Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 12


Icandelo 12

Isityhilelo esinikwe ngoJoseph Smith uMprofeti sisiya kuJoseph Knight Omkhulu, eHarmony, ePennsylvania, Meyi 1829. UJoseph Knight wakholelwa kwizibhengezo zikaJoseph Smith ngokunxulumene nokuba namacwecwe eNcwadi kaMormoni nomsebenzi woguqulelo ngoko owawuqhubekeka ngezinto ezithile kuJoseph Smith nonobhala wakhe, ezithe zabanceda baqhubekeke beguqulela. Ngesicelo sikaJoseph Knight, uMprofeti wabuza iNkosi waza wafumana isityhilelo.

1–6, Abasebenzi esidiliyeni baza kuzuza usindiso; 7–9, Bonke abanqwenayo babe bafanelekile bangancedisa emsebenzini weNkosi.

1 aUmsebenzi omkhulu nomangalisayo sele kukufutshane ukuba uze ngaphambili phakathi kwabantwana babantu.

2 Qaphela, ndinguThixo; nika inyameko elizwini lam, elikhawulezayo nelinamandla, elibukhali kunekrele elintlangothi-mbini, elohlula phakathi zombini amalungu nomongo; ke ngoko, nika inyameko elizwini lam.

3 Qaphela, intsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa; ke ngoko, nabani na onqwenela ukuvuna makaphose irhengqe yakhe ngamandlakazi akhe, aze avune ngeli thuba imini isekho, ukuze agcinele phezulu umphefumlo wakhe usindiso lwanaphakade ebukumkanini bukaThixo.

4 Ewe, nabani na oya kuphosa irhengqe yakhe aze avune, onjalo ubizwe nguThixo.

5 Ke ngoko, ukuba uya kucela kum uya kufumana; ukuba uya kunkqonkqoza uya kuvulelwa.

6 Ngoku, njengokuba ucelile, qaphela, ndithi kuwe, gcina imiyalelo yam, uze ufune ukuzisa ngaphambili nokuseka injongo yeZiyon.

7 Qaphela, ndithetha kuwe, kananjalo nakubo bonke abanqwenela ukuzisa ngaphambili nokuseka lo msebenzi;

8 Kwaye akukho namnye unako ukuncedisa kulo msebenzi ngaphandle kokuba uya akuthobeka aze azaliswe bluthando, cenokholo, dithemba, enothando lwenene, enobungcathu kuzo zonke izinto, nayiphina into eya kunikelwa elulondolozweni lwakhe.

9 Qaphela, mna ndikukukhanya nobomi behlabathi, othetha la mazwi, ke ngoko nika inyameko ngamandlakazi akho, kwaye ngoko ubiziwe. Amen.