Izibhalo
IMfundiso neMinqophiso 100


Icandelo 100

Isityhilelo esinikwe uJoseph Smith uMprofeti noSidney Rigdon, ePerrysburg, eNew York, Oktobha 12, 1833. Abazalwana ababini, babethe bangabikho kwiintsapho zabo iintsuku eziliqela, baziva benexhala elithile ngazo.

1–4, UJoseph noSidney bashumayelela ivangeli usindiso lwemiphefumlo; 5–8, Iya kunikwa bona ngelixa kanye oko emabakuthethe; 9–12, USidney uza kuba ngumthetheli aze uJoseph abe ngumtyhili abe namandlakazi ebungqineni; 13–17, INkosi iya kuphakamisela phezulu abantu abanyulu, kwaye abathobekileyo baya kusindiswa.

1 Inene, itsho njalo iNkosi kuni, bahlobo bam aSidney bnoJoseph, iintsapho zenu ziphilile; zisezandleni zam, kwaye ndiya kwenza kuzo njengoko kubonakala kulungile kum; kuba kum kukho onke amandla.

2 Ke ngoko, landelani mna, nize nimamele kwicebiso endiya kulinika nina.

3 Qaphelani, kwaye yabonani, ndinabantu abaninzi kule ndawo, kwiingingqi ezingqongileyo; kwaye ucango olusebenzayo luya kuvulwa kwiingingqi ezingqonge kulo mhlaba wasempumalanga.

4 Ke ngoko, mna, iNkosi inivumele nize kule ndawo; kuba njalo bekufanelekele kum ausindiso lwemiphefumlo.

5 Ke ngoko, inene ndithi kuni, phakamiselani amazwi enu kwaba bantu; athethani iingcinga endiya kuzibeka ezintliziyweni zenu, kwaye aniyi kubhidaniswa phambi kwabantu;

6 Kuba kuya akunikwa nina kwilixa kanye, ewe, ethubeni kanye, oko niya kukuthetha.

7 Kodwa ndininika umyalelo, okokuba niya kubhengeza nayiphina into aeniyibhengeza egameni lam, kwintsulungeko yentliziyo, kumoya bwobulali, ezintweni zonke.

8 Kwaye ndininika esi sithembiso, okokuba njengokuba nisenza oku auMoya oyiNgcwele uya kuthululelwa ngaphambili ekunikeni ubungqina ezintweni zonke naziphina eniya kuzithetha.

9 Kwaye kufanelekile kum okokuba wena, sicaka sam Sidney, ube angumthetheli kwaba bantu; ewe, inene, ndiya kumisela wena kolu bizo, nkqu ube ngumthetheli kwisicaka sam uJoseph.

10 Kwaye ndiya kumnika igunya abe namandlakazi akubungqina.

11 Kwaye ndiya kukunika igunya ube anamandlakazi ekucaciseni zonke izibhalo, ukuze ube ngumthetheli kuye, kwaye uya kuba bngumtyhili kuye, ukuze ube nokwazi ukuqiniseka kwazo zonke izinto eziphathelele kwizinto zobukumkani bam emhlabeni.

12 Ke ngoko, qhubani uhambo lwenu nize nivumele iintliziyo zenu zigcobe; kuba qaphelani, kwaye yabonani, ndikunye nani nkqu ukuya esiphelweni.

13 Kwaye ngoku ndininika ilizwi ngokunxulumene aneZiyon. IZiyon iya bkukhululwa, nangona isohlwaywa nje ixesha elincinane.

14 Abazalwana benu, izicaka zam auOrson Hyde noJohn Gould, basezandleni zam; nanjengokuba beyigcina imiyalelo yam baya kusindiswa.

15 Ke ngoko, mazithuthuzeleke iintliziyo zenu; kuba azonke izinto ziya kusebenza kunye zilungiselela bona abahamba bethe tye, nakungcwaliseko lwebandla.

16 Kuba ndiya kuphakamisela phezulu kwisiqu sam abantu aabanyulu, abaya kundikhonza ebulungiseni;

17 Kwaye bonke aababiza egameni leNkosi, baze bagcine imiyalelo yayo, baya kusindiswa. Nkqu kunjalo. Amen.