Isahluko 42
IIMPAWU ZOKUBETHELELWA KUKAKRESTU EMNQAMLEZWENI
Bona ngoku babejonge uphawu lokufa kwakhe: iintsuku ezintathu zobumnyama.
Abanye babengakholelwa ukuba uphawu lwaluza kufika. Bona babephikisana nabo babekholelwa.
Ngenye imini isaqhwithi esinamandla safika. Kwabakho umoya owoyikekayo.
Umbane wadanyaza, kwaye iindudumo zashukumisa umhlaba wonke.
Isixeko iZarahemla satsha. Isixeko sikaMoronayi sazika elwandle. Isixeko sikaMoronayiha sangcwabeka.
Inyikima yashukumisa umhlaba wonke. Oohola bendlela babeqhekekile, kwaye izakhiwo zadilika. Izixeko ezininzi zatshatyalaliswa, kwaye abantu abaninzi babulawa.
Isaqhwithi kunye nenyikima zenzeka kangangeeyure ezintathu.
Ekupheleni kwesaqhwithi nenyikima, intsunguzi yobumnyama yagubungela ilizwe. Kwakungekho kukhanya naphi na. Abantu babenako ukubuva obo bumnyama.
Ubumnyama babakho iintsuku ezintathu. Amakhandlela ayengenako ukuvutha, kwaye abantu babengenako ukubona ilanga, inyanga, okanye iinkwenkwezi.
Abantu balila ngenxa yobobumnyama, intshabalalo, kunye nokufa. Bazisola ngokungaguquki kwizono zabo.
Baze abantu beva ilizwi likaYesu Krestu.
UYesu wabaxelela ngentshabalalo eyoyikekayo kwilizwe. Waze wathi abona bantu babekhohlakele kakhulu babebulewe.
Waze watsho ukuba abo babengabulewanga kwakufuneka baguquke. Ukuba babenze njalo kwaye baze kuye, yena wayeza kubasikelela.
Abantu babemangaliswe kakhulu emva kokuva ilizwi bade bayeka nokulila. Yonke into yayithe cwaka kangangeeyure ezininzi.
Waza uYesu wathetha kwakhona, esithi yena wayemana ezame ukunceda abantu. Ukuba babe nokuguquka ngoku, bona babe senako ukubuyela kuye.
Emva kweentsuku ezintathu ubumnyama bemka. Abantu bagcoba kwaye ngovuyo babulela iNkosi.