Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 105


Icandelo 105

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eFishing River, Missouri, Juni 22, 1834. Phantsi kobunkokeli boMprofeti, abaNgcwele abavela eOhio nakweminye imimandla bamatshela eMissouri kwiphulo kamva elaziwa njengeNkampu yeZiyon. Injongo yabo yayikukukhapha abaNgcwele baseMissouri ababegxothiwe babuyele emihlabeni yabo eJackson Khawunti. AbaseMissouri ababethe batshutshisa ngaphambili abaNgcwele boyika impindezelo evela kwiNkampu yeZiyon baye babandulela ngokuhlasela abanye babaNgcwele ababehlala eClay Khawunti, eMissouri. Emva kokuba irhuluneli yarhoxisa isithembiso sayo sokuxhasa abaNgcwele, uJoseph Smith wafumana esi sityhilelo.

1–5, IZiyon iya kwakhiwa ngokuhambisana nomthetho weselestiyali; 6–13, Inkululeko yeZiyon iyarhoxiswa ixesha elincinane; 14–19, INkosi iya kulwa iimfazwe zeZiyon; 20–26, AbaNgcwele bamele ukulumka kwaye bangazigwagwisi ngemisebenzi enamandlakazi njengoko behlanganisana; 27–30, Imihlaba eJackson neekhawunti ezikufuphi imele ukuthengwa; 31–34, Abadala bamele ukufumana umnikelo endlwini yeNkosi eKirtland; 35–37, AbaNgcwele ababiziweyo nabakhethiweyo baya kungcwaliswa; 38–41, AbaNgcwele bamele ukuphakamisa ibhanile yoxolo ehlabathini.

1 Inene ndithi kuni abazihlanganise kunye okokuba ninokufunda intando yam ngokunxulumene nenkululeko yabantu bam ababandezelekileyo—

2 Qaphelani, ndithi kuni, ukuba ibingelulo ukreqo lwabantu bam, ndithetha ngokunxulumene nebandla kwaye ingengabo ababodwa, ngebeba bakhululiwe nkqu ngoku.

3 Kodwa qaphelani, abafundanga ukuthobeka ezintweni endizifunileyo ezandleni zabo, kodwa bazele lonke uhlobo lobubi, kwaye abagqithisi okwezinto zabo, njengoko beba ngabangcwele, kumahlwempu nababandezelekileyo phakathi kwabo;

4 Kwaye abamanyenanga ngokunxulumene nomanyano olufunwa ngumthetho wobukumkani beselestiyali;

5 Kwaye iZiyon ayinako ukwakhiwa ngaphandle kokuba kungomgaqo womthetho wobukumkani beselestiyali; ngenye indlela andinako ukuyamkelela kum.

6 Kwaye abantu bam bamele ukohlwaywa bade bafunde intobeko, ukuba kunyanzelekile kube njalo, ngezinto ababandezeleke zizo.

7 Andithethi ngokunxulumene nabo banyulelwe ukukhokela abantu bam, abangabadala bokuqala bebandla lam, kuba abakho bonke phantsi kwesi sigwebo;

8 Kodwa ndithetha ngokunxulumene namabandla angaphesheya—kukho abaninzi abaya kuthi: Uphi uThixo wabo? Qaphelani, uya kubakhulula ngexesha lenkathazo, ngenye indlela asisayi kunyukela eZiyon, kwaye siya kugcina iimali zethu.

9 Ke ngoko, ngesiphumo sezikreqo zabantu bam, kufanelekile kum okokuba abadala bam balindele inkululeko yeZiyon ixesha elincinane—

10 Ukuze bona ngokwabo babe nokuzilungiselela, nokokuba abantu bam babe nokufundiswa ngakumbi ngokugqibeleleyo, kwaye babe namava, baze bazi ngokugqibeleleyo ngakumbi ngokunxulumene nomsebenzi wabo, nezinto endizifuna ezandleni zabo.

11 Kwaye oku akunako ukwenziwa bade abadala baphiwe amandla avela phezulu.

12 Kuba qaphelani, ndilungise isipho esikhulu nentsikelelo zize zithululelwe phezu kwabo, njengokuba beya kuthembeka baze baqhubekeke ekuthobekeni phambi kwam.

13 Ke ngoko kufanelekile kum okokuba abadala bam balindele ixesha elincinane, inkululeko yeZiyon.

14 Kuba qaphelani, andifuni ezandleni zabo kuliwe iimfazwe zeZiyon; kuba njengokuba ndatshoyo kumyalelo wokuqala, nkqu kunjalo ndiya kuzalisekisa—Ndiya kulwa iimfazwe zenu.

15 Qaphelani, ndithumele umtshabalalisi ngaphambili atshabalalise aze abhukuqe iintshaba zam; kwaye asiyiyo iminyaka emininzi ukususela ngoko abayi kushiywa baze bangcolise ilifa lam, baze banyelise igama lam phezu kwemihlaba endiyingcwalisele ukuhlanganisana kunye kwabangcwele bam.

16 Qaphelani, ndiyalele isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., athi ekomeleleni kwendlu yam, nkqu amajoni am, abafana bam, namaqina am, bahlanganisane kunye besenzela inkululeko yabantu bam, baze baphosele phantsi iincopho zeentshaba zam, baze basasaze abalindi bazo.

17 Kodwa ukomelela kwendlu yam akuphulaphulanga emazwini am.

18 Kodwa njengokuba kukho abo baphulaphule emazwini am, ndilungiselele intsikelelo nesipho, ukuba baqhubekeka bethembekile.

19 Ndiyivile imithandazo yabo, kwaye ndiya kuwamkela umnikelo wabo; kwaye kufanelekile kum okokuba babenokuziselwa ukulingwa kokholo lwabo ukuza kuthi ga apha.

20 Kwaye ngoku, inene ndithi kuni, ndininika umyalelo, njengokuba kude kwangoku abaninzi benyukile, ukuze babenako ukuhlala kwingingqi engqongileyo, bavumeleni bahlale;

21 Kwaye abo bangenako ukuhlala, abaneentsapho ezisempumalanga, bavumeleni bahlale ixesha elincinane, njengokuba isicaka sam uJoseph siya kubonyulela;

22 Kuba ndiya kumcebisa ngokunxulumene nalo mba, kwaye zonke izinto naziphina aya kubonyulela zona ziya kuzaliseka.

23 Kwaye vumelani bonke abantu bam abahlala kwiingingqi ezingqongileyo bathembeke kakhulu, benomthandazo, kwaye bethobekile phambi kwam, baze bangazivelisi izinto endizityhile kubo, kude kube bubulumko kum ukuba zityhilwe.

24 Ningathethi ngezigwebo, ingekuko kuzigwagwisa ngokholo nemisebenzi emandlakazi, kodwa ngokulumkileyo nihlanganisane kunye, kangangoko kwingingqi enye benako, ngokuvumelana neemvakalelo zabantu;

25 Kwaye qaphelani, ndiya kuninika uthando nobabalo emehlweni abo, ukuze niphumle eluxolweni naselukhuselekweni, xa nisithi ebantwini: Yenzani isigwebo nobulungisa ngenxa yethu ngokunxulumene nomthetho, kwaye nizilungise iziphoso zethu.

26 Ngoku, qaphelani, ndithi kuni, bahlobo bam, kule ndlela ningafumana uthando emehlweni abantu, ude umkhosi kaSirayeli ube mkhulu kakhulu.

27 Kwaye ndiya kuzithambisa iintliziyo zabantu, njengoko ndenzayo kwintliziyo kaFaro, amaxesha ngamaxesha, kude kube isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., nabadala bam, endibonyulileyo, baya kuba nexesha lokuhlanganisa ukomelela kwendlu yam,

28 Kwaye bathumele amadoda alumkileyo, ukuzalisekisa oko ndibayalele kona ngokunxulumene nokuthengwa kwayo yonke imihlaba eJackson khawunti enako ukuthengwa, neekhawunti ezingqongileyo ezikufuphi.

29 Kuba yintando yam okokuba le mihlaba ithengwe; kwaye emva kokuba ithengiwe baze abangcwele babenayo ngokunxulumene nemithetho yongcwaliso endiyinikileyo.

30 Kwaye emva kokuba le mihlaba ithengiwe, andiyi kuyibeka tyala imikhosi kaSirayeli ekuthabatheni ibango lemihlaba eyiyeyabo, ababeyithenge ngaphambili ngeemali zabo, nokuphosela phantsi iincopho zeentshaba zam ukuze zibe nokuba phezu kwazo, nokusasazwa kwabalindi bazo, nokundiphindezela ezintshabeni zam kuye kwesesithathu nesesine isizukulwana sabo abandithiyileyo.

31 Kodwa kuqala vumelani umkhosi wam ube mkhulu kakhulu, kwaye mawungcwaliswe phambi kwam, ukuze ube nokuzola njengelanga, uze ucace njengenyanga, nokokuba iibhanile zawo zibe nokoyikeka kuzo zonke izizwe;

32 Ukuze izikumkani zeli hlabathi zibe nokunyanzelwa ekuvumeleni okokuba ubukumkani beZiyon ngokwenene kakhulu bubukumkani bukaThixo wethu noKrestu wakhe; ke ngoko, masizingenise phantsi kombuso wemithetho yabo.

33 Inene ndithi kuni, kufanelekile kum okokuba abadala bokuqala bebandla lam bafumane iziphiwo zabo ezivela ngasentla endlwini yam, endiyalele ekubeni yakhelwe egameni lam emhlabeni waseKirtland.

34 Kwaye vumelani loo miyalelo endininike yona ngokunxulumene neZiyon nemithetho yayo yenziwe ize izaliseke, emva kwenkululeko yayo.

35 Bekukho umhla wobizo, kodwa ixesha lifikile lomhla wokukhetha; kwaye vumelani abakhethiweyo babe bafanelekile.

36 Kuya kubonakaliswa kwisicaka sam, ngelizwi loMoya, abo bakhethiweyo; kwaye baya kungcwaliswa;

37 Kwaye njengokuba beya kulandela icebiso abalifumanayo, baya kuba namandla emva kweentsuku ezininzi okufezekisa zonke izinto eziphathelele eZiyon.

38 Kwaye kwakhona ndithi kuni, celani uxolo, ingabi kuphela ebantwini abanibethileyo, kodwa kubo bonke abantu;

39 Kwaye phakamisani ibhanile yoxolo, nize nenze isibhengezo soxolo kwiziphelo zomhlaba;

40 Kwaye yenzani izindululo zoxolo kwabo banibethileyo, ngokunxulumene nelizwi loMoya elikuni, kwaye zonke izinto ziya kusebenza kunye ngokunilungeleyo.

41 Ke ngoko, thembekani; kwaye qaphelani, kwaye yabonani, ndikunye nani nkqu ukuya esiphelweni. Nkqu kunjalo. Amen.