Scripture Stories
Isahluko 9: Ikhaya Elitsha Kwilizwe Ledinga


Isahluko 9

Ikhaya Elitsha Kwilizwe Ledinga

Umfanekiso
ilizwe ledinga

Inqanawe eyayithwele usapho lukaLihayi yawela ulwandle kwaye yafika kwilizwe ledinga. Abantu baze bamisa iintente zabo.

Umfanekiso
ukutyala iimbewu

Baqalisa ukulungisa umhlaba baze batyala iimbewu ababeze nazo.

Umfanekiso
izilwanyana ezininzi

Njengoko babehamba-hamba kwilizwe labo elitsha, baye bafumana iintlobo ezininzi zezilwanyana. Baye bafumana negolide, nesilivere, kunye nekopolo.

Umfanekiso
UNifayi uyabhala

UThixo waxelela uNifayi ukuba makenze amacwecwe esinyithi ukuze abhale kuwo. UNifayi wabhala ngosapho lwakhe nehambo yabo. Waye wabhala namazwi kaThixo.

Umfanekiso
ULihayi uthetha nosapho

ULihayi waye waba mdala. Ngaphambi kokuba asweleke waye wathetha noonyana bakhe wabaxelela ukuba bathobele imithetho kaThixo. Waze wasikelela nabazukulwana bakhe.

Umfanekiso
ULeymeni noLemuweli babanomsindo kuNifayi

Emva kokuba uLihayi eswelekile uLeymeni noLemuweli babanomsindo kuNifayi kwaye bafuna ukumbulala. Babengafuni uNifayi, umninawa wabo, ukuba abe yinkokheli yabo.

Umfanekiso
UNifayi nabalungileyo bayahamba

INkosi yaxelela uNifayi ukuba akhokele abantu ababelungile ukuba baye entlango. Baye bahamba-hamba iintsuku ezininzi baze ekugqibeleni bema kwilizwe abalibiza ngokuba yiNifayi.

Umfanekiso
abantu bayathetha

Abantu ababelandela uNifayi bamthobela uThixo. Babesebenza ngokuzinikela kwaye babesikelelekile. UNifayi waye wabafundisa abantu bakhe ukuba bakhe ngeenkuni kunye nangeentsimbi. Baye bakha itempile entle.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi

Abalandeli bakaLeymeni noLemuweli babebizwa ngokuba bangamaLeymenayithi.

Umfanekiso
AmaLeymenayithi

AmaLeymenayithi ayengamthobeli uThixo kwaye asikwa kubukho baKhe. UMoya weNkosi wayengakwazi ukuba nabo kude babe baguqukile.

Umfanekiso
AmaLemenayithi alwa namaNifayithi

AmaLeymenayithi ayegcwele inkathazo kwaye ayesoloko esilwa namaNifayithi.