Scripture Stories
Isahluko 18: U-Alma oMncinane Uyaguquka


Isahluko 18

U-Alma oMncinane Uyaguquka

Umfanekiso
U-Alma umisela abanye

UKumkani uMozaya wenza u-Alma inkokheli yeBandla eZarahemla. U-Alma waza wakhetha amanye amadoda ukuze amncedise ukufundisa amaNifayithi.

Umfanekiso
Amakholwa etshutshiswa

U-Alma noKumkani uMozaya babekhathazekile kukuba abangakholwayo babesenza amalungu eBandla atshutshiseke ngenxa yeenkolo zawo.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane

U-Alma wayenonyana ogama lingu-Alma. U-Alma Omncinane akazange azikholelwe iimfundiso zikayise wakhe kwaye waba yindoda engumenzi wobubi.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane kunye nonyana abane baka Kumkani uMozaya

U-Alma Omncinane kunye noonyana abane bakaKumkani uMozaya balilwa iBandla. Bakhokelela abantu abaninzi ukuba bayeke iBandla kwaye babe ngabenzi bobubi.

Umfanekiso
U-Alma ethandaza

U-Alma wathandazela unyana wakhe ukuba afunde inyaniso kwaye aguquke.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane kunye noonyana bakaKumkani uMozaya

U-Alma Omncinane kwakunye noonyana bakaKumkani uMozaya baqhubeka ukuzama ukutshabalalisa iBandla.

Umfanekiso
ingelosi ibonakala kwindoda

Ngenye imini ingelosi yabonakala kubo. Ingelosi yathetha ngelizwi elikhulu elashukumisa umhlaba.

Umfanekiso
amadodana esothuswa yingelosi

Amadodana amahlanu ayekhwankqisekile kangangokubana ade awa phantsi. Ekuqaleni ayengakwazi ukuyiqonda into ingelosi eyayiyithetha.

Umfanekiso
ingelosi ithetha no-Alma Omncinane

Ingelosi yaza iyimpendulo yemithandazo yamalungu ebandla. Ingelosi yabuza u-Alma Omncinane kutheni esilwa ngokuchasene nebandla.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane

Umhlaba washukuma njengoko ingelosi yayixelela u-Alma omncinane ukuba ayeke ukuzama ukutshabalalisa ibandla.

Umfanekiso
amakhwenkwe esiwa phantsi

U-Alma Omncinane kunye noonyana bakaMozaya bawela phantsi kwakhona. Babebone ingelosi, kwaye babesazi ukuba ngamandla kaThixo awayeshukumise umhlaba.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane ephantsi

U-Alma Omncinane wayemangele wade akakwazi nokuthetha. Waye waba buthathaka wade akakwazi nokushukumisa izandla zakhe.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane efunquliwe

Oonyana bakaMozaya bamfunqula u-Alma Omncinane bamsa kuyise wakhe bamxelela konke okuthe kwenzeka kubo.

Umfanekiso
U-Alma ethandaza

U-Alma waye wavuya. Wayesazi ukuba uThixo wayeyiphendulile imithandazo yakhe.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane ebhedini

U-Alma wabizela abantu abaninzi ndawonye ukuba babone into iNkosi eyayiyenzele unyana wakhe kunye noonyana bakaMozaya.

Umfanekiso
U-ALma esikelela unyana wakhe

U-Alma, kunye nezinye iinkokheli zeBandla, bazila ukutya baze bathandaza bacela uThixo ancede u-Alma Omncinane ukuba aphinde omelele.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane ethetha notata wakhe

Emveni kweentsuku ezimbini nobusuku bazo, u-Alma Omncinane wakwazi ukuthetha nokushukuma.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane ethetha nabanye

Wabaxelela abantu ukuba uguqukile ezonweni zakhe kwaye uThixo umxolele.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane efundisa

Wafundisa ukuba umntu wonke kufuneka abelilungisa ukuze angene kubukumkani bukaThixo. Wathetha nangentlungu enkulu athe wayiva ngenxa yezono zakhe.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane

U-Alma Omncinane wayevuya kuba waye waguquka kwaye uThixo waye wamxolela. Wayesazi ukuba uThixo uyamthanda.

Umfanekiso
amadoda efundisa

U-Alma Omncinane kunye noonyana bakaKumkani uMozaya baqalisa ukufundisa inyaniso kwilizwe jikelele, bexelela wonke umntu abakubonileyo nabakuvileyo.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane efundisa abantu

Bazama ukulungisa ububi abathe babenza. Bazicacisa izibhalo ebantwini bebafundisa ngoYesu Krestu.

Umfanekiso
U-Alma Omncinane abhapatiza abanye

UThixo wamsikelela u-Alma Omncinane kunye noonyana bakaMozaya njengokuba babefundisa ivangeli. Abantu abaninzi babaphulaphula kwaye babakholelwa.