Scripture Stories
Isahluko 42: Iimpawu zokuBethelelwa kukaKrestu


Isahluko 42

IIMPAWU ZOKUBETHELELWA KUKAKRESTU EMNQAMLEZWENI

Umfanekiso
Indoda ibambe isandla sentombazana

Amashumi amathathu anesithathu eminyaka ayegqithile ukususela ngoko abantu babebone iimpawu zokuzalwa kukaYesu Krestu.

Umfanekiso
Abantu bajonge phezulu esibhakabhakeni

Bona ngoku babejonge uphawu lokufa kwakhe: iintsuku ezintathu zobumnyama.

Umfanekiso
Abantu bayaxambulisana

Abanye babengakholelwa ukuba uphawu lwaluza kufika. Bona babephikisana nabo babekholelwa.

Umfanekiso
Amadoda kwisaqhwithi

Ngenye imini isaqhwithi esinamandla safika. Kwabakho umoya owoyikekayo.

Umfanekiso
Indoda ihleli

Umbane wadanyaza, kwaye iindudumo zashukumisa umhlaba wonke.

Umfanekiso
Amadoda abalekela kude

Isixeko iZarahemla satsha. Isixeko sikaMoronayi sazika elwandle. Isixeko sikaMoronayiha sangcwabeka.

Umfanekiso
Indoda kunye nabantwana

Inyikima yashukumisa umhlaba wonke. Oohola bendlela babeqhekekile, kwaye izakhiwo zadilika. Izixeko ezininzi zatshatyalaliswa, kwaye abantu abaninzi babulawa.

Umfanekiso
Isaqhwithi kwilizwe lonke

Isaqhwithi kunye nenyikima zenzeka kangangeeyure ezintathu.

Umfanekiso
Abantu bahamba ebumnyameni

Ekupheleni kwesaqhwithi nenyikima, intsunguzi yobumnyama yagubungela ilizwe. Kwakungekho kukhanya naphi na. Abantu babenako ukubuva obo bumnyama.

Umfanekiso
Usapho ebumnyameni

Ubumnyama babakho iintsuku ezintathu. Amakhandlela ayengenako ukuvutha, kwaye abantu babengenako ukubona ilanga, inyanga, okanye iinkwenkwezi.

Umfanekiso
Abantu bayalila ebumnyameni

Abantu balila ngenxa yobobumnyama, intshabalalo, kunye nokufa. Bazisola ngokungaguquki kwizono zabo.

Umfanekiso
Abantu ebumnyameni

Baze abantu beva ilizwi likaYesu Krestu.

Umfanekiso
Ilizwe elitshatyalalisiweyo lisebumnyameni

UYesu wabaxelela ngentshabalalo eyoyikekayo kwilizwe. Waze wathi abona bantu babekhohlakele kakhulu babebulewe.

Umfanekiso
Abantu bayathandaza ebumnyameni

Waze watsho ukuba abo babengabulewanga kwakufuneka baguquke. Ukuba babenze njalo kwaye baze kuye, yena wayeza kubasikelela.

Umfanekiso
Abantu ebumnyameni

Abantu babemangaliswe kakhulu emva kokuva ilizwi bade bayeka nokulila. Yonke into yayithe cwaka kangangeeyure ezininzi.

Umfanekiso
Usapho ebumnyameni

Waza uYesu wathetha kwakhona, esithi yena wayemana ezame ukunceda abantu. Ukuba babe nokuguquka ngoku, bona babe senako ukubuyela kuye.

Umfanekiso
Abantu bajonge phezulu

Emva kweentsuku ezintathu ubumnyama bemka. Abantu bagcoba kwaye ngovuyo babulela iNkosi.