Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 41


Icandelo 41

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya eBandleni, eKirtland, eOhio, Februwari 4, 1831. Esi sityhilelo siyalela uMprofeti nabadala beBandla bathandaze ukuze bafumane “umthetho” (bona kwicandelo 42). UJoseph Smith waye sandula ukufika eKirtland evela eNew York, uLeman Copley, ilungu leBandla eliseThompson, eOhio ekude kufuphi, “wacela uMzalwana uJosepho noSidney [Rigdon]…bahlale naye kwaye wayeza kubanika indlu neemfuneko.” Isityhilelo esilandelayo sicacisa apho uJoseph noSidney bamele ukuhlala khona kananjalo uEdward Partridge ubizwa ukuba abe yibhishophu yeBandla lokuqala.

1–3, Abadala baya kulawula iBandla ngomoya wesityhilelo; 4–6, Abafundi abayinene baya kufumana baze bagcine umthetho weNkosi; 7–12, UEdward Partridge ubizwe njengebhishophu eBandleni.

1 Phulaphulani kwaye nimamele, Owu nina bantu bam, itsho iNkosi noThixo wenu, nina endivuyiswa akukunisikelela ngezona zinkulu zazo zonke iintsikelelo, nina nindimamelayo; kwaye nina ningandimameliyo abo bbacekisa igama lam, ndiya ckuniqalekisa, ngesona sinzima kuzo zonke iziqalekiso.

2 Phulaphulani, Owu nina badala bebandla lam endibabizileyo, qaphelani ndininika umyalelo, wokokuba nihlanganisane kunye aekuvumelaneni ngelizwi lam;

3 Kwaye ngomthandazo wokholo lwenu niya kufumana aumthetho wam, ukuze nibe nokwazi ukuba lilawulwa kanjani ibandla lam kwaye nenze zonke izinto zilunge phambi kwam.

4 Kwaye ndiya kuba angumlawuli wenu xa bndisiza; kwaye qaphelani, ndiyeza kamsinya, kwaye niya kubona ukuba umthetho wam uyagcinwa.

5 Lowo awamkela umthetho wam kwaye bawenze, onjalo ungumfundi wam; kwaye othi uwamkele aze angawenzi, onjalo akanguye umfundi wam, kwaye uya ckukhutshelwa ngaphandle phakathi kwenu;

6 Kuba akufanelekanga ukuba izinto ezizezabantwana bobukumkani zinikwe abo bangafanelekanga, okanye aezinjeni, okanye biiperile ziphoswe phambi kweehagu.

7 Kwaye kwakhona, kufanelekile ukuba isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., aowakhelwe indlu, amakahlale kuyo aze baguqulele.

8 Kwaye kwakhona, kufanelekile okokuba isicaka sam uSidney Rigdon ahlale njengoko kubonakala kumlungele, njengokuba egcina imiyalelo yam.

9 Kwaye kwakhona, ndibize isicaka sam auEdward Partridge; kwaye ndinike umyalelo, wokokuba onyulwe ngelizwi lebandla, aze amiselwe abe byibhishophu ebandleni, ashiye urhwebo lwakhe aze cachithe lonke ixesha lakhe kwimisebenzi yebandla;

10 Alungise zonke izinto njengoko ziya kunyulelwa kuye emithethweni yam ngomhla endiya kubanika wona.

11 Kwaye oku kungenxa yentliziyo yakhe enyulu phambi kwam, kuba ufana anoNataniyeli wakudala, kuye ekungekho bnkohliso.

12 La mazwi anikwe nina, kwaye anyulu phambi kwam; ngako oko, lumkelani ukuba niwaphatha njani, kuba aya kuphendulelwa phezu kwemiphefumlo yenu ngemini yomgwebo. Nkqu kunjalo. Amen.