Isahluko 9
Ikhaya Elitsha Kwilizwe Ledinga
Baqalisa ukulungisa umhlaba baze batyala iimbewu ababeze nazo.
Njengoko babehamba-hamba kwilizwe labo elitsha, baye bafumana iintlobo ezininzi zezilwanyana. Baye bafumana negolide, nesilivere, kunye nekopolo.
UThixo waxelela uNifayi ukuba makenze amacwecwe esinyithi ukuze abhale kuwo. UNifayi wabhala ngosapho lwakhe nehambo yabo. Waye wabhala namazwi kaThixo.
ULihayi waye waba mdala. Ngaphambi kokuba asweleke waye wathetha noonyana bakhe wabaxelela ukuba bathobele imithetho kaThixo. Waze wasikelela nabazukulwana bakhe.
Emva kokuba uLihayi eswelekile uLeymeni noLemuweli babanomsindo kuNifayi kwaye bafuna ukumbulala. Babengafuni uNifayi, umninawa wabo, ukuba abe yinkokheli yabo.
INkosi yaxelela uNifayi ukuba akhokele abantu ababelungile ukuba baye entlango. Baye bahamba-hamba iintsuku ezininzi baze ekugqibeleni bema kwilizwe abalibiza ngokuba yiNifayi.
Abantu ababelandela uNifayi bamthobela uThixo. Babesebenza ngokuzinikela kwaye babesikelelekile. UNifayi waye wabafundisa abantu bakhe ukuba bakhe ngeenkuni kunye nangeentsimbi. Baye bakha itempile entle.
Abalandeli bakaLeymeni noLemuweli babebizwa ngokuba bangamaLeymenayithi.
AmaLeymenayithi ayengamthobeli uThixo kwaye asikwa kubukho baKhe. UMoya weNkosi wayengakwazi ukuba nabo kude babe baguqukile.
AmaLeymenayithi ayegcwele inkathazo kwaye ayesoloko esilwa namaNifayithi.