Scripture Stories
Isahluko 24: U-Amon Udibana Notata kaKumkani uLamonayi


Isahluko 24

U-Amon Udibana Notata kaKumkani uLamonayi

Umfanekiso
U-Lamonayi ethetha no-Amon

UKumkani uLamonayi wayefuna ukuthatha u-Amon ayokumdibanisa noyise wakhe. INkosi yamlumkisa u-Amon ukuba angayi kuba uyise kaLamonayi wayezakuzama ukumbulala.

Umfanekiso
U-Amon noLamonayi

Endaweni yoko, iNkosi yaxelela u-Amon ukuba aye kwilizwe laseMidonayi, apho umntakwabo u-Aron wayesentolongweni khona. UKumkani uLamonayi waye wahamba no-Amon.

Umfanekiso
U-Amon noyise kaLamonayi

Njengoko babehamba badibana notata kaKumkani uLamonayi, owayeyi kumkani kwilizwe lonke. Wabuza uLamonayi ukuba wayesiyaphi nexoki leNifayithi.

Umfanekiso
U-Lamonayi, u-Amon, noyise kaLamonayi

UKumkani uLamonayi waxelela uyise wakhe ngo-Amon kunye nangomntakwabo osentolongweni. Enomsindo, utata kaLamonayi wayalela uLamonayi ukuba abulale u-Amon kwaye angabisaya eMidonayi.

Umfanekiso
uyise kaLamonayi ezama ukubulala uLamonayi

ULamonayi wala ukubulala u-Amon kwaye wathi yena no-Amon baya kuyo kukhulula u-Aron. Uyise kaLamonayi waba nomsindo ngakumbi waza watsala ikrele lakhe ezakubulala uLamonayi.

Umfanekiso
U-Amon enzakalisa uyise kaLamonayi

U-Amon wangena phakathi kwabo ekhusela uLamonayi. Uyise kaLamonayi waze wazama ukubulala u-Amon, kodwa wazikhusela kwaye wonzakalisa ingalo kayise kaLamonayi.

Umfanekiso
U-Amon noyise kaLamonayi

Xa uyise kaLamonayi ebona ukuba u-Amon angambulala, wathembisa ukumnika isiqingatha sobukumkani bakhe ukuba anganenceba ngobomi bakhe.

Umfanekiso
U-Amon ethetha noyise ka Lamonayi

U-Amon wathi wayefuna ukuba u-Aron namaqabane akhe bakhululwe entolongweni kwaye uLamonayi akwazi ukugcina ubukumkani bakhe.

Umfanekiso
U-Amon elungisa inxeba lekumkani

Uyise kaLamonayi waqonda ukuba u-Amon wayengafuni ukumenzakalisa. Waye wamangazwa yindlela u-Amon awayemthanda ngayo unyana wakhe. Waze wamema u-Amon ukuba amfundise ivangeli.

Umfanekiso
UKumkani uLamonayi ethetha nekumkani yaseMidonayi

U-Amon nokumkani uLamonayi baya eMidonayi. ULamonayi wathetha nekumkani khona apho, kwaze u-Aron namaqabane akhe baye bakhululwa entolongweni.

Umfanekiso
U-Aron namaqabane bekhululwa

U-Amon wakhathazeka ukubona ukulambatheka kwendlela ababephethwe ngayo. Baye bahlupheka kakhulu kodwa babanomonde.