ukwenza umsebenzi kwaye babethintelwe ngezandla zeentshaba zabo, nangengcinezelo, itsho iNkosi uThixo wenu.

54 Kuba ndiyiNkosi uThixo wenu, kwaye ndiya kusindisa bonke abo babazalwana benu aababehlambuluke iintliziyo, kwaye bbabebulewe emhlabeni waseMissouri, itsho iNkosi.

55 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ndiniyalela kwakhona ekwakheni aindlu egameni lam, nkqu kule ndawo, ukuze nibe bnokubonakalisa iziqu zenu kum okokuba nithembekile kuzo zonke izinto naziphina endiniyalela zona, ukuze ndibe nokunisikelela, ndize ndinithwese ngembeko, ukungafi, nobomi obungunaphakade.

56 Kwaye ngoku ndithi kuni, ngokuphathelele aendlwini yokubhoda endiniyalele ukuyakhela abahambi ababhodayo, mayakhelwe egameni lam, kwaye mayithiywe ngegama lam, kwaye isicaka sam uJoseph nendlu yaso masibe nendawo kuyo, ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana.

57 Kuba olu thanjiso ndilubeke phezu kwentloko yakhe, kuba kanjalo iintsikelelo zakhe ziya kubekwa phezu kwentloko yesizukulwana sakhe emva kwakhe.

58 Kwaye njengokuba ndatshoyo akuAbraham ngokunxulumene nezalamane zomhlaba, nkqu ngokunjalo ndithi kwisicaka sam uJoseph: Kuwe bnakwimbewu yakho izalamane zomhlaba ziya kusikelelwa.

59 Ke ngoko, isicaka sam uJoseph nembewu yaso emva kwakhe mababe nendawo kuloo ndlu, ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana, ngonaphakade kanaphakade, itsho iNkosi.

60 Kwaye igama laloo ndlu makuthiwe yiNauvoo House; kwaye mayibe yindawo yokuhlala yabantu echwayitisayo, nendawo yokuphumla yomhambi odiniweyo, ukuze abe nokucinga ngobuqaqawuli beZiyon, nobuqaqawuli boku, ilitye eliyimbombo yayo;

61 Ukuze abe nokufumana kanjalo icebiso elivela kwabo endibenze baba anjengezityalo zodumo, bnanjengabalindi phezu kweendonga zayo.

62 Qaphelani, inene ndithi kuni, vumelani isicaka sam uGeorge Miller, nesicaka sam uLyman Wight, nesicaka sam uJohn Snider, nesicaka sam uPeter Haws, balungise iziqu zabo, kwaye bonyule omnye wabo abe ngumongameli phezu kwekhoram yabo ngenxa yenjongo yokwakha loo ndlu.

63 Kwaye baya kwenza umgaqo-siseko, ngawo abamele ukufumana isitokhwe sokwakha loo ndlu.

64 Kwaye abasayi kufumana nganeno kunamashumi amahlanu eedola ngesabelo sesitokwe kuloo ndlu, kwaye baya kuvumeleka ekufumaneni iidola ezingamawaka alishumi elinesihlanu kuye nawuphina umntu omnye ngesitokhwe kuloo ndlu.

65 Kodwa abasayi kuvunyelwa bafumana ngaphezu kwamawaka alishumi elinesihlanu esitokhwe seedola sivela kuye nawuphina umntu omnye.

66 Kwaye abasayi kuvunyelwa bafumane ngaphantsi kweedola ezingamashumi amahlanu ngesabelo sesitokhwe esivela kuye nawuphina umntu omnye kuloo ndlu.

67 Kwaye abasayi kuvunyelwa bafumane nawuphina umntu, njengomnini-stokwe kule ndlu, ngaphandle kokuba onjalo abe uya kuhlawula isitokwe sakhe ezandleni zabo ngexesha afumana isitokhwe;

68 Kwaye kwixabiso lesahlulo lesitokhwe asihlawula ezandleni zabo uya kufumana isitokhwe kuloo ndlu; kodwa ukuba akahlawuli nto ezandleni zabo akasayi kufumana nasiphina isitokhwe kuloo ndlu.

69 Kwaye ukuba ubani uhlawula isitokhwe ezandleni zabo kuya kuba kokwesitokhwe kuloo ndlu, esenzela isiqu sakhe, nesizukulwana sakhe emva kwakhe, ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana, njengokuba yena neendlalifa zakhe beya kugcina eso sitokhwe, baze bangasithengisi okanye basihambise siphume ezandleni zabo ngentando nokwenza okukokwabo okukhululekileyo, ukuba niya kwenza intando yam, itsho iNkosi uThixo wenu.

70 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ukuba isicaka sam uGeorge Miller, nesicaka sam uLyman Wight, nesicaka sam uJohn Snider, nesicaka sam uPeter Haws, zifumana nasiphina isitokhwe ezandleni zazo, ngeemali, okanye ngeepropathi zazo zifumana ixabiso elililo leemali, azisayi kuthabatha njengembophelelo nasiphina isabelo seso sitokhwe zisenzela nayiphina enye injongo, ekuphela esendlwini leyo.

71 Kwaye ukuba bazithabathela nasiphina isabelo seso sitokhwe naphina, ekuphela esisendlwini leyo, ngaphandle kwemvume yomnini-sitokhwe, baze bangahlawuli sitokhwe ukubuyekeza ngokuphindwe kane abazithabathele naphina, ekuphela esisendlwini leyo, baya kuqalekiswa, kwaye baya kukhutshelwa ngaphandle kwendawo yabo, itsho iNkosi uThixo; kuba mna, iNkosi, ndinguThixo, kwaye aandinakukhohliswa kuzo naziphina ezezi zinto.

72 Inene ndithi kuni, vumelani isicaka sam uJoseph ahlawulele isitokhwe ezandleni zabo sesakhiwo saloo ndlu, njengoko kubonakala kuye kulungile; kodwa isicaka sam uJoseph asinako ukuhlawula ngaphezu kwamawaka alishumi elinesihlanu esitokhwe seedola kuloo ndlu, nokokuba kungaphantsi kwamashumi amahlanu eedola; ingenguye nawuphina umntu onako, itsho iNkosi.

73 Kwaye kanjalo kukho abanye abanqwenela ukwazi intando yam ngokunxulumene nabo, kuba bakucelile oko ezandleni zam.

74 Ke ngoko, ndithi kuni ngokunxulumene nesicaka sam uVinson Knight, ukuba uya kwenza intando yam makabekele isitokhwe isiqu sakhe endlwini yam, ebekela isizukulwana sakhe nasemva kwakhe, ukusuka kwisizukulwana kuye kwisizukulwana.

75 Kwaye mvumeleni aphakamisele phezulu ilizwi lakhe ithuba elide ekhwaza, phakathi kwabantu, aecelela injongo yamahlwempu nabasweleyo; aze angasileli engayekeli, nantliziyo yakhe ityhafe; kwaye ndiya bkuyamkela iminikelo yakhe; kuba azisayi kuba njengeminikelo kaKayin kum; kuba uya kuba ngowam, itsho iNkosi.

76 Usapho lwakhe malugcobe luze lumkise iintliziyo zalo kwimbandezelo; kuba ndinikhethile ndaza ndamthambisa, kwaye uya kuhlonitshwa phakathi endlwini yakhe, kuba ndiya kumxolela zonke izono zakhe, itsho iNkosi. Amen.

77 Inene ndithi kuni, vumelani isicaka sam uHyrum abeke isitokhwe kuyo laa ndlu njengoko kubonakala kumlungele, abekele isiqu sakhe nesizukulwana sakhe emva kwakhe, ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana.

78 Vumelani isicaka sam uIsaac Galland abeke isitokhwe kuyo loo ndlu; kuba mna, iNkosi, ndimthanda ngenxa yomsebenzi awenzileyo, kwaye ndiya kumxolela zonke izono zakhe; ke ngoko, makakhunjulwe ngenxa yenzala kuloo ndlu ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana.

79 Vumelani isicaka sam uIsaac Galland onyulwe phakathi kwenu, aze amiselwe sisicaka sam uWilliam Marks, aze asikelelwe nguye, ahambe nesicaka sam uHyrum ekuphumeleliseni umsebenzi isicaka sam uJoseph aya kuwazisa kubo, kwaye baya kusikelelwa kakhulu.

80 Vumelani isicaka sam uWilliam Marks ahlawule isitokhwe kuyo loo ndlu, njengoko kubonakala kumlungele, ahlawulele isiqu sakhe nesizukulwana sakhe, ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana.

81 Vumelani isicaka sam uHenry G. Sherwood ahlawulele isiqu sakhe isitokhwe kuyo loo ndlu, njengoko kubonakala kumlungele, yena nembewu yakhe emva kwakhe, ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana.

82 Vumelani isicaka sam uWilliam Law ahlawulele isiqu sakhe isitokhwe kuyo loo ndlu, nembewu yakhe emva kwakhe, ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana.

83 Ukuba uya kwenza intando yam makangathabathi usapho lwakhe ukuya kumazwe asempumalanga, nkqu ukuya eKirtland; nangona kunjalo, mna, iNkosi, ndiya kwakha iKirtland, kodwa mna, iNkosi, ndinesibetho endisilungiselele abemi bayo.

84 Kwaye ngokunxulumene nesicaka sam uAlmon Babbitt, kukho izinto ezininzi endingakholisekanga zizo; qaphelani, uphembelela ukumisa icebiso lakhe endaweni yecebiso endilimiseleyo, nkqu elo loBumongameli beBandla lam; kwaye wenze aithole legolide libe sisinqulo sabantu bam.

85 Makungabikho mntu auhamba ukusuka kule ndawo obeze apha efuna ukugcina imiyalelo yam.

86 Ukuba bahlala apha mabahlale kum; kwaye ukuba bayafa mabafele kum; kuba baya akuphumla kuyo yonke imisebenzi yabo apha, kwaye baya kuqhubeka emisebenzini yabo.

87 Ke ngoko, vumelani isicaka sam uWilliam abeke ithemba lakhe kum, kwaye ayeke ukoyika ngokunxulumene nosapho lwakhe, ngenxa yesifo selizwe. Ukuba aniyandithanda, gcinani imiyalelo yam; kwaye isifo selizwe siya bkunceda eluzukweni lwakho.

88 Vumelani isicaka sam uWilliam ahambe aze abhengeze ivangeli yam yanaphakade ngelizwi elikhulu, nangovuyo olukhulu, njengoko aya kushukunyiswa anguMoya wam, kubo abemi baseWarsaw, kananjalo kubemi baseCarthage, kananjalo kubemi baseBurlington, kananjalo kubemi baseMadison, aze alinde ngomonde nangenkuthalo imiyalelo engaphezu koko kwinkomfa yam jikelele, itsho iNkosi.

89 Ukuba uya kwenza intando yam makaphulaphule ukususela ngoku kuye phambili ingcebiso yesicaka sam uJoseph, kwaye ngenzala yakhe axhase ainjongo yamahlwempu, aze bapapashe uguqulelo olutsha lwelizwi lam elingcwele kubemi bomhlaba.

90 Kwaye ukuba uya kukwenza oku ndiya akumsikelela ngeentsikelelo eziphinda-phindiweyo, kuba akayi kushiywa, ingenakufunyanwa imbewu yakhe bingqiba isonka.

91 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, isicaka sam uWilliam masonyulwe, simiselwe, size sithanjiswe, njengomcebisi kwisicaka sam uJoseph, egumbini lesicaka sam uHyrum, ukuze isicaka sam uHyrum sibe nokuthabatha iofisi yoBubingeleli anobuSolusapho, ebinyulelwe yena nguyise, ngentsikelelo kananjalo ngelungelo;

92 Kuba ukususela ngoku kuye phambili uya kuphatha izitshixo azeentsikelelo zikasolusapho phezu kweentloko zabo bonke abantu bam,

93 Kuba nabani na amsikelelayo uya kusikelelwa, kwaye nabani na aamqalekisayo uya kuqalekiswa; kuba nantoni na aya bkuyibopha emhlabeni iya kubotshwa ezulwini; kwaye nantoni na aya kuyikhulula emhlabeni iya kukhululwa ezulwini.

94 Kwaye ukususela kweli xesha kuye phambili ndimnyulela okokuba abe ngumprofeti, anemboni, nomtyhili ebandleni lam, kanye njengesicaka sam uJoseph;

95 Ukuze abe nokusebenza ngamxhelomnye kanjalo nesicaka sam uJoseph; nokokuba uya kufumana ingcebiso kwisicaka sam uJoseph, oya kumbonisa aizitshixo anokucela ngazo aze afumane, aze athweswe ngentsikelelo efanayo, nozuko, nembeko, nobubingeleli, neziphiwo zobubingeleli, ezo zakha zabekwe phezu kwakhe lowo wayesisicaka sam buOliver Cowdery;

96 Ukuze isicaka sam uHyrum sibe nokunika ubungqina bezinto endiya kumbonisa zona, ukuze igama lakhe libe nokukhunjulwa ngokuhloniphekileyo ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana, ngonaphakade kanaphakade.

97 Vumelani isicaka sam uWilliam Law kanjalo afumane izitshixo anokucela aze afumane iintsikelelo ngazo; amakathobeke phambi kwam, angabi bnankohliso, kwaye uya kufumana okoMoya wam, nkqu cuMonwabisi, oya kubonakalisa kuye inyaniso yazo zonke izinto, kwaye uya kumnika, ngelixa kanye, oko aya kukuthetha.

98 Kwaye le amiqondiso iya kumlandela—uya bkuphilisa imilwelwe, uya kukhupha oomtyholi, kwaye uya kukhululwa kwabo baya kumnika ityhefu ebulalayo;

99 Kwaye uya kukhokelelwa ezindleleni apho ainyoka enetyhefu ingenako ukubamba isithende sakhe, kwaye uya kunyukela phezulu bkwingqikelelo yeengcinga zakhe njengaphezu kwamaphiko eenkozi.

100 Kwaye angathini ukuba ndingathi okokuba umele ukuvusa abafileyo, makangalivimbi ilizwi lakhe.

101 Ke ngoko, isicaka sam uWilliam masikhwaze kakhulu singoyikiseli, ngovuyo nangokuzivuyisa, nangohosana kuye ohleli phezu kwetrone ngonaphakade kanaphakade, itsho iNkosi uThixo wenu.

102 Qaphelani, ndithi kuni, ndinomsebenzi ogcinelwe isicaka sam uWilliam, nesicaka sam uHyrum, nabo bodwa; kwaye isicaka sam uJoseph masihlale ekhaya, kuba siyafuneka. Intsalela ndiya kukubonisa kwixesha elizayo. Nkqu kunjalo. Amen.

103 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ukuba isicaka sam auSidney siya kundisebenzela kwaye sibe ngumcebisi kwisicaka sam uJoseph, masiphakame kwaye sinyuke size sime kwiofisi yobizo lwaso, size sizithobe phambi kwam.

104 Kwaye ukuba siya kunikela kum umnikelo owamkelekileyo, neemvume, size sihlale kunye nabantu bam, qaphelani, mna, iNkosi uThixo yaso, ndiya kusiphilisa kuba siya kuphiliswa; kwaye siya kuphakamisela phezulu ilizwi laso kwakhona ezintabeni, size sibe angumthetheli phambi kobuso bam.

105 Sivumeleni size simise usapho lwaso ebumelwaneni balapho isicaka sam uJoseph sihlala khona.

106 Kwaye kuzo zonke iihambo zaso masiphakamisele phezulu ilizwi laso njengokungathi sisandi sexilongo, size silumkise abemi bomhlaba babaleke umsindo ozayo.

107 Masincedise isicaka sam uJoseph, kananjalo isicaka sam uWilliam Law sincedise isicaka sam uJoseph, ekwenzeni aisibhengezo esindilisekileyo kwizikumkani zomhlaba, nkqu njengoko nditshilo kuni.

108 Ukuba isicaka sam uSidney siya kwenza intando yam, masingalususi usapho lwaso akumazwe asempumalanga, kodwa sivumeleni sitshintshe indawo yabo yokuhlala, nkqu njengoko nditshilo.

109 Qaphelani, asiyiyo intando yam ukuba siya kufuna ukufumana ukhuseleko negwiba ngaphandle kwesixeko endisonyulele nina, nkqu isixeko asaseNauvoo.

110 Inene ndithi kuni, nkqu ngoku, ukuba siya kuphulaphula ilizwi lam, kuya kulunga kuso. Nkqu kunjalo. Amen.

111 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, isicaka sam uAmos Davies masihlawule isitokhwe ezandleni zabo ndibonyulele ukwakha indlu yokubhoda, nkqu iNauvoo House.

112 Sivumeleni senze oku ukuba siya kuba nesabelo, kwaye masiphulaphule ingcebiso yesicaka sam uJoseph, size sisebenze ngezandla ezizezakhe ukuze sibe nokuzuza ukuthenjwa ngabantu.

113 Kwaye xa siya kuzibonakalisa ukuthembeka kwesiqu saso ezintweni zonke eziya kunikelwa elugcinweni lwaso, ewe, nkqu izinto ezimbalwa, siya kwenziwa aumphathi phezu kwezininzi;

114 Ke ngoko amakathobe isiqu sakhe ukuze abe nokuphakanyiswa. Nkqu kunjalo. Amen.

115 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ukuba isicaka sam uRobert D. Foster siya kuthobela ilizwi lam, masakhele indlu isicaka sam uJoseph, ngokunxulumene nemvumelwano esiyenze kunye naye, njengoko ucango luya kuvulwa kuye amaxesha ngamaxesha.

116 Kwaye makaguquke kwiimpazamo zakhe, azinxibise authando lwenene, aze ayeke ukwenza ububi, aze abekele ecaleni zonke iintetho zakhe ezilukhuni;

117 Kwaye ahlawulele isiqu sakhe kanjalo isitokhwe ezandleni zekhoram yeNauvoo House, nesizukulwana sakhe emva kwakhe, ukususela kwisizukulwana kuye kwisizukulwana;

118 Kwaye aphulaphule ingcebiso yezicaka zam uJoseph, noHyrum, noWilliam Law, nabasemagunyeni endibabizele ukubeka isiseko seZiyon; kwaye kuya kulunga kuye ngonaphakade kanaphakade. Nkqu kunjalo. Amen.

119 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ningayekeli mntu ahlawule isitokhwe kwikhoram yeNauvoo House ngaphandle kokuba uya kuba likholwa kwiNcwadi kaMormoni, nakwizityhilelo endininike zona, itsho iNkosi uThixo wenu;

120 Kuba oko akungakumbi okanye nganeno kunoku kuvela ebubini, kwaye kuya kunyamekelwa ngeziqalekiso kwaye kungabi ngeentsikelelo, itsho iNkosi uThixo wenu. Nkqu kunjalo. Amen.

121 Kwaye kwakhona, inene ndithi kuni, ikhoram yeNauvoo House mayibe nje nemivuzo yembuyekezo yemisebenzi yayo yonke eyenze ekwakheni iNauvoo House; kwaye imivuzo yabo mayibe njengoko beya kuvumelana phakathi kweziqu zabo, njengokuphathelele kwixabiso layo.

122 Kwaye vumelani wonke umntu othenga isitokhwe ahlawule izabelo ezithile zemivuzo yabo, ukuba kuyimfuneko, ngenxa yenkxaso yabo, itsho iNkosi, ngenye indlela, imisebenzi yabo iya kubalelwa kubo yesitokhwe esikulaa ndlu. Nkqu kunjalo. Amen.

123 Inene ndithi kuni, ngoku ndininika aamagosa aseBubingelelini bam, ukuze nibe nokuphatha bizitshixo zabo, nkqu uBubingeleli obusemva kohlobo clukaMelkitsedeke, obusemva kohlobo loNyana wam oKuphela koZelweyo.

124 Okokuqala, ndininika uHyrum Smith abe angusolusapho wenu, aphathe iintsikelelo bzokutywina zebandla lam, nkqu uMoya oyiNgcwele cwesithembiso, denitywinelwa ngawo kumhla wenkululeko, ukuze ningabi nakuwa nangona eilixa lokulingwa linokuza phezu kwenu.

125 Ndininika isicaka sam uJoseph abe ngumdala owongamelyo phezu kwabo bonke ebandleni lam, abe ngumguquleli, umtyhili, aimboni, nomprofeti.

126 Ndininika isicaka sam uSidney Rigdon nesicaka sam uWilliam Law zibe ngabacebisi, ukuze aba babe nokwenza ikhoram noBumongameli boKuqala, ukufumanela aiimpendulo lonke ibandla.

127 Ndininika isicaka sam auBrigham Young abe ngumongameli phezu kwequmrhu labaLishumi elineSibini elijikelezayo;

128 aShumi elineSibini eliphethe izitshixo zokuvula igunya lobukumkani bam phezu kwembombo zone zomhlaba, kwaye emva koko blithumele ilizwi lam kuzo zonke izidalwa.

129 Elingoo Heber C. Kimball, Parley P. Pratt, Orson Pratt, Orson Hyde, William Smith, John Taylor, John E. Page, Wilford Woodruff, Willard Richards, George A. Smith;

130 aUDavid Patten bndimthabathele esiqwini sam; qaphelani, akukho mntu unokuthabatha ububingeleli bakhe kuye; kodwa, inene ndithi kuni, omnye anganokunyulelwa kubizo olufanayo.

131 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, ndininika aiqumrhu eliphezulu, libe lilitye lembombo leZiyon—

132 Abaxeliweyo, uSamuel Bent, uHenry G. Sherwood, uGeorge W. Harris, uCharles C. Rich, uThomas Grover, uNewel Knight, uDavid Dort, uDunbar Wilson—USeymour Brunson ndimthabathele esiqwini sam; akukho mntu unokuthabatha ububingeleli bakhe, kodwa omnye anganokunyulelwa kububingeleli obufanayo endaweni yakhe; kwaye inene ndithi kuni, isicaka sam uAaron Johnson makamiselwe kulo olu bizo endaweni yakhe—UDavid Fullmer, uAlpheus Cutler, uWilliam Huntington.

133 Kwaye kwakhona, ndithi kuni uDon C. Smith makabe ngumongameli phezu kwekhoram yobubingeleli obukhulu;

134 Mmiselo owenzelwe injongo yokulungiselela abo baya kunyulwa babe ngoomongameli abamileyo okanye izicaka phezu akweziteyki ezahlukeneyo ezisasazwe ngaphesheya;

135 Kwaye bamele ukujikeleza kanjalo ukuba bayafuna, kodwa bangamiselwa babe ngoomongameli abamileyo; le yiofisi yobizo lwabo, itsho iNkosi uThixo wenu.

136 Ndimnika abacebisi uAmasa Lyman noNoah Packard, ukuze babe nokongamela phezu kwekhoram yobubingeleli obukhulu bebandla lam, itsho iNkosi.

137 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, ndininika uJohn A. Hicks, uSamuel Williams, noJesse Baker, abanobubingeleli obuza kongamela phezu kwekhoram ayabadala, ikhoram eyenzelwe abefundisi abamileyo; nangona kunjalo bamiselwe, ukuba ngabefundisi abamileyo ebandleni lam, itsho iNkosi.

138 Kwaye kwakhona, ndithi kuni uJoseph Young, uJosiah Butterfield, uDaniel Miles, uHenry Herriman, uZera Pulsipher, uLevi Hancock, uJames Foster, mabongamele phezu kwekhoram ayabangamashumi asixhenxe;

139 Khoram eyenzelwe abadala abajikelezayo banike ubungqina begama lam kulo lonke ihlabathi, naphina iqumrhu eliphezulu elijikelezayo, abapostile bam, baya kubathuma batyeneneze umendo phambi kobuso bam.

140 Umahluko phakathi kwale khoram nekhoram yabadala ngowokuba enye imele ukujikeleza ngokuqhubekekayo, kwaye enye imele ukongamela phezu kwamabandla amaxesha ngamaxesha; enye inoxanduva lokongamela amaxesha ngamaxesha, enye ayinalo uxanduva lokongamela, itsho iNkosi uThixo wenu.

141 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, ndininika uVinson Knight, uSamuel H. Smith, noShadrach Roundy, ukuba baya kulwamkela, bongamele phezu akobubhishophu; ulwazi lobubhishophu obuxeliweyo nilunikiwe encwadini byeMfundiso neMinqophiso.

142 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, Samuel Rolfe nabacebisi bakho bababingeleli, nomongameli weetitshala nabacebisi bakhe, kananjalo umongameli wabadikoni nabacebisi bakhe, kananjalo umongameli westeyki nabacebisi bakhe.

143 Ezi ofisi zingentla ndizinikele nina, nezitshixo zazo, ukunceda nolawulo, umsebenzi wobufundisi anogqityeleliso lwabangcwele.

144 Kwaye ndininika umyalelo, okokuba nimele ukuzalisa zonke ezi ofisi kwaye anamkele abo bamagama endiwakhankanyileyo, okanye ngenye indlela ningawamkeli kwinkomfa yam jikelele;

145 Nokokuba nimele ukulungiselela amagumbi ezi ofisi zonke endlwini yam xa niyakhela egameni lam, itsho iNkosi uThixo wenu. Nkqu kunjalo. Amen.