Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 43


Icandelo 43

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eKirtland, eOhio, ngoFebruwari 1831. Ngeli xesha amalungu athile eBandla aphazanyiswa ngabantu ababesenza amabango obuxoki njengabatyhileli. UMprofeti wabuza eNkosini waza wafumana olu nxibelelwano luthethwa ebadaleni beBandla. Inxalenye yokuqala isebenzana nemiba yombuso weBandla; inxalenye yokugqibela iqulathe isilumkiso soko abadala emabasinike izizwe zomhlaba.

1–7, Izityhilelo nemiyalelo ziza kuphela ngolonyulo olunye kuphela; 8–14, AbaNgcwele bangcwaliswa ngokwenza okungcwele konke phambi kweNkosi; 15–22, Abadala bathunyelwa phambili ukumemeza inguquko nokulungiselela abantu umhla omkhulu weNkosi; 23–28, INkosi Ibiza abantu ngelizwi Layo ngamandla endalo; 29–35, IMileniyam nokubotshwa kukaSathana ziya kuza.

1 Owu phulaphulani, nina badala bebandla lam, kwaye nikani indlebe emazwini endiya kuwathetha kuni.

2 Kuba qaphelani, inene, inene, ndithi kuni, okokuba namkele umyalelo womthetho ebandleni lam, ngaye lowo ndimnyulele nina ukuze amkele imiyalelo nezityhilelo ezivela esandleni sam.

3 Kwaye oku niya kukwazi ngokuqinisekileyo—ukuba akakho ongomnye owonyulelwe nina ekwamkeleni imiyalelo nezityhilelo ade abe uthathiwe, ukuba uhlala kum.

4 Kodwa inene, inene, ndithi kuni, okokuba akakho omnye oya kunyulelwa esi sipho ngaphandle kokuba kube kungaye; kuba ukuba sithe sathatyathwa kuye akayi kuba namandla ngaphandle kokuba wonyule omnye endaweni yakhe.

5 Kwaye oku kuya kuba ngumthetho kuni, wokokuba anamkeli imfundiso zakhe nabani na njengezityhilelo okanye imiyalelo oya kuza phambi kwenu;

6 Kwaye oku ndikunika nina okokuba nibe nokungakhohliswa, ukuze nibe nokwazi okokuba abangabo abam.

7 Kuba inene ndithi kuni, okokuba lowo umiselwe ndim uya kuza ngesango aze amiselwe njengoko ndinixeleleyo ngaphambili, ukufundisa ezo zityhilelo enizifumeneyo enithe nazamkela ngaye lowo ndimnyulileyo.

8 Kwaye ngoku, qaphelani, ndininika umyalelo, wokokuba xa nihlangene kunye niya kuyalela nize niphuculane, ukuze nibenokwazi ukuba ningasebenza nize nikhokele njani ibandla lam, ningasebenza njani kumanqaku omthetho nemiyalelo yam, endininikileyo.

9 Kwaye kungoko niya kuyalelwa emthethweni webandla lam, nize ningcwalise koko enithe nakufumana, kwaye niya kuzibophelela ekwenzeni kubo bonke ubungcwele phambi kwam—

10 Ukuze njengoko niya kwenza oku, ubuqaqawuli buya kongezwa ebukumkani enithe nabufumana. Kangangoko ningayi kukwenza oku, kuya kuthatyathwa, nkqu oko sele nikufumene.

11 Hlambulukani niphume ebugwenxeni obuphakathi kwenu; zingcwaliseni phambi kwam;

12 Kwaye ukuba ninqwenela ubuqaqawuli bobukumkani, nyulani isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., nize nimxhase phambi kwam ngomthandazo wokholo.

13 Kwaye kwakhona, ndithi kuni, okokuba ninqwenela iimfihlelo zobukumkani, mboneleleni ngokutya nengubo, nangayo nayiphi na into ayifunayo ekuphumeleliseni umsebenzi lowo endimyalele wona;

14 Kwaye ukuba anikwenzi oku uya kuhlala kwabo bathe bamamkela, ukuze ndibe nokuzigcinela abantu abanyulu phambi kwam.

15 Kwakhona ndithi, phulaphulani nina badala bebandla lam, abo ndibonyulileyo: Anithunyelwanga ngaphambili ekubeni nifundiswe, kodwa ukufundisa abantwana babantu izinto endizibeke ezandleni zenu ngamandla oMoya wam;

16 Kwaye kufundiswa okuvela phezulu. Zingcwaliseni kwaye niya kuphiwa amandla, ukuze nibe nokunika nkqu njengoko ndithethileyo.

17 Phulaphulani nina, kuba, qaphelani, umhla omkhulu weNkosi ukufuphi.

18 Kuba umhla uyeza lowo iNkosi iya kuthetha ngelizwi layo eliphuma ezulwini; amazulu aya kunyikima nomhlaba uya kugungqa, kwaye ixilongo likaThixo liya kuvakala kunye, kude nakakhulu, kwaye liya kuthi kwizizwe ezileleyo: Nina bangcwele vukani nize niphile; nina boni hlalani nize nilale ndide ndibe ndiya kubiza kwakhona.

19 Ngako oko bhinqani izinqe zenu hleze nifunyanwe phakathi kwabakhohlakeleyo.

20 Phakamisani amazwi enu kwaye ningashiyeleli. Bizelani izizwe enguqukweni, kunye abadala nabancinane, kunye abasebukhobokeni nabakhululekileyo, nisithi: Zilungiseleleni umhla omkhulu weNkosi;

21 Kuba xa mna, ndingumntu, ndiphakamisa ilizwi lam ndize ndinibizele enguqukweni, kwaye nindithiye, niya kuthini xa umhla ufika xa iindudumo ziya kuvakalisa amazwi azo avela kwiziphelo zomhlaba zithetha ezindlebeni zabo bonke abaphilayo, zisithi—Guqukani, nize nilungiselele umhla omkhulu weNkosi?

22 Ewe, kwaye kwakhona, xa imibane iya kutshawuzela ngaphambili ukusuka empumalanga ukuya entshonalanga, kwaye iya kuvakalisela ngaphambili amazwi yawo kubo bonke abaphilayo, ize yenze iindlebe zabo bonke abamameleyo zintlontlozele, ithetha la mazwi—Guqukani nina, kuba umhla omkhulu weNkosi uyeza?

23 Kwaye kwakhona, iNkosi iya kuvakalisa ilizwi layo liphuma ezulwini, isithi: Phulaphulani, Owu nina zizwe zomhlaba, kwaye nimamele amazwi aloo Thixo wanenzayo.

24 Owu, nina zizwe zomhlaba, kukangaphi endithe ndabe ndihlanganise rhoqo kunye njengesikhukukazi sihlanganisele amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso, kodwa anivumanga!

25 Kungaphi endithe ndabe ndinibize rhoqo ngomlomo wezicaka zam, nangolungiselelo lweengelosi, nangelizwi lam, nangelizwi leendudumo, nangelizwi lemibane, nangelizwi leenkqwithela, nangelizwi leenyikima zomhlaba, neenkqwithela zesichotho ezinkulu, nangelizwi lendlala neentshabalalo zalo lonke uhlobo, nangesandi esikhulu sexilongo, nangelizwi lomgwebo, nangelizwi lenceba imini yonke, nangelizwi lozuko nembeko nobutyebi bobomi obungunaphakade, kwaye ngelanisindisayo ngosindiso lwanaphakade, kodwa anivumanga!

26 Qaphelani, umhla ufikile, xa indebe yomsindo wengqumbo yam izele.

27 Qaphelani, inene ndithi kuni, okokuba la ngamazwi eNkosi uThixo wenu.

28 Ngako oko, sebenzani, sebenzani esidiliyeni sam ngexesha lokugqibela—kuba ixesha lokugqibela libiza abemi bomhlaba.

29 Kuba ngexesha lam elifanelekileyo ndiya kuza phezu komhlaba emgwebeni, kwaye abantu bam baya kukhululwa kwaye balawule nam emhlabeni.

30 Kuba iMileniyam enkulu, endithethe ngayo ngomlomo wezicaka zam, iya kuza.

31 Kuba uSathana uya kubotshelelwa, aze xa ekhululwa kwakhona uya kulawula kuphela ixesha elincinane, kuze ngoko kufike isiphelo somhlaba.

32 Kwaye lowo uhlala ebulungiseni uya kwenziwa ngakumbi ngephanyazo leliso, kwaye umhlaba uya kudlula njalo ngomlilo.

33 Kunye abakhohlakeleyo baya kujulelwa emlilweni ongacimiyo, kwaye isiphelo sabo akukho mntu usaziyo, kwaye isiphelo sabo akukho mntu usaziyo emhlabeni, singasayi kwaziwa, kude kube beza phambi kwam emgwebeni.

34 Phulaphulani nina la mazwi. Qaphelani, ndinguYesu Krestu, uMsindisi wehlabathi. Londolozani ezi zinto ezintliziyweni zenu, nize nenze iintsulungeko zanaphakade ziphumle phezu kweengqondo zenu.

35 Yibani neengcinga eziphilileyo. Gcinani yonke imiyalelo yam. Nkqu kunjalo. Amen.