Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 70


Icandelo 70

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti, eHiram, eOhio, Novemba 12, 1831. Imbali yoMprofeti ichaza ukuba iinkomfa ezine ezikhethekileyo zabanjwa ukusukela ngowo-1 kuye kowe-12 kaNovemba, iqukiwe. Kweyokugqibela yezi ntlangano, ukubaluleka okukhulu kwezityhilelo okwakuya kuthi ethubeni kupapashwe njenge Book of Commandments (Ncwadi yeMiyalelo) kuze kamva kube yiMfundiso neMinqophiso kwathathelwa ingqalelo. Esi sityhilelo sanikwa emva kokuba inkomfa yavota ekubeni izityhilelo “zazixabisa eBandleni ubutyebi boMhlaba wonke.” Imbali kaJoseph Smith ibhekisa kwizityhilelo njenge “siseko seBandla kule mihla yokugqibela, nenzuzo ehlabathini, esibonisa okokuba izitshixo zeemfihlelo zobukumkani boMsindisi wethu kwakhona ziphathiswe ngokuthembekileyo ebantwini.”

1–5, Amagosa anyulelwe ukupapasha izityhilelo; 6–13, Abo basebenza ezintweni zomoya bawufanele umvuzo wabo; 14–18, AbaNgcwele bamele ukulingana kwizinto zomzuzwana.

1 Qaphelani, kwaye niphulaphule, Owu nina bemi baseZiyon, nani nonke bantu bebandla lam abakude, nize nive ilizwi leNkosi endilinika isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., kananjalo esicakeni sam uMartin Harris, kananjalo esicakeni sam uOliver Cowdery, kananjalo esicakeni sam uJohn Whitmer, kananjalo esicakeni sam uSidney Rigdon, kananjalo esicakeni sam uWilliam W. Phelps, ngendlela yomyalelo kubo.

2 Kuba ndibanika umyalelo; ngako oko phulaphulani nize nive, kuba itsho njalo iNkosi kubo—

3 Mna, iNkosi, ndibonyule, ndaza ndabamisela babe angamagosa phezu kwezityhilelo nemiyalelo endibanike yona, naleyo endiya kubanika ngoku nakwixesha elizayo;

4 Kwaye ingxelo yobu bugosa ndiya kuyifuna kubo ngomhla womgwebo.

5 Ngako oko, ndonyulele kubo, kwaye lo ngumsebenzi wabo ebandleni likaThixo, ukubalawula nezinto zabo ezibaxhalisayo, ewe, neenzuzo zoko.

6 Ngako oko, ndibanika umyalelo, okokuba abayi kunikela ezi zinto ebandleni, nanye kuzo ehlabathini;

7 Nangona kunjalo, njengokuba befumana ngaphezu koko kuyimfuneko kwiintswelo zabo nakwiimfuno zabo, kuya kunikelwa akuvimba wam;

8 Kwaye iinzuzo ziya kunikelwa kubemi baseZiyon, nakwizizukulwana zabo, njengokuba zisiba aziindlalifa ngokunxulumene emithethweni yobukumkani.

9 Qaphelani, oku kuko iNkosi ekufunayo ebantwini bonke aebugoseni bakhe, nkqu njengam, iNkosi, ndonyule okanye ndiya konyula nawuphina umntu ngoku nakwixesha elizayo.

10 Kwaye qaphelani, akukho namnye okhululweyo kulo mthetho ongowebandla likaThixo ophilileyo;

11 Ewe, ingenguye ubhishophu, ana-arhente egcina uvimba weNkosi, nalowo unyulelwe ebugoseni phezu kwezinto zomzuzwana,

12 Lowo wonyulelwe ukulawula izinto zomoya, onjalo aukufanele umvuzo kwakhe, nkqu njengabo bonyulelwe ebugoseni ukulawula izinto zethutyana.

13 Ewe, nkqu ubuninzi obungakumbi, buninzi obo buphinda-phindelwa kubo ngeembonakalo zoMoya.

14 Nangona kunjalo, kwizinto zenu zomzuzwana niya akulingana, nakoku ninganqalelani, ngenye indlela ubuninzi beembonakaliso zoMoya ziya kufihlwa.

15 Ngoku, lo amyalelo ndiwunikela inzuzo ezicakeni zam ngethuba zishiyekile, ukwenzela imbonakalo yeentsikelelo zam phezu kweentloko zabo, nokwenzela umvuzo bwenkuthalo yabo nokwenzela ukhuseleko lwabo;

16 Ukwenzela ukutya nokwenzela aukunxiba; nokwenzela ilifa; ukwenzela izindlu nemihlaba, nakuzo naziphina iimeko mna, iNkosi, endiya kuzibeka, kwaye nakuyiphina indawo mna, iNkosi, endiya kubathumela kuyo.

17 Kuba bebethembekile phezu akwezinto ezininzi, baza benza kakuhle njengokuba bengonanga.

18 Qaphelani, mna, iNkosi, andinenceba kwaye ndiya kubasikelela, kwaye baya kungena eluvuyweni lwezi zinto. Nkqu kunjalo. Amen.